Isaya
Ndiza kuthulula umoya wam kwimbewu yakho,+
Nentsikelelo yam kwinzala yakho.
5 Umntu uza kuthi: “NdingokaYehova.”+
Abe omnye ezibiza ngegama likaYakobi,
Ngoxa omnye yena eza kubhala esandleni sakhe: “OkaYehova.”
Aze azithiye ngegama likaSirayeli.’
‘Ndingowokuqala, nowokugqibela.+
Akukho Thixo ngaphandle kwam.+
Makakhwaze atsho, aze nobungqina kum!+
Njengokuba ndenzayo ukususela ekumiseleni kwam abantu bakudala,
Mabachaze izinto ezizayo
Nezinto eziseza kwenzeka.
Ngaba andixelelanga ngamnye kuni kwangaphambili ndaza ndanazisa?
Ningamangqina am.+
Ngaba ukho omnye uThixo ngaphandle kwam?
Hayi, akekho omnye uLiwa;+ akekho endimaziyo.’”
9 Bonke ababumba imifanekiso eqingqiweyo bachitha ixesha labo,
Nezo zinto zabo bazithandayo azizukubanceda nganto.+
11 Jongani! Bonke abahlobo bakhe baza kuhlaziswa!+
Nabo bakhandi bangamachule, ngabantu njee.
Mabaqokelelane baze beme ngeendawo zabo.
Baza koyika baze bahlaziswe xa bebonke.
12 Umkhandi weentsimbi ukhanda intsimbi esebenzisa isixhobo sakhe* phezu kwamalahle.
Ngezo zigalo zakhe, uyayikhanda,
Eyibumba ngehamile.+
Emva koko uyalamba ibe uphelelwa ngamandla;
Akaseli manzi ibe uyadinwa.
13 Umchweli wolula intambo yokumeta,
aze azobe umfanekiso ngetshokhwe ebomvu.
Uyawutsheza loo mfanekiso ngesixhobo sokuchwela.
Uwenza ufane nomntu,+ inzwana,
14 Kukho onomsebenzi wokugawula imisedare.
Ukhetha uhlobo oluthile lomthi, umthi wom-oki,
Awuyeke ukhule womelele phakathi kweminye imithi yehlathi.+
Utyala umthi womlowureli, uze ukhuliswe yimvula.
15 Emva koko uba ziinkuni umntu abasa ngazo umlilo.
Ucanda kwawona ukuze azifudumeze.
Ubasa ngawo aze abhake isonka.
Kodwa kwangawo wenza uthixo aze amkhonze.
Wenza umfanekiso oqingqiweyo aze aqubude kuwo.+
16 Ngesiqingatha sawo uyabasa;
Kwangeso siqingatha, woja inyama aze ayitye anele.
Akugqiba uyotha aze athi:
“Heke! Waza watsho kamnandi ke lo mlilo.”
17 Kodwa umthi oshiyekileyo uwenza isithixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo.
Uqubuda kuwo aze awukhonze.
Uthandaza kuwo athi:
“Ndisindise, kuba unguthixo wam.”+
18 Abazi kwanto, ibe akukho nto bayiqondayo,+
Kuba amehlo abo avalwe mba ibe ababoni nto,
Nentliziyo yabo ayikwazi kuqiqa.
19 Akukho kwamntu uzikisa ukucinga
Okanye waziyo okanye oqondayo, aze athi:
“Ndiyibasile ihafu yawo,
Ndaza ndabhaka isonka emalahleni awo, ndazojela nenyama.
Ngaba ke ngoko ndimele ndenze into eyenyanyekayo kwangawo?+
Ndimele ndiqubude kwisigodo* somthi na?”
20 Uzondla ngothuthu.
Intliziyo yakhe ekhohlisiweyo imlahlekisile.
Akakwazi kuzisindisa, engakwazi nokuthi:
“Ayibobuxoki na obu busesandleni sam sasekunene?”
21 “Khawukhumbule ezi zinto, Yakobi, nawe, Sirayeli,
Kuba ungumkhonzi wam.
Ndikwakhile, ibe ungumkhonzi wam.+
Andizukukulibala wena Sirayeli.+
22 Ndiza kuzogquma ngokungathi kungelifu iziphoso zakho,+
Nezono zakho ngokungathi kungengqimba yelifu.
Buyela kum, kuba ndiza kukuhlawulela.+
23 Khwazani nivuya, nina mazulu,
Kuba uYehova ungenelele!
Khwazani njengaboyisileyo, nina mathumbu omhlaba!
Yiyizelani nina zintaba,+
Nani mahlathi nemithi yawo!
Kuba uYehova umhlawulele uYakobi,
Wabonakalisa ubukhulu bakhe ngoSirayeli.”+
“NdinguYehova, lowo wadala yonke into.
Ndim owatwabulula amazulu,+
Ikwandim nowaneka umhlaba.+
Khawutsho, ndandincediswa ngubani?
25 Ndizenza zingaphumeleli izinto ezithethwe ngabaprofeti bobuxoki,*
NdinguLowo wenza abavumisi babe zizibhanxa;+
Ndibenza babe zizidenge abazizilumko
Nolwazi lwabo ndilwenza lube bubudenge;+
26 NdinguLowo ubangela into ethethwa ngumkhonzi wakhe yenzeke
Aze enze kungaweli phantsi nasinye isiprofeto somthunywa wakhe;+
Lowo uthi ngeYerusalem, ‘Iza kuba nabemi,’+
Nothi ngezixeko zakwaYuda, ‘Ziza kuphinda zakhiwe,+
Ndiza kuwavusa namabhodlo eYerusalem’;+
27 NaLowo uthi emanzini anzulu, ‘Yibani ngumphunga,
Ndiza kuyomisa yonke imilambo yakho’;+
28 Lowo uthi ngoKoreshi,+ ‘Ngumalusi wam,
Ibe uza kwenza ukuthanda kwam ngokupheleleyo’;+
Lowo uthi ngeYerusalem, ‘Iza kuphinda yakhiwe,’
Nothi ngetempile, ‘Siza kwakhiwa isiseko sakho.’”+