Levitikus
6 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Ukuba umntu uye wona waza akathembeka kuYehova+ ngokuqhatha ummelwane wakhe ngento ebeyigcinisiwe+ okanye esisibambiso, ngokubela ummelwane wakhe okanye amqhathe, 3 okanye ufumana into ebilahlekile aze azenze ongenalwazi ngayo, yaye ukuba ufunga exoka ngaso nasiphi na isono esinjalo anokusenza,+ nantsi into amakayenze: 4 Ukuba loo mntu uye wona waza waba netyala, umele ayibuyise into ayibileyo, into ayithathe ngenkohlakalo, into ayirhwaphilizileyo, into ebeyigcinisiwe okanye ebilahlekile waza wayifumana, 5 okanye nantoni na aye wayifungela exoka. Uza kuyibhatala yonke kumniniyo+ aze ongeze isihlanu sexabiso layo. Uza kuyinika umnikazi wayo ngemini afunyaniswe ngayo enetyala. 6 Uza kunika umbingeleli inkunzi yegusha ephilileyo ethathwe emhlambini eyeyexabiso elibekiweyo. Iza kuba ngumnikelo wetyala kuYehova.+ 7 Umbingeleli uza kuwunikela kuYehova loo mnikelo aze loo mntu acoceke, aze axolelwe ngayo nantoni na ayenzileyo emenze wanetyala.”+
8 UYehova waqhubeka esithi kuMoses: 9 “Yalela uAron noonyana bakhe uthi: Nanku umthetho womnikelo otshiswayo:+ Umnikelo otshiswayo uza kuhlala eziko phezu kwesibingelelo ubusuku bonke kude kuse. Umlilo uza kuhlala uvutha esibingelelweni. 10 Umbingeleli uza kunxiba impahla yakhe yokusebenza eyenziwe ngelinen,+ anxibe nempahla yangaphantsi yelinen.*+ Emva koko, uza kususa uthuthu*+ lomnikelo otshiswe ngomlilo phezu kwesibingelelo, aze alubeke ecaleni kwaso. 11 Akugqiba, uza kuyikhulula loo mpahla+ anxibe enye, aze ayokululahlela ngaphandle kwenkampu olo thuthu, kwindawo ecocekileyo.+ 12 Umlilo uza kugcinwa uvutha kwisibingelelo. Awumele ucime. Umbingeleli umele abase iinkuni+ kuso ntsasa nganye aze awubeke kakuhle umnikelo otshiswayo phezu kwazo, aqhumise phezu kwawo ngamanqatha ombingelelo wobuhlobo.+ 13 Umlilo uza kuhlala uvutha esibingelelweni. Awumele ucime.
14 “‘Nanku ke umthetho womnikelo wokutya:+ Nina bonyana baka-Aron, niza kuwuzisa phambi koYehova ngaphambi kwesibingelelo. 15 Omnye wabo uza kukha isandla sigcwale kumgubo ocoliweyo oneoli nentlaka yokuqhumisa. Emva koko uza kuqhumisa ngawo kwisibingelelo ube ngumnikelo omela wonke umnikelo uze ube livumba elimnandi kuYehova.+ 16 Into eseleyo iza kutyiwa nguAron noonyana bakhe.+ Baza kuyityela endaweni engcwele njengamaqebengwana angenagwele. Baza kuyityela ngaphakathi eyadini yentente yokuhlangana.+ 17 Loo mnikelo mawungabhakwa ngayo nantoni na enegwele.+ Usisabelo sabo endibanike sona kumnikelo wam otshiswa ngomlilo.+ Siyeyona nto ingcwele,+ njengomnikelo wesono nanjengomnikelo wetyala. 18 Bonke oonyana baka-Aron baza kuwutya.+ Sisibonelelo sabo eso esisuka kwiminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo esiza kuhlala sihleli kwizizukulwana zenu.+ Yonke into eyichukumisayo* iza kuba ngcwele.’”
19 Kwakhona uYehova wathi kuMoses: 20 “Lo ngumnikelo uAron noonyana bakhe abaza kuwuzisa kuYehova ngomhla wokuthanjiswa kwakhe:+ isishumi se-efa*+ somgubo ocoliweyo ube ngumnikelo wokutya ekunikelwa ngawo rhoqo.+ Kusasa uza kunikela ihafu yawo aze ngokuhlwa anikele enye ihafu. 21 Uza kubhakwa ngeoli epanini.+ Uza kuwuzisa udityaniswe kakuhle neoli ungamaqhekeza abhakiweyo omnikelo wokutya olivumba elimnandi kuYehova. 22 Umbingeleli oza kuthanjiswa emva kwakhe ophuma koonyana bakhe+ uza kuwenza naye. Lo ngumthetho oza kuhlala ixesha elide: Wonke loo mnikelo uza kunikelwa kuYehova. 23 Wonke umnikelo wokutya wombingeleli ufanele ube ngumnikelo opheleleyo. Umele ungatyiwa.”
24 Waphinda wathi uYehova kuMoses: 25 “Yithi kuAron nakoonyana bakhe, ‘Lo ngumthetho womnikelo wesono:+ Endaweni ekuxhelelwa kuyo umnikelo otshiswayo,+ nomnikelo wesono uza kuxhelelwa apho phambi koYehova. Uyeyona nto ingcwele. 26 Uza kutyiwa ngumbingeleli owunikelayo ngenxa yesono.+ Uza kutyelwa endaweni engcwele eyadini yentente yokuhlangana.+
27 “‘Yonke into echukumisa inyama yawo iza kuba ngcwele, yaye xa nabani na etshiza izambatho ngegazi lawo, umele uyihlambele endaweni engcwele loo nto itshizwe ngegazi. 28 Isitya sodongwe obubiliswe ngaso umnikelo masaphulwe. Kodwa ukuba ubiliswe ngesitya sekopolo, simele sikhuculwe size sihlanjwe ngamanzi.
29 “‘Wonke umntu oyindoda phakathi kwababingeleli uza kuwutya.+ Uyeyona nto ingcwele.+ 30 Kodwa mawungatyiwa umnikelo wesono ukuba inxalenye yawo yegazi iye yaziswa ententeni yokuhlangana ukuze kuhlawulelwe endaweni engcwele.+ Ufanele utshiswe ngomlilo.