IiNdumiso
Kumalathisi; idlalwa ngeMute-labhen.* Ingoma emnandi kaDavide.
א [Aleph]
9 Ndiza kukudumisa, Yehova, ngentliziyo yam yonke;
Ndiza kuthetha ngayo yonke imisebenzi yakho emangalisayo.+
2 Ndiza kuvuya ndize ndizingombe isifuba ngawe;
Ndiza kulidumisa ngengoma* igama lakho, wena ungOyena Uphakamileyo.+
ב [Beth]
4 Kuba uyazithethelela izenzo zam zobulungisa;
Uhlala etroneni yakho ugwebe ngobulungisa.+
ג [Gimel]
5 Ukhalimele iintlanga,+ waza wabatshabalalisa abenzi-bubi,
Ulicime ngonaphakade kanaphakade igama labo.
6 Iintshaba uzitshabalalise ngonaphakade,
Wancothula nezixeko zazo,
Watshayela kwanto enokwenza nazo.+
ה [He]
ו [Waw]
9 UYehova uza kuba yindawo ekhuselekileyo*+ kwabo bacinezelwayo,
Indawo yokubalekela ngamaxesha anzima.+
ז [Zayin]
ח [Heth]
13 Ndenzele ububele Yehova; ndicela uyibone intlungu yam eyenziwe ngabo bandicaphukelayo,
Wena undiphakamisayo kwiigeyithi zokufa,+
14 Ukuze ndizithethe kwiigeyithi zentombi yaseZiyon+ zonke izinto ezintle ozenzileyo,
Nokuze ndivuyiswe ziindlela ondisindise ngazo.+
ט [Teth]
16 UYehova waziwa ngomgwebo awuwisileyo.+
Umenzi-bubi ubanjiswa ngumsebenzi wezandla zakhe.+
Higayoni.* (Selah)
י [Yod]
כ [Kaph]
19 Ndicela uphakame Yehova! Sukuvumela umntu ofayo oyise.
Mazigwetywe iintlanga phambi kwakho.+