Hoseya
Kuba ngenxa yokuba uthengisa ngomzimba* uye wemka kuThixo wakho.+
Uye wathanda umvuzo wokuthengisa ngomzimba kuwo onke amabala okubhula iinkozo.+
2 Kodwa ibala lokubhula nesixovulelo sewayini azizukumondla uSirayeli,
Newayini entsha iza kumphoxa.+
3 Akazukuqhubeka ehlala elizweni likaYehova;+
Kunoko uEfrayim uza kubuyela eYiputa,
Ibe uza kutya izinto ezingcolileyo eAsiriya.+
Bafana nesonka sokuzila;
Bonke abo basityayo baza kuzingcolisa.
Kuba isonka sabo sesabo bodwa;
Asizukungena endlini kaYehova.
6 Kuba jonga! kuza kufuneka babaleke ngenxa yokutshatyalaliswa kwelizwe.+
IYiputa iza kubaqokelela,+ neMemfis iza kubangcwaba.+
Izinto zabo ezixabisekileyo zesilivere ziza kudliwa ngamarhawu,*
Ibe kuza kubakho amatyholo anameva ezintenteni zabo.
Umprofeti wakhe uza kuba sisidenge, nomntu ophefumlelweyo uza kuphambana;
Ngenxa yobuninzi besiphoso sakho, nawe ucatshukelwa kakhulu.”
8 Unogada+ wakwaEfrayim wayenoThixo wam.+
Kodwa ngoku zonke iindlela zabaprofeti bakhe+ zinjengesabatha sombambisi weentaka;
Kukho inzondo endlini kaThixo wakhe.
9 Bangene nzulu ekonakaliseni, njengakwimihla yaseGibheya.+
Uza kusikhumbula isiphoso sabo aze abohlwaye ngezono zabo.+
10 “USirayeli ndamfumana njengokufumana iidiliya entlango.+
Ukubabona kwam ookhokho benu, babenjengamafiya* okuqala emthini wawo.
Benyanyeka njengale nto bayithandayo.
12 Nokuba bangade bakhulise abantwana,
Baza kufa de kungabikho nenye indoda,+
Baza kuthi shu xa ndibashiya!+
13 UEfrayim owayetyalwe edlelweni, wayefana neTire kum;+
Kodwa ngoku uEfrayim ufanele azise oonyana bakhe ukuze babulawe.”
14 Owu Yehova, khawubanike le nto ibafaneleyo;
Isibeleko esikhupha isisu namabele omileyo.
15 “Konke ukona kwabo kwakuseGiligali,+ kuba ndabacaphukela apho.
Ndiza kubagxotha endlini yam ngenxa yezinto ezingcolileyo abazenzayo.+
Ndiza kuyeka ukubathanda;+
Zonke iinkokheli zabo zinenkani.
Iingcambu zakhe ziza koma, ibe akazukuvelisa siqhamo.
Nokuba angade azale, ndiza kuyibulala loo nzala yakhe ayithandayo.”