Duteronomi
30 “Xa zonke ezi zinto zisenzeka kuni, iintsikelelo neziqalekiso endizibeke phambi kwenu,+ niwakhumbule+ la mazwi nikuzo zonke iintlanga uYehova uThixo wenu anisasazele kuzo,+ 2 nibuyele kuYehova uThixo wenu+ yaye niwathobele onke amazwi akhe endiniyalela wona namhlanje, nina noonyana benu, nibuyele kuye ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke,+ 3 uYehova uThixo wenu uza kubabuyisa abathinjwa benu,+ abe nenceba kuni+ aze aniqokelele kwakhona kuzo zonke izizwana anisasazele kuzo uYehova uThixo wenu.+ 4 Nokuba abantu benu basasazeke ukuya kutsho nakwezona ndawo zikude emhlabeni, uYehova uThixo wenu uza kuniqokelela aze anibuyise.+ 5 UYehova uThixo wenu uza kunibuyisela kwilizwe ababehlala kulo ootata benu nize nihlale kulo; uza kunenza niphumelele, anandise ngaphezu kwabo.+ 6 UYehova uThixo wenu uza kucoca intliziyo yenu neyenzala yenu,+ ukuze nimthande uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke, nize niphile.+ 7 Emva koko uYehova uThixo wenu uza kuzisa zonke ezi ziqalekiso kwiintshaba zenu ebezinicaphukela zaza zanitshutshisa.+
8 “Emva koko niza kubuya, nilimamele ilizwi likaYehova nize niyithobele yonke imiyalelo yakhe endiniyalela yona namhlanje. 9 UYehova uThixo wenu uza kunenza niphumelele kuwo wonke umsebenzi wezandla zenu,+ nibe nabantwana abaninzi, imfuyo eninzi nesivuno esininzi, ngoba uYehova uza kuphinda akuvuyele ukunenza niphumelele, kanye ngendlela awayekuvuyela ngayo ukubenza baphumelele ookhokho benu.+ 10 Kuba ngelo xesha niza kulimamela ilizwi likaYehova uThixo wenu, nithobele imiyalelo nemithetho ebhalwe kule ncwadi yoMthetho, nize nibuyele kuYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo* wenu wonke.+
11 “Lo myalelo endiniyalela wona namhlanje awunzimanga yaye uyafikeleleka.+ 12 Awukho semazulwini ukuba ningade nithi, ‘Ngubani na oza kunyuka aye emazulwini ayokusithathela wona, ukuze siwuve size siwuthobele?’+ 13 Awukho nangaphesheya kolwandle ukuba ningade nithi, ‘Ngubani na oza kusiwelela ulwandle ayokusithathela wona, ukuze siwuve size siwuthobele?’ 14 Kuba eli lizwi likufutshane kakhulu kuni, lisemilonyeni yenu nasezintliziyweni zenu,+ ukuze nilithobele.+
15 “Jongani, ndibeka phambi kwenu namhlanje ubomi nokulungileyo, ukufa nokubi.+ 16 Ukuba niyayimamela imiyalelo kaYehova uThixo wenu endiniyalela yona namhlanje, yokuba nimthande uYehova uThixo wenu,+ nihambe ngeendlela zakhe, nize nithobele imiyalelo yakhe, imithetho yakhe nezigwebo zakhe, niza kuphila,+ nande, aze uYehova uThixo wenu anisikelele kwilizwe eniza kuhlala kulo.+
17 “Ukuba intliziyo yenu iye yemka kuThixo,+ ningammameli, nize nitsaleleke ukuba niqubude kwabanye oothixo nibakhonze,+ 18 ndiyaniqinisekisa ukuba nakanjani niza kutshabalala.+ Anizukuhlala ixesha elide kwilizwe eninqumla iYordan nisiya kulo. 19 Amazulu nomhlaba ngamangqina namhlanje okuba, ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso.+ Khethani ubomi ukuze niphile,+ nina nenzala yenu,+ 20 ngokuthi nimthande uYehova uThixo wenu,+ nilimamele ilizwi lakhe,+ ninamathele kuye, kuba ububomi benu yaye niza kuhlala ixesha elide kwilizwe uYehova awafunga ukulinika ookhokho benu, uAbraham, uIsake noYakobi.”+