Yeremiya
27 Ekuqaleni kolawulo lukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi kuYeremiya livela kuYehova: 2 “Uthi uYehova, ‘Zenzele iintambo needyokhwe, uze uzibeke entanyeni yakho. 3 Emva koko zithumele kukumkani wakwaEdom,+ kukumkani wakwaMowabhi,+ kukumkani wama-Amoni,+ kukumkani waseTire+ nakukumkani wakwaSidon,+ ngabathunywa abeze eYerusalem kuKumkani uZedekiya wakwaYuda. 4 Banike lo myalelo, bawuse kwiinkosi zabo:
“‘“Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli; ze nithi kwiinkosi zenu, 5 ‘Ndim owenza umhlaba, abantu nezilwanyana eziphezu komhlaba, ngamandla am amakhulu nangengalo yam eyoluliweyo; kwaye ndiwunike nabani na endifune ukumnika.*+ 6 Kodwa ngoku onke la mazwe ndiwanikele kwisicaka sam uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni; nkqu namarhamncwa asendle ndiwanikele kuye ukuba amsebenzele. 7 Zonke iintlanga ziza kusebenzela yena nonyana wakhe nomzukulwana wakhe de kufike ixesha lokuwa kwelizwe lakhe,+ xa iintlanga ezininzi nookumkani abakhulu beza kumenza ikhoboka.’+
8 “‘“‘Ukuba kukho nasiphi na isizwe okanye uhlanga olungafuniyo ukusebenzela uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni; nolungafuniyo ukubeka intamo yalo phantsi kwedyokhwe kakumkani waseBhabhiloni, ndiza kulohlwaya ngekrele,+ ngendlala nangesifo esingubhubhani, de ndizigqibe ngesandla sakhe,’ utsho uYehova.
9 “‘“‘Ngoko ke nina, sanukubamamela abaprofeti benu, abavumisi benu, abaphuphi benu, abantu benu abenza imilingo nabathakathayo, abathi kuni: “Anizukumsebenzela ukumkani waseBhabhiloni.” 10 Kuba baprofeta ubuxoki kuni, ukuze nifuduselwe kude emhlabeni wenu, ibe ndiza kunisasaza yaye niza kutshabalala.
11 “‘“‘Kodwa uhlanga oluzisa intamo yalo phantsi kwedyokhwe kakumkani waseBhabhiloni luze lumsebenzele, ndiza kuluyeka luhlale* emhlabeni walo,’ utsho uYehova, ‘luwulime luze luhlale kuwo.’”’”
12 Ndawathetha la mazwi nakuZedekiya+ ukumkani wakwaYuda, ndisithi: “Zisani iintamo zenu phantsi kwedyokhwe kakumkani waseBhabhiloni nize nimsebenzele yena nabantu bakhe, yaye niza kuhlala niphila.+ 13 Kutheni ufanele ufe wena nabantu bakho ngekrele,+ ngendlala+ nangobhubhani,+ ngendlela uYehova athethe ngayo ngohlanga olungazukumsebenzela ukumkani waseBhabhiloni? 14 Sanukuwamamela amazwi abaprofeti abathi kuni, ‘Anizukumsebenzela ukumkani waseBhabhiloni,’+ kuba baprofeta ubuxoki kuni.+
15 “‘Kuba khange ndibathume,’ utsho uYehova, ‘kodwa baprofeta ubuxoki egameni lam, ngoko ke ndiza kunisasaza yaye niza kutshabalala, nina nabaprofeti abaprofeta kuni.’”+
16 Ndathetha nakubabingeleli nakuso sonke esi sizwana, ndathi: “Uthi uYehova, ‘Sanukuwamamela amazwi abaprofeti benu abaprofeta kuni besithi: “Jongani! Izitya zendlu kaYehova ziza kubuyiswa ngokukhawuleza eBhabhiloni!”+ kuba baprofeta ubuxoki kuni.+ 17 Sanukubamamela. Sebenzelani ukumkani waseBhabhiloni nize nihlale niphila.+ Kutheni esi sixeko sifanele sonakaliswe? 18 Kodwa ukuba bangabaprofeti, yaye ukuba ilizwi likaYehova likho kubo, mabacenge uYehova wemikhosi ukuba izitya eziseleyo endlini kaYehova nasendlini kakumkani wakwaYuda naseYerusalem zingasiwa eBhabhiloni.’
19 “Kuba uthi uYehova wemikhosi ngeentsika,+ uLwandle,+ iinqwelo+ nezitya ezishiyekileyo kwesi sixeko, 20 ezo uKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni wayengazithathanga xa wayethimba uYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, emthatha eYerusalem emsa eBhabhiloni kunye nazo zonke izikhulu zakwaYuda nezaseYerusalem;+ 21 kuba uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli ngezitya eziseleyo endlini kaYehova nasendlini kakumkani wakwaYuda naseYerusalem: 22 ‘“Ziza kusiwa eBhabhiloni,+ ibe ziza kuhlala apho de kube yimini yokuba ndizikhumbule,” utsho uYehova. “Emva koko ndiza kuzibuyisa ndize ndizibeke kule ndawo.”’”+