Hoseya
Kodwa waba netyala ngenxa kaBhahali+ waza wafa.
2 Ngoku wongeza kwisono sakhe,
Wenza imifanekiso yesinyithi ngesilivere yakhe;+
Wenza izithixo ngobuchule, wenza wonke umsebenzi wabakhandi.
Uthi kuzo, ‘Abantu ababingelelayo mabaphuze amathole.’+
3 Ngoko uza kufana namafu asekuseni,
Nombethe okhawuleza uthi shwaka,
Umququ ophetshethwa sisaqhwithi kwibala lokubhula,
Nomsi ophuma kumngxuma wophahla.
4 Kodwa ndaba nguYehova uThixo wakho ukususela ezweni laseYiputa;+
Wawungazi Thixo ngaphandle kwam,
Futhi akukho msindisi ngaphandle kwam.+
5 Ndakwazi kwasentlango,+ kwilizwe elomileyo.
Wandilibala.+
Ndiza kumqwenga njengengonyama;
Irhamncwa liza kumdlakaza.
9 Liza kukutshabalalisa Sirayeli,
Ngenxa yokuba undijikele, ujikele umncedi wakho.
10 Uphi ke ngoku ukumkani wakho; angakusindisi nje kuzo zonke izixeko zakho,+
Nabalawuli* bakho, abo wathi ngabo,
‘Ndinike ukumkani neenkosana’?+
13 Uza kufikelwa ziintlungu zenimba.
Kodwa ungumntwana osisidenge;
Kuba xa kufuneka ezelwe, akaveli.
Aphi na amandla akho, Kufa okubangela intlungu?*+
Kuphi na ukutshabalalisa kwakho ngcwaba?+
Amehlo am awazukuba nalusizi.
15 Nokuba angachuma phakathi kweengcongolo,
Uza kufikelwa ngumoya wasempuma, umoya osuka kuYehova.
Usuka ngasentlango usiza komisa iqula nomthombo wakhe.
Uza kuboxutha bonke ubutyebi bakhe.+
16 ISamariya iza kubekwa ityala+ kuba imjikele uThixo wayo.+