Yeremiya
43 Wathi uYeremiya akugqiba ukuxelela bonke abantu amazwi avela kuYehova uThixo wabo, awathunywe nguYehova uThixo wabo ukuba awathethe, 2 uAzariya unyana kaHoshaya noYohanan+ unyana kaKareya nawo onke amadoda anekratshi bathi kuYeremiya: “Uyaxoka! UYehova uThixo wethu akakuthumanga ukuba uthi, ‘Sanukuyokuhlala eYiputa.’ 3 Kodwa nguBharuki+ unyana kaNeriya okuqhubayo, kuba efuna sisiwe kumaKhaledi ukuze asibulale, okanye asithimbele eBhabhiloni.”+
4 UYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zomkhosi nabo bonke abantu abazange balithobele ilizwi likaYehova lokuba bahlale kwilizwe lakwaYuda. 5 UYohanan unyana kaKareya nazo zonke iintloko zomkhosi bathatha bonke abo bantu bambalwa bakwaYuda babeshiyekile, ababebuyile kuzo zonke iintlanga ebabesasazeke kuzo, ukuze bahlale okwethutyana kwilizwe lakwaYuda.+ 6 Bathatha amadoda, abafazi, abantwana, iintombi zikakumkani, nabo bonke abantu uNebhuzaradan+ intloko yoonogada awayebashiye noGedaliya+ unyana ka-Ahikam+ unyana kaShafan,+ nomprofeti uYeremiya noBharuki unyana kaNeriya. 7 Ngoko baya kwilizwe laseYiputa, kuba abazange balithobele ilizwi likaYehova, yaye bahamba de baya kufika eTapanehesi.+
8 Emva koko ilizwi likaYehova lafika kuYeremiya eTapanehesi lisithi: 9 “Thatha amatye amakhulu, uwafihle eludakeni kwindlela yezitena engakumnyango wendlu kaFaro eseTapanehesi, amadoda akwaYuda ebukele. 10 Emva koko yithi kuwo, ‘Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli: “Jongani, ndithumela uNebhukadenetsare* ukumkani waseBhabhiloni, umkhonzi wam,+ ibe ndiza kuyibeka itrone yakhe kanye phezu kwala matye ndiwafihlileyo, yaye uza kuyandisa intente yakhe phezu kwawo.+ 11 Uza kufika aze alihlasele ilizwe laseYiputa.+ Nabani na obekelwe isibetho esibulalayo uza kufumana isibetho esibulalayo; nabani na obekelwe ukuthinjwa uza kuthinjwa; nabani na obekelwe ikrele uza kufunyanwa likrele.+ 12 Ndiza kuzintumeka ngomlilo izindlu* zoothixo baseYiputa,+ aze uNebhukadenetsare azitshise, athimbe nabo thixo. Uza kuzambathisa ngelizwe laseYiputa, kanye njengomalusi ezambathisa ngesambatho sakhe, aphume apho ngoxolo.* 13 Uza kuziqhekeza iintsika zaseBhete-shemeshe* ezikwilizwe laseYiputa, nezindlu* zoothixo baseYiputa uza kuzitshisa.”’”