Kubalisa uMarko
13 Xa uYesu wayesimka etempileni, omnye wabafundi bakhe wathi kuye: “Mfundisi, jonga indlela amahle ngayo la matye nezi zakhiwo!”+ 2 Kodwa uYesu wathi kuye: “Uyazibona na ezi zakhiwo zikhulu? Akukho nelinye ilitye eliza kushiyeka apha lingadilizwa.”+
3 Wathi esahleli kwiNtaba YemiNquma, eyibona itempile, uPetros, uYakobi, uYohane noAndreya bathetha naye ecaleni, bambuza bathi: 4 “Sixelele, ziza kwenzeka nini ezi zinto, ibe siza kubona ngantoni xa sele ziza kwenzeka?”+ 5 Ngoko uYesu wathi kubo: “Lumkani kungabikho mntu unilahlekisayo.+ 6 Baninzi abaza kuza egameni lam, besithi, ‘Ndinguye,’ balahlekise abaninzi. 7 Ngaphezu koko, xa nisiva ngeemfazwe kwiindawo ngeendawo, sanukothuka; ezi zinto zimele zenzeke, kodwa sibe singekafiki isiphelo.+
8 “Iintlanga ziza kulwa nezinye iintlanga namazwe alwe namanye amazwe;+ ibe kuza kubakho iinyikima kwiindawo ngeendawo; kuza kubakho nendlala.+ Ezi zinto zikukuqala kwexesha lobunzima.+
9 “Kodwa nina nimele nilumke. Abantu baza kunisa ezinkundleni,+ yaye niza kubethwa kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda,*+ ibe niza kumiswa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, nitsho nikwazi ukushumayela ngam kubo.+ 10 Kwakhona, kumele kuqale kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga.+ 11 Xa besiya kunibambisa, ningabi naxhala lokuba niza kuzithethelela nithini, kodwa nantoni eniyinikwayo ukuba niyithethe ngelo xesha, yithetheni, kuba iza kube ingenini abathethayo, kodwa ingumoya oyingcwele.+ 12 Ngaphezu koko, umntu uza kubulalisa umntakwabo, utata abulalise umntwana, nabantwana bajikele abazali babo baze bababulalise.+ 13 Niza kucatshukelwa ngumntu wonke ngenxa yegama lam,+ kodwa lowo unyamezele kwada kwasekupheleni*+ uza kusindiswa.+
14 “Kodwa ke, xa nibona into eyenyanyekayo netshabalalisayo+ imi apho ingafanele ime khona (ofundayo makasebenzise ingqondo), abantu bakwaYuda mababalekele ezintabeni.+ 15 Umntu ophezu kwendlu makangehli, angangeni nasendlini ayokuthatha nantoni na; 16 nomntu osemasimini makangabi sabuyela emva, ayokuthatha isambatho sakhe sangaphezulu. 17 Baza kuthi shu ngezo mini abafazi abakhulelweyo nabadlezana!+ 18 Hlalani nithandazela ukuba loo nto ingenzeki ebusika; 19 kuba loo mihla iza kube iyimihla yentlungu+ engazange ibonwe ukususela ekuqaleni kwendalo kaThixo de kwalelo xesha, nengasoze iphinde ibekho.+ 20 Ukuba uYehova* ebengazukuyinqumla loo mihla, bekungazukusinda mntu; kodwa uza kuyinqumla ngenxa yabo abakhethileyo.+
21 “Kwakhona, ukuba nabani na uthi kuni, ‘Jongani! Nanku uKristu,’ okanye, ‘Jongani! Nankuya!’ ze ningammameli.+ 22 Kuba kuza kuvela ooKristu nabaprofeti bobuxoki,+ benze imimangaliso nemilingo ukuze balahlekise nabakhethiweyo, ukuba kunokwenzeka. 23 Ngoko ke, nina hlalani nithe qwa.+ Ndinixelele yonke into kwangaphambili.
24 “Kodwa ngaloo mihla, emva kwaloo ntlungu, ilanga liza kuba mnyama, inyanga ingakhanyi,+ 25 kuwe iinkwenkwezi, nesibhakabhaka sidlikidlwe. 26 Ngoko abantu baza kumbona uNyana womntu+ esiza esemafini, enamandla nozuko olukhulu.+ 27 Emva koko uza kukhupha iingelosi, ziqokelele abo abakhethe emhlabeni wonke,* ukusuka kwisiphelo somhlaba ukuyokutsho kwisiphelo sezulu.+
28 “Fundani isifundo kumthi wamafiya:* Xa ethamba amasetyana alo mthi, kuphume namagqabi, niyazi ukuba ihlobo likufutshane.+ 29 Nani ke, xa nibona ezi zinto, ze nazi ukuba uNyana womntu sele esemnyango.+ 30 Ndiyaniqinisekisa ukuba, soze sidlule esi sizukulwana zingenzekanga zonke ezi zinto.+ 31 Liza kudlula izulu nomhlaba,+ kodwa wona amazwi am soze adlule.+
32 “Akukho mntu uyaziyo loo mini okanye loo yure, ayaziwa ziingelosi ezisezulwini, ingaziwa nanguNyana, yaziwa nguTata kuphela.+ 33 Hlalani nivule amehlo, nithe qwa,+ kuba anilazi ixesha elikhethwe nguThixo.+ 34 Kufana nomntu owaya kwelinye ilizwe, washiya indlu yakhe kumakhoboka akhe,+ wanika ngalinye umsebenzi, waza wayalela unogada wasemnyango ukuba ahlale ethe qwa.+ 35 Ngoko ke hlalani nithe qwa, kuba animazi ukuba ubuya nini umnikazi wendlu;+ animazi nokuba uza kubuya ngorhatya, okanye ezinzulwini zobusuku, okanye ngomsobomvu,* okanye ekuseni,+ 36 ukuze xa efika ningamlindelanga, angafiki nilele.+ 37 Kodwa le nto ndiyithetha kuni, ndiyithetha kumntu wonke: Hlalani nithe qwa.”+