IZenzo Zabapostile
16 Ngoko wafika eDerbhe naseListra.+ Apho kwakukho umfundi ogama linguTimoti,+ unyana womfazi ongumYuda olikholwa nendoda engumGrike. 2 Abazalwana baseListra naseIkoniyo babethetha kakuhle ngoTimoti. 3 UPawulos wafuna ukuhamba naye, ngoko wamthatha, wamalusa ngenxa yamaYuda awayekwezo ndawo,+ kuba onke ayesazi ukuba utata wakhe ngumGrike. 4 Njengoko babehamba kwezo zixeko, babedlulisela izigqibo emazithotyelwe, ezo babegqibe kuzo abapostile nabadala ababeseYerusalem.+ 5 Emva koko amabandla aqhubeka esiba nokholo olomeleleyo yaye esanda yonke imihla.
6 Baya eFrigiya naseGalati,+ kuba umoya oyingcwele awuzange ubavumele ukuba bashumayele kwiphondo laseAsiya. 7 Bakufika eMisiya, bazama ukuya eBhithiniya,+ kodwa umoya kaYesu awuzange ubavumele. 8 Ngoko badlula eMisiya, baya eTrowa. 9 Ebusuku uPawulos wabona embonweni kumi indoda yaseMakedoni imcenga isithi: “Yiza ngapha eMakedoni usincede.” 10 Wathi akubona loo mbono, sazama ukuya eMakedoni, siqonda ukuba sithunywe nguThixo ukuba siyokushumayela iindaba ezilungileyo apho.
11 Ngoko ke sasuka eTrowa sahamba ngesikhephe saya ngqo eSamotraki, kodwa ngemini elandelayo saya eNeyapoli. 12 Ukusuka apho saya eFilipi,+ isixeko samaRoma,* esiyintloko kwingingqi yaseMakedoni. Sahlala iintsuku ezimbalwa kweso sixeko. 13 Ngemini yeSabatha saya ngaphandle kwegeyithi, ngasemlanjeni, apho sasicinga ukuba abantu baza kudibana khona ukuze bathandaze; yaye sahlala phantsi sathetha nabafazi ababelapho. 14 Umfazi ogama linguLidiya, owayethengisa amalaphu amsobo,* owayesuka kwisixeko saseTiyatira+ nowayekhonza uThixo, wayemamele, yaye uYehova* wayivula ngokupheleleyo intliziyo yakhe ukuze azive izinto ezazithethwa nguPawulos. 15 Xa yena nendlu yakhe babhaptizwayo,+ wasicenga wathi: “Ukuba nindibona ndithembekile kuYehova,* yizani endlini yam nize nihlale.” Wasicenga sada saya.
16 Njengoko sasisiya kwindawo ekuthandazelwa kuyo, sadibana nesicakazana esasinomoya oyidemon yokuvumisa.+ Sasizenzela imali eninzi iinkosi zaso ngokuchaza izinto ezingekenzeki. 17 Le ntombazana yasilandela thina noPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda ngamakhoboka Oyena Thixo Uphakamileyo+ yaye ashumayela kuni indlela eninokusindiswa ngayo.” 18 Yayenza iintsuku ezininzi le nto. Ekugqibeleni uPawulos wadinwa yile nto waza wajika wathi kuloo moya: “Ndiyakuyalela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuye.” Waphuma kanye ngelo xesha.+
19 Ngoko xa iinkosi zale ntombazana zabonayo ukuba iphelile indlela yazo yokwenza imali,+ zambamba uPawulos noSilas, zabarhuqela kubalawuli ababekwindawo ekuthengiswa kuyo.+ 20 Zabasa koomantyi basekuhlaleni zaza zathi: “Aba bantu basiphazamisa kakhulu isixeko sethu.+ NgamaYuda la, 21 yaye ashumayela amasiko esingavumelekanga ukuba siwenze ekubeni singamaRoma.” 22 Bonke abantu bathukisa benomsindo, yaye emva kokuba oomantyi basekuhlaleni bebakrazulele iimpahla zabo, bayalela ukuba babethwe ngeentonga.+ 23 Emva kokuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa ejele, baza bayalela unogada ukuba aqiniseke ukuba uyabagada.+ 24 Ngenxa yokuba efumene umyalelo onjalo, wabafaka kwesona sisele singaphakathi ejele waza iinyawo zabo wazibophelela ezitokisini.
25 Kodwa malunga nasezinzulwini zobusuku uPawulos noSilas babethandaza, bedumisa uThixo ngengoma,+ yaye amabanjwa ayebamamele. 26 Ngequbuliso kwabakho inyikima enkulu, eyashukumisa iziseko zejele. Zonke iingcango zavuleka ngoko ngangoko, onke amatsheyini nezitokisi zamabanjwa zakhululeka.+ 27 Ukuvuka kwakhe unogada wejele, wabona ukuba iingcango zivulekile, wakhupha ikrele lakhe efuna ukuzibulala, ecinga ukuba amabanjwa aqhweshile.+ 28 Kodwa uPawulos wakhwaza wathi: “Sukuzenzakalisa kuba sonke silapha!” 29 Ngoko unogada wacela ukuba kuziwe nezibane, wakhawuleza wangena, emva koko wawa phantsi phambi kukaPawulos noSilas engcangcazela. 30 Wabakhupha ngaphandle, wathi: “Bahlekazi, ndimele ndenze ntoni ukuze ndisindiswe?” 31 Bathi: “Kholwa kwiNkosi uYesu yaye uza kusindiswa wena nendlu yakho.”+ 32 Balishumayela ilizwi likaYehova* kuye nakubo bonke abo babesendlini yakhe. 33 Kanye ngelo xesha ngobo busuku, wahamba nabo waza wabahlamba amanxeba. Emva koko yena nayo yonke indlu yakhe babhaptizwa ngaphandle kokulibazisa.+ 34 Wabazisa endlini yakhe, wabadekela itafile, yaye yena nabo bonke abo babesendlini yakhe bavuya kakhulu kuba ngoku babekholwa kuThixo.
35 Kwathi kwakuba semini, oomantyi basekuhlaleni bathumela amadindala ukuba ayokuthi: “Wakhulule loo madoda.” 36 Unogada wejele wayichazela uPawulos loo nto esithi: “Oomantyi basekuhlaleni bathumele amadoda ukuba nina nobabini nikhululwe. Ngoko ke phumani nize nihambe ngoxolo.” 37 Kodwa uPawulos wathi kubo: “Basikatse* phambi kwabantu singakhange sigwetywe* nangona singamaRoma,+ emva koko basifaka ejele. Kutheni ngoku beza kusizimelisa xa besikhupha? Hayi khona! Mabeze kusikhupha ngokwabo.” 38 La madindala ahamba ayokubachazela oomantyi basekuhlaleni ngale nto. Bona boyika bakuva ukuba la madoda ngamaRoma.+ 39 Ngoko beza, babacenga baza babakhupha, emva koko babacela ukuba bemke kweso sixeko. 40 Kodwa bona baphuma ejele baya kwaLidiya; yaye emva kokuba bebabonile abazalwana, babakhuthaza+ baza bemka.