Yeremiya
30 Ilizwi elafika kuYeremiya livela kuYehova lalisithi: 2 “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Wabhale encwadini onke la mazwi ndiwathetha kuwe. 3 Kuba “jonga! kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kubaqokelela ngayo abantu bam abathinjiweyo, uSirayeli noYuda,”+ utsho uYehova, “yaye ndiza kubabuyisela kwilizwe endalinika ookhokho babo, liphinde libe lelabo.”’”+
4 La ngamazwi uYehova awawathethayo kuSirayeli nakuYuda.
5 Kuba uthi uYehova:
“Siye seva izandi zokungcangcazela;
Abantu bayoyika, yaye akukho luxolo.
6 Khanincede nibuzise ukuba indoda iyakwazi na ukuzala.
Kutheni wonke umntu ephatshe ubuso?
7 Mawoo! Kuba loo mini yimini embi.*+
Ayikho enjengayo,
Lixesha lentlungu kuYakobi.
Kodwa uza kusindiswa kulo.”
8 “Ngaloo mini,” utsho uYehova wemikhosi, “ndiza kuyaphula idyokhwe esentanyeni yakho, neentambo* zakho ndiza kuziqhawula, yaye abantu basemzini abazukuphinda bamenze ikhoboka.* 9 Baza kuba ngabakhonzi bakaYehova uThixo wabo nezicaka zikaDavide ukumkani wabo, endiza kubavelisela yena.”+
Kuba ndiza kukusindisa ulee kude
Nenzala yakho ikwilizwe eyathinjelwa kulo.+
UYakobi uza kubuya, azole yaye angaphazanyiswa,
Kungabikho mntu umoyikisayo.”+
11 “Kuba ndinawe,” utsho uYehova, “ukuze ndikusindise.
Ndiza kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikuchithachithele kuzo.+
Kodwa ke wena andizukukutshabalalisa.+
12 Kuba uthi uYehova:
“Akunyangeki ukuwa kwakho.+
Isilonda sakho asinyangeki.
13 Akukho mntu ukuthethelelayo,
Akukho ndlela yakusinyanga isilonda sakho.
Awunyangeki.
14 Zonke izithandwa zakho zikulibele.+
Azisakufuni.
Kuba ndikubethe ngendlela obuza kubethwa ngayo lutshaba,+
Ngendlela ohlwaya ngayo umntu okhohlakeleyo,
Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi.+
15 Kutheni ukhala ngenxa yokuwa kwakho?
Intlungu yakho ayinyangeki!
Ngenxa yobukhulu betyala lakho nezono zakho ezininzi+
Ndiyenzile le nto kuwe.
Abo boxutha izinto zakho baza koxuthelwa izinto zabo,
Yaye ndiza kubenza ixhoba abo bakwenza ixhoba.”+
17 “Kodwa ndiza kukwenza ube sempilweni, ndiphilise nezilonda zakho,”+ utsho uYehova.
“Nangona bekubiza ngokuba ungumntu olahliweyo, besithi:
‘IZiyon, ekungekho mntu uyifunayo.’”+
18 Uthi uYehova:
“Ngoku ndiqokelela abathinjwa beentente zikaYakobi,+
Ndiza kuba nosizi ngeentente zakhe.
Isixeko siza kuphinda sakhiwe kwindulana yaso,+
Inqaba ekhuselekileyo iza kuma kwisiza sayo esifanelekileyo.
19 Kuza kuphuma umbulelo nesandi sokuhleka kubo.+
20 Oonyana bakhe baza kuba njengakumaxesha akudala,
Yaye phambi kwam ibandla lakhe liza kuma lingagungqi.+
Ndiza kulwa nabo bonke abacinezeli bakhe.+
21 Ohloniphekileyo wakhe uza kuphuma ebantwini bakhe,
Nomlawuli wakhe uza kuvela kuye.
Ndiza kumenza asondele, yaye uza kuza kum.”
“Kuba ngubani onokuba nesibindi* sokuza kum?” utsho uYehova.
22 “Niza kuba ngabantu bam,+ ndize mna ndibe nguThixo wenu.”+
23 Jonga! Isaqhwithi sikaYehova siza kuvuthuza ngomsindo,+
Isivuthuvuthu esivuthuza kwintloko yabenzi-bubi.
Ekupheleni kwemihla uza kuyiqonda le nto.+