31 La ngamazwi kaKumkani uLemuweli, umyalezo obalulekileyo awawunikwa ngumama wakhe emfundisa:+
2 Ndimele ndithini kuwe, nyana wam,
Yhini na, nyana wesibeleko sam,
Nyana wezifungo zam?+
3 Uze ungawaniki abafazi amandla akho,+
Ungalandeli neendlela ezitshabalalisa ookumkani.+
4 Akubafanelanga ookumkani, Lemuweli,
Akubafanelanga ookumkani ukusela iwayini
Okanye abalawuli ukuba bathi, “Buphi utywala bam?”+
5 Ukuze bangaseli baze balibale umthetho obekiweyo,
Bangawaniki amalungelo awo amahlwempu.
6 Utywala bunike abo batshabalalayo+
Newayini uyinike abo basentlungwini.+
7 Mabasele baze babulibale ubuhlwempu babo;
Mabaziphose kwelokulibala iinkathazo zabo.
8 Bathethelele abo bangakwazi kuzithethelela;
Walwele amalungelo abo batshabalalayo.+
9 Thetha uze ugwebe ngobulungisa;
Walwele amalungelo amahlwempu nabasweleyo.+
א [Aleph]
10 Ngubani onokumfumana umfazi ofanelekileyo?+
Ixabiso lakhe lingaphezulu lee kweleekorale.
ב [Beth]
11 Umyeni wakhe umthemba ngentliziyo yakhe yonke,
Ibe akukho nto ayidingayo.
ג [Gimel]
12 Umvuza ngokulungileyo, hayi ngezinto ezimbi,
Yonke imihla yobomi bakhe.
ד [Daleth]
13 Ukhangela uboya nelinen;
Uyakuthanda ukusebenza ngezandla zakhe.+
ה [He]
14 Unjengeenqanawa zikasomashishini,+
Uza nokutya okuvela kude.
ו [Waw]
15 Uvuka kusemnyama,
Ayinike ukutya indlu yakhe
Anike nezicakakazi zakhe izabelo zazo.+
ז [Zayin]
16 Ucinga ngentsimi ethile aze ayithenge;
Utyala intsimi yeediliya ngezandla zakhe.
ח [Heth]
17 Ulungiselela ukusebenza nzima,+
Aze omeleze iingalo zakhe.
ט [Teth]
18 Uyaqinisekisa ukuba ukushishina kwakhe kungenisa imali;
Isibane sakhe asicimi ebusuku.
י [Yod]
19 Izandla zakhe zithatha intonga yokuluka,
Ibe zibamba intonga yokusonta.+
כ [Kaph]
20 Isandla sakhe usolulela osweleyo,
Ibe usivulela amahlwempu.+
ל [Lamed]
21 Akayoyikiseli intsapho yakhe ngenxa yekhephu,
Kuba yonke intsapho yakhe ineempahla ezifudumeleyo.
מ [Mem]
22 Uyazenzela iingubo zomandlalo wakhe.
Impahla yakhe yeyelinen noboya obumsobo.
נ [Nun]
23 Umyeni wakhe uyaziwa ezigeyithini zesixeko,+
Apho ahlala khona phakathi kwabadala belizwe.
ס [Samekh]
24 Wenza impahla yelinen aze ayithengise,
Ibe uthengisela oosomashishini amabhanti.
ע [Ayin]
25 Wambethe amandla nobukhulu,
Ibe akalixhalelanga ikamva.
פ [Pe]
26 Kuphuma ubulumko emlonyeni wakhe;+
Umthetho wobubele uselulwimini lwakhe.
צ [Tsade]
27 Uzijongile izinto ezenzekayo entsatsheni yakhe,
Ibe akasityi isonka sobuvila.+
ק [Qoph]
28 Abantwana bakhe bayaphakama baze bathi wonwabile;
Umyeni wakhe uyaphakama aze amdumise.
ר [Resh]
29 Baninzi abafazi abafanelekayo,
Kodwa wena, ubodlula bonke.
ש [Shin]
30 Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuphela,+
Kodwa umfazi owoyika uYehova uza kudunyiswa.+
ת [Taw]
31 Mvuzeni ngenxa yezinto azenzayo,+
Ibe mayimdumise imisebenzi yakhe kwiigeyithi zesixeko.+