Kubalisa uLuka
10 Emva kwayo yonke le nto, iNkosi yakhetha abantu abayi-70 yaza yabathuma ngababini+ kuzo zonke izixeko neendawo eyayiza kuya kuzo. 2 Emva koko yathi kubo: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abasebenzi. Ngoko ke, cengani uMphathi wesivuno ukuba athumele abasebenzi bayokuvuna.+ 3 Jongani ke! Ndinithuma njengamatakane eegusha phakathi kweengcuka.+ 4 Sanukuphatha mali, okanye mphako, okanye zimbadada,+ yaye ningabulisi mntu* endleleni. 5 Xa ningena emzini, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya.’+ 6 Ukuba kukho umntu othanda uxolo apho, makabe noxolo enimnqwenelela lona. Kodwa ukuba akakho, malubuyele kuni. 7 Ngoko hlalani kuloo mzi+ womntu othanda uxolo, nitye, nisele nantoni na aninika yona,+ kuba umntu osebenzayo ufanelwe ngumvuzo.+ Hlalani kuloo mzi, ningahambi niyokuhlala kweminye.
8 “Kwakhona, kuzo zonke izixeko eniya kuzo nize namkelwe, yityani nantoni na abayibeka phambi kwenu, 9 niphilise nabagulayo, nithi: ‘UBukumkani bukaThixo busondele.’+ 10 Kodwa kuso nasiphi na isixeko eningamkelwayo kuso, yiyani kwizitrato zaso ezikhulu, nize nithi: 11 ‘Sivuthululela kuni nothuli olu lwesixeko senu olusezinyaweni zethu.+ Kodwa ke, ze nazi ukuba uBukumkani bukaThixo busondele.’ 12 Ndithi ke kuni, eso sixeko siza kohlwaywa ngaphezu kweSodom ngemini yomgwebo.+
13 “Uza kuthi shu, Korazin! Uthi shu, nawe Bhethesayida! Kaloku, ukuba imimangaliso eyenzeke kuni yayenzeke eTire naseSidon, zona ngezaziguquke kudala zaza zahlala eluthuthwini zinxibe amalaphu okwenza ingxowa.+ 14 Ngoko ke, niza kohlwaywa ngaphezu kweTire neSidon ngemini yomgwebo. 15 Wena Kapernahum, ngaba mhlawumbi uza kunyuselwa ezulwini? Hayi, uza kwehlela engcwabeni!*
16 “Lowo unimamelayo umamela mna.+ Nalowo unganimameliyo akamameli mna. Ngaphezu koko, nabani na ongandimameliyo, akamameli lowo undithumileyo.”+
17 Aba bantu bayi-70 babuya bevuya, besithi: “Nkosi, sithotyelwa naziidemon ngenxa yegama lakho.”+ 18 Emva koko uYesu wathi kubo: “Ndibona uSathana esiwa+ ezulwini okombane. 19 Jongani! Ndininike igunya lokunyathela iinyoka noonomadudwane, namandla okoyisa utshaba,+ ibe akukho nto iya kuze inenzakalise. 20 Sanukuvuyiswa kukuthotyelwa ziidemon nje qha, kodwa vuyani kuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.”+ 21 Kanye ngelo xesha, uYesu wafikelwa ngumoya oyingcwele, waza wavuya wathi: “Ndikudumisa phambi kwabantu Tata, Nkosi yezulu nomhlaba, kuba uye wazifihla ezi zinto kwizilumko nezifundiswa,+ wazityhilela abantwana. Wenze ngolo hlobo Tata, kuba kukuthanda kwakho oko.+ 22 UTata uziphathise mna zonke izinto, ibe akekho umntu omaziyo uNyana ngaphandle kukaTata, engekho nomntu owaziyo ukuba ngubani uTata ngaphandle koNyana,+ nalowo uNyana athanda ukumxelela ngaye.”+
23 Emva koko, wajonga kubafundi bakhe, wathetha nabo bodwa, esithi: “Bayavuya abantu ababona izinto enizibonayo.+ 24 Kuba ndithi kuni, baninzi abaprofeti nookumkani ababengathanda ukubona izinto enizibonayo, kodwa abazibona,+ nokuva izinto enizivayo, kodwa abaziva.”
25 Kwaphakama enye indoda eyayiwazi kakuhle uMthetho, ifuna ukumvavanya, yathi: “Mfundisi, ndimele ndenze ntoni ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”+ 26 UYesu wathi kuyo: “Kubhalwe ntoni eMthethweni? Uwuva njani?” 27 Yathi: “‘Umele umthande uYehova* uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke nangengqondo yakho yonke,+ uthande nommelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo.’”+ 28 Wathi kuyo: “Unyanisile; hlala usenza loo nto uze ufumane ubomi.”+
29 Kodwa, kuba le ndoda ifuna ukuzenza ilungisa,+ yathi kuYesu: “Ngubani kanye kanye ummelwane wam?” 30 UYesu wathi kuyo: “Kwakukho omnye umntu owayesihla evela eYerusalem esiya eYeriko, wahlaselwa ngootsotsi, bathatha impahla yakhe, bambetha, baza bemka bemshiya sele eza kufa. 31 Kwathi gqi umbingeleli owayezihambela, kodwa wathi akumbona, wahambela kude. 32 Kwagqitha nomLevi, naye wathi akumbona, wahambela kude. 33 Kodwa kwathi gqi umSamariya,+ owathi akumbona waba nosizi. 34 Weza kuye, wagalela amanxeba akhe ioli newayini, waza wawabopha. Emva koko wamkhwelisa kwidonki yakhe, wayokumhoya kwindawo yabahambi. 35 Ngengomso wanika umnikazi waloo ndawo iidenariyo* ezimbini, wathi kuye: ‘Ndicela umhoye; ukuba kuye kwafuneka enye imali, ndiza kuyibhatala xa ndibuya.’ 36 Kwaba bantu bathathu, ucinga ukuba ngubani ummelwane+ walo mntu wahlaselwa ngootsotsi?” 37 Wathi: “Ngulo uye wamnceda.”+ Ngoko uYesu wathi kuye: “Hamba ke, uyokwenza loo nto nawe.”+
38 Bahamba ke baya kwenye ilali. Apho bamkelwa ngobubele nguMarta+ endlini yakhe. 39 UMarta wayenodade wabo uMariya, owahlala phantsi ngasezinyaweni zeNkosi, wayimamela. 40 Yena uMarta wayexakekile, esenza izinto ezininzi. Ngoko weza kuYesu, wathi: “Nkosi, ayikukhathazi na into yokuba udade wethu engandincedisi? Yithi makazokundincedisa.” 41 INkosi yaphendula yathi: “Marta, Marta, uzixakekise ngezinto ezininzi. 42 Zimbalwa izinto ezifunekayo, ukuba ayinyanga. UMariya ukhethe eyona nto ibalulekileyo,+ ibe ayizukuthathwa kuye.”