Hezekile
16 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, yazise iYerusalem ngezenzo zayo ezenyanyekayo.+ 3 Umele uthi, ‘Ithi iNkosi enguMongami uYehova kwiYerusalem: “Ikhaya lakho nendawo owazalelwa kuyo lilizwe lomKanan. Utata wakho wayengumAmori,+ umama wakho engumHiti.+ 4 Xa wawuzalwa, ngemini owazalwa ngayo, ayizange inqunyulwe inkaba yakho, awuzange uhlanjwe nangamanzi ukuze ucoceke, yaye awuzange uhlikihlwe ngetyiwa, ungazange usongelwe nangamalaphu. 5 Akukho mntu wakusizelayo ukuba angade akwenzele nokuba inye kwezi zinto. Akukho mntu wakuvelayo. Kodwa wajulwa esigangeni kuba wacatshukelwa kwangemini owazalwa ngayo.
6 “‘“Xa ndandidlula, ndakubona ujubalaza egazini lakho, ndaza ndathi kuwe ulele kwelo gazi lakho: ‘Qhubeka uphila!’ Ewe, ndathi kuwe ulele kwelo gazi lakho: ‘Qhubeka uphila!’ 7 Ndakwenza waba yinkitha enkulu kakhulu njengezityalo ezihluma entsimini, yaye wakhula waza wanxiba ezona zinto zokuhomba zintle. Amabele akho aqina, neenwele zakho zaba sisihlwitha, kodwa wawusahamba ze.”’
8 “‘Xa ndandidlula ndaza ndakubona, ndaqaphela ukuba wawukhule ngokwaneleyo yaye uzilungele izincokoliso zothando. Ndasolulela phezu kwakho isambatho sam,*+ ndabogquma ubuze bakho, ndaza ndenza isivumelwano kunye nawe,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘waza waba ngowam. 9 Ndakuhlamba ngamanzi, ndalisusa igazi lakho, ndaza ndakuthambisa ngeoli.+ 10 Emva koko, ndakunxibisa isambatho esihonjisiweyo, ndakunxibisa iimbadada zesikhumba,* ndakwambathisa ilinen ecikizekileyo, ndaza ndakunxibisa iimpahla zexabiso elikhulu. 11 Ndakuhombisa ngezinto zokuhomba, ndakunxibisa izacholo ezandleni nasentanyeni. 12 Ndakufaka namacici empumlweni nasezindlebeni, ndakuthwalisa isithsaba esihle entloko. 13 Wawuhomba ngegolide nesilivere, unxiba ilinen ecikizekileyo, ilaphu lexabiso elikhulu nesambatho esihonjisiweyo. Wawusitya umgubo ocolekileyo, ubusi neoli, waza wakhula waba mhle kakhulu,+ wafaneleka ukuba ungangukumkanikazi.’”
14 “‘Waduma* ezintlangeni+ ngenxa yobuhle bakho, kuba bagqibelela ngenxa yozuko lwam endalubeka phezu kwakho,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”
15 “‘Kodwa wasuka wathembela ngobuhle bakho,+ waba ngumfazi othengisa ngomzimba ngenxa yodumo lwakho.+ Wathengisa ngomzimba kuye nabani na ogqithayo,+ baza ubuhle bakho baba bobakhe. 16 Wathatha ezinye iimpahla zakho waza wenza iindawo eziphakamileyo eziyimibala ngemibala, wathengisa ngomzimba kuzo.+ Izinto ezinjalo azifanelanga zenzeke nanini na. 17 Wathatha nezacholo zakho ezenziwe ngegolide nesilivere endandikunike yona, wazenzela imifanekiso yamadoda, wathengisa ngomzimba kuyo.+ 18 Wathatha iimpahla zakho ezihonjisiweyo wayogquma* ngazo; wayinika ioli yam nesiqhumiso esiqholiweyo sam.+ 19 Nesonka sam endakunika sona, isonka esenziwe ngomgubo ocolekileyo, ioli nobusi, endakunika zona ukuba uzitye, wanikela ngaso kuzo njengevumba elimnandi.+ Yile nto kanye eyenzekayo,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”
