Kubalisa uMarko
2 Emva kweentsuku ezithile waphinda wangena eKapernahum, yaza yavakala into yokuba uYesu ubuyile.+ 2 Ngoko abantu baqokelelana apho, kwagcwala qhu, nangasemnyango, waza wabashumayeza.+ 3 Bamzisela umntu ofe umzimba ethwelwe ngamadoda amane.+ 4 Kodwa abazange bakwazi ukusondela kuYesu kuba abantu babebaninzi kakhulu, ngoko basusa uphahla kanye phezu koYesu, bagqobhoza baza bawuhlisa umandlalo awayelele kuwo lowo ufe umzimba. 5 Xa uYesu wabona indlela abanokholo ngayo,+ wathi kulo mntu ufe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.”+ 6 Kwakukho abanye ababhali apho, behleli, yaye besithi ezintliziyweni zabo:+ 7 “Kutheni lo mntu ethetha ngolu hlobo? Udelela uThixo. Ngubani onokuxolela izono ngaphandle koThixo?”+ 8 Kodwa ngokukhawuleza uYesu waqonda ukuba bacinga loo nto, waza wathi kubo: “Kutheni nicinga loo nto nje ezintliziyweni zenu?+ 9 Yeyiphi elula kwezi zinto: Kukuthi kumntu ofe umzimba, ‘Izono zakho zixolelwe,’ okanye, ‘Phakama uthathe umandlalo wakho uhambe’? 10 Kodwa ke, ukuze nazi ukuba uNyana womntu+ unegunya emhlabeni lokuxolela izono . . . ”+ wathi kulo mntu ufe umzimba: 11 “Ndithi kuwe, Phakama, uthathe umandlalo wakho ugoduke.” 12 Waphakama ngoko nangoko wathatha umandlalo wakhe, waphuma bonke abantu bemjongile. Bonke babemangalisiwe, baza bamzukisa uThixo, besithi: “Zange sayibona into enje.”+
13 Kwakhona waya ngaselwandle, kweza abantu abaninzi kuye, waza wabafundisa. 14 Njengoko wayedlula, wabona uLevi unyana ka-Alfeyu ehleli kwiofisi yerhafu, wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam.” Waphakama ngoko nangoko, wamlandela.+ 15 Ethubeni, xa uYesu wayesitya* endlini kaLevi, kwakukho abaqokeleli berhafu naboni abaninzi besitya* naye kunye nabafundi bakhe, kuba abaninzi babo babemlandela.+ 16 Kodwa xa ababhali abangabaFarisi babona ukuba utya naboni kunye nabaqokeleli berhafu, bathi kubafundi bakhe: “Kutheni esitya nabaqokeleli berhafu naboni?” 17 Akuyiva le nto uYesu wathi kubo: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni.”+
18 Abafundi bakaYohane nabaFarisi babezila ukutya. Ngoko beza kuye, bathi: “Kutheni thina bafundi bakaYohane nabafundi babaFarisi sizila ukutya, kodwa bona abakho abayenzi loo nto?”+ 19 UYesu wathi kubo: “Akukho sidingo sokuba abahlobo bomyeni bazile ukutya xa umyeni+ esekunye nabo, andithi? Abanakuzila xa umyeni ekunye nabo. 20 Kodwa liyeza ixesha lokuba umyeni athathwe kubo;+ baza kutsho ke bazile ukutya. 21 Akukho mntu uthungela ilaphu elitsha phezu kwempahla endala. Ukuba wenza loo nto, ilaphu elitsha liza kuyitsala, liyikrazule, ize yonakale kakhulu.+ 22 Kwakhona, akukho mntu ugalela iwayini entsha kwiibhotile zofele ezindala. Ukuba uyayenza loo nto, iwayini iza kuzigqabhuza ezo bhotile, zonakale, ichitheke naloo wayini. Kodwa iwayini entsha igalelwa kwiibhotile zofele ezintsha.”
23 Xa uYesu wayedlula emasimini ngeSabatha, abafundi bakhe bakha izikhwebu.+ 24 AbaFarisi bathi kuye: “Jonga! Kutheni besenza into engekho mthethweni ngeSabatha?” 25 Kodwa wathi kubo: “Anizange nifunde na ngento eyenziwa nguDavide xa wayengenakutya, ibe yena namadoda akhe belambile?+ 26 Indlela awangena ngayo endlini kaThixo, waza watya izonka ezibekwa phambi kukaThixo,* wanika nabantu ababekunye naye, njengokuba kuchaziwe kwibali elingoAbhiyatare+ umbingeleli oyintloko, zonka ezo ekungekho mthethweni ukuba zityiwe nangubani na ngaphandle kwababingeleli?”+ 27 Ngoko wathi kubo: “ISabatha yabakho ngenxa yomntu,+ ayingomntu owabakho ngenxa yeSabatha. 28 Ngoko ke uNyana womntu uyiNkosi yayo neSabatha.”+