Yeremiya
15 Emva koko uYehova wathi kum: “Nokuba bekumi uMoses noSamuweli phambi kwam,+ bendingazukusisizela esi sizwana. Sisuse phambi kwam. Masihambe. 2 Ukuba bathi kuwe, ‘Siye phi?’ uze uthi kubo, ‘Uthi uYehova:
“Nabani na ongowesibetho esibulalayo, makaye kwisibetho esibulalayo!
Nabani na ongowekrele, makaye ekreleni!+
Nabani na ongowendlala, makaye endlaleni!
Nabani na ongowokuthinjwa, makaye ekuthinjweni!”’+
3 “‘Ndiza kusizisela iintlekele ezine,’*+ utsho uYehova, ‘ikrele lokubulala, izinja ukuze zirhuqe, iintaka zamazulu namarhamncwa omhlaba ukuba aqwenge yaye atshabalalise.+ 4 Ndiza kubenza into eyoyikekayo kuzo zonke izizwe zomhlaba+ ngenxa kaManase unyana kaHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ngenxa yento awayenza eYerusalem.+
5 Ngubani na oza kuvelana nawe, Yerusalem,
Ngubani na oza kukusizela,
Ingubani na oza kuma aze akubuze impilo?’
6 ‘Uye wandilahla,’ utsho uYehova.+
Ngoko ndiza kusolulela kuwe isandla sam, ndikutshabalalise.+
Ndidiniwe kukukusizela.*
7 Ndiza kubaphosa emoyeni ngefolokhwe ezigeyithini zelizwe.
Ndiza kuboxutha abantwana.+
Ndiza kubatshabalalisa abantu bam,
Kuba bengafuni ukulahla iindlela zabo.+
8 Phambi kwam, abahlolokazi babo baza kuba baninzi kunesanti yeelwandle.
Ndiza kubazisela umtshabalalisi emini emaqanda oomama nabafana.
Ngequbuliso ndiza kubenza batatazele kukoyika.
9 Umfazi ozele abantwana abasixhenxe uphelelwe;
Uzama ukuphefumla.
Ilanga limtshonele emini;
Libangela iintloni nehlazo.’*
‘Nabo bambalwa bashiyekileyo babo
Ndiza kubanikela kwikrele leentshaba zabo,’ utsho uYehova.”+
Andibolekisanga yaye abandibolekanga.
Kodwa bonke bayandiqalekisa.
11 UYehova uthe: “Nakanjani na ndiza kukulungiselela ukuze ulungelwe.
Nakanjani na ndiza kukuthethelela ngexesha lentlekele,
Ngexesha lokuhlaselwa kwakho lutshaba.
12 Ngaba umntu angayiqhekeza intsimbi ibe ziingceba,
Intsimbi evela emntla nekopolo?
13 Ubuncwane nobutyebi bakho ndiza kubunikela ukuba boxuthwe,+
Bungathengiswa, ngenxa yazo zonke izono zakho, kuyo yonke imimandla yakho.
Kuba umsindo wam uphembe umlilo,
Uyavutha ngenxa yenu.”+
15 Uyazi wena Yehova,
Ndikhumbule uze ujonge ngakum.
Undiphindezelele kubantu abanditshutshisayo.+
Ngenxa yokucaphuka kade kwakho, sukundivumela nditshabalale.*
Yazi ukuba ngenxa yakho ndiyangcikivwa.+
16 Amazwi akho aye afunyanwa, ndaza ndawatya;+
Ilizwi lakho lindonwabisile, lavuyisa nentliziyo yam,
Kuba igama lakho libizwe kum, Yehova Thixo wemikhosi.
17 Andihlali nabo baqhulayo ndize ndonwabe.+
18 Kutheni intlungu yam ingapheli nenxeba lam linganyangeki?
Alide liphile.
Ngaba uza kuba njengomthombo wamanzi oqhathayo kum
Ekungenakuthenjelwa kuwo?
19 Ngoko ke uYehova uthi:
“Ukuba uyabuya, ndiza kuphinda ndikubuyisele endaweni yakho,
Ibe uza kuma phambi kwam.
Ukuba uza kwahlula phakathi kwento exabisekileyo nengaxabisekanga,
Uza kuba njengomlomo wam.*
Kuza kufuneka bona beze kuwe,
Kodwa wena awuzukuya kubo.”
20 “Ndikwenza udonga lwekopolo olukhuselekileyo kwesi sizwana.+
Nakanjani na siza kulwa nawe,
Kodwa asizukukoyisa.+
Kuba ndinawe, ukuze ndikusindise nokuze ndikuhlangule,” utsho uYehova.
21 “Ndiza kukusindisa kubenzi-bubi,
Ndikukhulule nasesandleni sabakhohlakeleyo.”