Yeremiya
7 Nali ilizwi elafika kuYeremiya livela kuYehova: 2 “Yima egeyithini yendlu kaYehova, uze ubaxelele la mazwi, ‘Liveni ilizwi likaYehova nonke nina bantu bakwaYuda, abangena kwezi geyithi bezokukhonza uYehova. 3 Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Zitshintsheni iindlela zenu nezenzo zenu, ibe ndiza kuniyeka nihlale kule ndawo.+ 4 Sanukuthembela kumazwi obuxoki nize nithi, ‘Le yitempile* kaYehova, itempile kaYehova, itempile kaYehova!’+ 5 Kuba, ukuba nizitshintsha nyhani iindlela zenu nezenzo zenu, ukuba ngokwenene kubakho ubulungisa phakathi komntu nommelwane wakhe,+ 6 ukuba animcinezeli umntu wasemzini, inkedama* nomhlolokazi,+ ukuba anilichithi igazi elimsulwa kule ndawo, yaye anizonakalisi ngokulandela abanye oothixo,+ 7 ndiza kuniyeka nihlale kule ndawo, kwilizwe endalinika ookhokho benu ngonaphakade.”’”
8 “Nithembela kumazwi obuxoki;+ kodwa ayizukuninceda nganto loo nto. 9 Ningeba na,+ nibulale, nikrexeze,* nifunge ngobuxoki,+ nibingelele kuBhahali+ nize nilandele abanye oothixo enaningabazi, 10 kwanina nizokuma phambi kwam kule ndlu inegama lam, nithi, ‘Siza kusindiswa,’ nakugqiba ukwenza zonke ezi zinto zenyanyekayo? 11 Ngaba le ndlu inegama lam iye yaba yindawo nje yootsotsi kuni?+ Mna lo ndizibonele,” utsho uYehova.
12 “‘Kodwa ke, hambani ngoku, niye endaweni yam eShilo,+ apho ndaqala khona ukulibeka igama lam,+ nize nibone into endayenza kuyo ngenxa yobubi babantu bam amaSirayeli.+ 13 Kodwa niye naqhubeka nisenza zonke ezi zinto,’ utsho uYehova, ‘nangona ndiye ndathetha ndithethile* nani, anikhange nindimamele.+ Ndiye ndaqhubeka ndinibiza kodwa anikhange nindiphendule.+ 14 Ngoko ke, indlela endenza ngayo eShilo,+ ndiza kwenza ngayo nakwindlu enithembele ngayo+ enegama lam,+ nakule ndawo endayinika nina nookhokho benu. 15 Ndiza kunisusa phambi kwamehlo am, kanye ngendlela endabasusa ngayo bonke abantakwenu, yonke inzala kaEfrayim.’+
16 “Wena ke, ungasithandazeli esi sizwana, ungaphakamisi nesikhalo okanye usithandazele okanye usicengele,+ kuba andizukukumamela.+ 17 Awuziboni na izinto abazenzayo kwizixeko zakwaYuda nakwizitrato zaseYerusalem? 18 Oonyana baqokelela iinkuni, ootata babo babasa umlilo, abafazi baxova intlama ukuze benze izonka zombingelelo ukuze babingelele kuKumkanikazi Wamazulu,*+ kwaye bagalelela abanye oothixo umnikelo oselwayo befuna ukundicaphukisa.+ 19 ‘Ndim na lo bamkhathazayo?’* utsho uYehova. ‘Abazikhathazi ngokwabo na, bezizisela ihlazo?’+ 20 Ngoko ke, ithi iNkosi enguMongami uYehova, ‘Jonga! Umsindo wam nobushushu bam buza kuba phezu kwale ndawo,+ ebantwini nakwizilwanyana, kwimithi yasendle nakwiziqhamo zomhlaba; buza kuvutha yaye abuzukucinywa.’+
21 “Uthi uYehova wemikhosi, uThixo wamaSirayeli, ‘Qhubani, yongezani iminikelo yenu etshiswa ngokupheleleyo kwimibingelelo yenu nize niyitye ngokwenu nenyama.+ 22 Kuba ngemini endabakhupha ngayo ookhokho benu eYiputa, andizange ndithethe nto okanye ndibayalele nto ngeminikelo etshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo.+ 23 Kodwa ndathi kubo: “Thobelani ilizwi lam, yaye ndiza kuba nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.+ Nimele nihambe ngayo yonke indlela endiniyalela ngayo ukuze izinto zinihambele kakuhle.”’+ 24 Kodwa abazange bamamele okanye bavule indlebe,+ endaweni yoko baqhubeke behamba ngamaqhinga* abo. Ngenkani balandela iintliziyo zabo ezimbi,+ ibe babuyele umva endaweni yokuya phambili, 25 ukususela ngemini abaphuma ngayo ookhokho benu kwilizwe laseYiputa kude kube yile mini.+ Ngoko ndaqhubeka ndithumela kuni abakhonzi bam abangabaprofeti, ndibathumela yonke imihla ngokuphindaphindiweyo.*+ 26 Kodwa abafunanga kundimamela, yaye abayivulanga indlebe yabo.+ Endaweni yaloo nto baqhubeka benenkani,* ibe benza izinto ezimbi ngakumbi kunookhokho babo!
27 “Uza kuwathetha onke la mazwi kubo,+ kodwa abazukukumamela; uza kubabiza, kodwa abazukukuphendula. 28 Uza kuthi kubo, ‘Olu luhlanga olungalithobelanga ilizwi likaYehova uThixo walo nolungayamkelanga ingqeqesho. Ukuthembeka akukho, ibe akukho nto ithethwayo ngako phakathi kwalo.’*+
29 “Zichebe iinwele zakho ezingachetywanga,* uzilahle, ucule ingoma yokuzila phezu kweenduli ezomileyo, kuba uYehova usilahlile yaye uza kusishiya enyanyeni esi sizukulwana siye samcaphukisa. 30 ‘Kuba oonyana bakaYuda benze into embi emehlweni am,’ utsho uYehova. ‘Babeke izithixo zabo ezilizothe endlini enegama lam, ukuze bayingcolise.+ 31 Baye bakha iindawo eziphakamileyo zaseTofete, eseNtlanjeni Yonyana KaHinom,*+ ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo emlilweni,+ nto leyo endingabayalelanga ukuba bayenze nengathanga qatha entliziyweni yam.’*+
32 “‘Ngoko ke, Jonga! kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘xa kungazukuphinda kuthiwe yiTofete neNtlambo Yoonyana BakaHinom,* kodwa kuthiwe yiNtlambo Yokubulala. Baza kungcwabela eTofete ide ingabikho indawo yokungcwaba.+ 33 Izidumbu zesi sizwana ziza kuba kukutya kweentaka zamazulu nokwamarhamncwa omhlaba, kungabikho mntu uwagxothayo abaleke.+ 34 Ndiza kusiphelisa ezixekweni zakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem isandi sokuvuya nesolonwabo, ilizwi lomyeni nelizwi lomtshakazi;+ kuba ilizwe liza kutshatyalaliswa.’”+