20 “‘Wathatha oonyana bakho neentombi zakho owandizalela zona,+ wabingelela ngazo kwezi zithixo ukuze ziqwengwe.+ Aziqatselanga ngokwaneleyo na ezi zinto uzenzayo, uthengisa ngomzimba? 21 Waxhela oonyana bam, wanikela ngabo ngokubabingelela* emlilweni.+ 22 Ngoxa ubusenza zonke ezi zinto zakho zenyanyekayo yaye uthengisa ngomzimba, awukhange uyikhumbule imihla yobutsha bakho, xa wawuhamba ze, ujubalaza egazini. 23 Emva kwabo bonke ububi bakho, mawoo, uza kuthi shu,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 24 ‘Wazakhela iindulana, wazenzela neendawo eziphakamileyo kuzo zonke iindawo zikawonke-wonke. 25 Wazakha kwezona ndawo zaziwayo kuzo zonke izitrato iindawo zakho eziphakamileyo, wabenza bayinto eyenyanyekayo ubuhle bakho ngokuzinikela* kuye nabani na odlulayo,+ waza waziphinda-phinda izenzo zokuthengisa ngomzimba.+ 26 Wathengisa ngomzimba koonyana baseYiputa,+ abamelwane bakho abanenkanuko, ibe wandicaphukisa ngezenzo zakho zokuthengisa ngomzimba. 27 Ngoku ndiza kolula isandla sam, ndikohlwaye, ndinciphise ukutya kwakho+ ndize ndikuyekele kubafazi abakucaphukelayo,+ iintombi zamaFilisti, ezothuswayo zizinto ezimanyumnyezi owazenzayo.+
28 “‘Kuba wawunganeliseki, wathengisa ngomzimba koonyana baseAsiriya,+ kodwa emva kokuba uthengise ngomzimba kubo, wawungekaneliseki. 29 Wahambela phambili wathengisa ngomzimba nakwilizwe loosomashishini* nakumaKhaledi;+ kodwa nalapho awuzange waneliseke. 30 Intliziyo yakho yayigula* nyhani,’* itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘Xa wawusenza zonke ezi zinto, uziphatha okomfazi oqaqadekileyo othengisa ngomzimba!+ 31 Kodwa xa wawuzakhela iindulana, wazenzela neendawo eziphakamileyo kuzo zonke iindawo zikawonke-wonke, wawahlukile kubafazi abathengisa ngomzimba, kuba wawungafuni kubhatalwa. 32 Ungumfazi okrexezayo,* othatha abantu angabaziyo endaweni yomyeni wakhe!+ 33 Abantu baqhele ukubapha izinto abafazi abathengisa ngomzimba,+ kodwa wena nguwe obanika izipho bonke abo bakukhanukayo,+ yaye uyabanyoba ukuze beze kuwe besuka kuzo zonke iindawo ukuze ulale nabo.+ 34 Wahluke mpela kwabanye abafazi abathengisa ngomzimba. Akakho umfazi othengisa ngomzimba njengawe! Nguwe obhatala abanye, awubhatalwa ngabo. Ithande ukwahluka le ndlela wenza ngayo.’
35 “Ngoko ke, mfazindini othengisa ngomzimba,+ live ilizwi likaYehova. 36 Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba inkanuko yakho iphalaziwe kwaza kwatyhilwa nobuze bakho xa ubuthengisa ngomzimba kwizithandwa zakho, nakuzo zonke izithixo zakho ezenyanyekayo+ oye wade wanikela ngegazi loonyana bakho kuzo,+ 37 ndiqokelela bonke abo ububanelisa, bonke abo ububathanda nabo bonke obubacaphukela. Ndiza kubaqokelela besuka kuzo zonke iindawo, ndibatyhilele ubuze bakho, baze bakubone uhamba ze.+
38 “‘Ndiza kukohlwaya ngezigwebo ezifanele abakrexezikazi*+ nabafazi abachitha igazi,+ yaye igazi lakho liza kuchithwa ngomsindo nekhwele.+ 39 Ndiza kukunikela kubo, yaye baza kuzichitha iindulana zakho, bazichithe neendawo zakho eziphakamileyo;+ baza kuzoxutha iimpahla zakho,+ bazithathe izacholo* zakho ezihle,+ bakushiye uhamba ze. 40 Baza kukubizela igquba labantu,+ bakubethe ngamatye,+ baze bakuxabele ngamakrele.+ 41 Baza kuzitshisa izindlu zakho,+ bakohlwaye ubukelwe ngabafazi abaninzi; ndiza kukwenza uyeke ukuthengisa ngomzimba,+ yaye uza kuyeka ukubhatala. 42 Ndiza kuyanelisa ingqumbo endinayo,+ ibe uza kwehla umsindo wam;+ ndiza kuxola, ndiyeke ukucaphuka.’
43 “‘Kuba ungakhange uyikhumbule imihla yobutsha bakho,+ waza wandicaphukisa ngokwenza zonke ezi zinto, ndiza kukuzisela imiphumo yeendlela zakho phezu kwentloko yakho,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘yaye uza kuyeka ukuziphatha kakubi nokwenza izinto ezenyanyekayo.
44 “‘Jonga! Wonke umntu osebenzisa izaci uza kusibhekisa kuwe esi sithi: “Intombi ifuze umama wayo!”+ 45 Wena uyintombi kamama wakho, owenyanya indoda yakhe nabantwana bakhe. Ungudade woodadewenu, abenyanya amadoda abo nabantwana babo. Umama wakho wayengumHiti, utata wakho yena engumAmori.’”+
46 “‘Udadewenu omdala nguSamariya+ ongasemntla kuwe* kunye neentombi zakhe,*+ yena udadewenu omncinci nguSodom+ ongasemzantsi kuwe* kunye neentombi zakhe.+ 47 Awuphelelanga ekuhambeni ngeendlela zabo nasekwenzeni izinto zabo ezenyanyekayo, kodwa ngethutyana nje, ude wabogqitha ngendlela eyonakeleyo oziphethe ngayo.+ 48 Ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Ndiphila nje, uSodom udadewenu neentombi zakhe, abakhange bazenze izinto ezenziwe nguwe neentombi zakho. 49 Jonga! Nasi isono sikaSodom udadewenu: Yena neentombi zakhe+ babenekratshi,+ benokutya okuninzi+ yaye behleli ngoxolo;+ kodwa abazange babaxhase abo basentlungwini nabangamahlwempu.+ 50 Babezikhukhumalisa,+ besenza izinto ezenyanyekayo phambi kwam,+ kwanyanzeleka ukuba ndibatshabalalise.+
51 “‘Izono zikaSamariya+ azifiki nakwihafu yezakho. Izinto ezenyanyekayo ozenzayo zininzi gqitha kunezoodadewenu, bade babonakala bengamalungisa ngenxa yezenzo zakho ezenyanyekayo.+ 52 Uza kuhlazeka ke ngoku kuba uzenze zathetheleleka* izinto ezenziwa ngoodadewenu. Ekubeni wone ngokwenza izinto ezenyanyeka ngaphezu kwezabo, bangamalungisa kunawe. Ngoku ke, yiba neentloni uze uhlazeke kuba wenze oodadewenu babonakala bengamalungisa.’
53 “‘Ndiza kuqokelela abathinjwa babo, abakaSodom neentombi zakhe, nabakaSamariya neentombi zakhe; nabakho abathinjwa ndiza kubaqokelela kunye nabo,+ 54 ukuze uthwale ihlazo lakho; uza kuhlazeka ngenxa yokuba uye wabathuthuzela. 55 Oodadewenu, uSodom neentombi zakhe, baza kubuyela kwindlela ababeyiyo ngaphambili, noSamariya neentombi zakhe, baza kubuyela kwindlela ababeyiyo ngaphambili, nawe neentombi zakho niza kubuyela kwindlela enaniyiyo ngaphambili.+ 56 Wawungathethi nokuthetha ngoSodom udadewenu ngomhla wekratshi lakho, 57 ngaphambi kokuba ububi bakho bubhenceke.+ Ngoku iintombi zamaSiriya nabamelwane bazo ziyakugezela, neentombi zamaFilisti+ ezikujikelezileyo zihlekisa ngawe. 58 Uza kuthwala imiphumo yokuziphatha kwakho kakubi neyokwenza izinto ezenyanyekayo,’ utsho uYehova.”
59 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ndiza kuyenza kuwe le nto uyenzileyo,+ kuba uye wasidelela isifungo ngokwaphula isivumelwano sam.+ 60 Kodwa ke mna ndiza kusikhumbula isivumelwano endandisenze nawe ngemihla yobutsha bakho, yaye ndiza kwenza isivumelwano nawe esingasoze siphelelwe.+ 61 Uza kuzikhumbula izinto owazenzayo uze ube neentloni+ xa usamkela oodadewenu, abadala nabancinci kuwe, yaye ndiza kubanika wena babe ziintombi zakho, kodwa hayi ngenxa yesivumelwano sakho.’
62 “‘Yaye mna ndiza kwenza isivumelwano nawe, ibe uza kutsho wazi ukuba ndinguYehova. 63 Uza kutsho ukhumbule uze uphele ziintloni kangangokuba ungafuni nokuvula umlomo ngenxa yokuhlazeka,+ xa ndikuhlawulela nangona wenze zonke ezi zinto uzenzileyo,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”