Levitikus
4 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 2 “Yithi kumaSirayeli, ‘Ukuba kwenzekile umntu wona ngempazamo,+ wenza nayiphi na into kwezo uYehova athe mazingenziwa, nantsi into emayenzeke:
3 “‘Ukuba umbingeleli othanjisiweyo*+ wonile+ waza wabazisela ityala abantu, umele azise inkunzi yethole lenkomo eliphilileyo ibe ngumnikelo wesono oya kuYehova ngenxa yesono asenzileyo.+ 4 Uza kuyizisa inkunzi yenkomo kumnyango wentente yokuhlangana+ phambi koYehova, abeke isandla phezu kwentloko yayo, aze ayixhele phambi koYehova.+ 5 Emva koko, umbingeleli othanjisiweyo*+ uza kuthatha inxalenye yegazi lale nkunzi alizise ententeni yokuhlangana. 6 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe kule nxalenye yegazi+ aze atshize ngalo kasixhenxe+ phambi koYehova, phambi kwekhethini yendawo engcwele. 7 Eli gazi uza kuliqaba ezimpondweni zesibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo+ phambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, aze lonke igazi elishiyekileyo lenkunzi yenkomo aligalele kwisiseko sesibingelelo somnikelo otshiswayo,+ esisemnyango wentente yokuhlangana.
8 “‘Uza kuwasusa onke amanqatha enkunzi yenkomo yomnikelo wesono, umhlehlo ogqume amathumbu, amanqatha onke asemathunjini, 9 izintso zombini nenqatha lazo elingasesinqeni. Uza kususa nomhlehlo ophezu kwesibindi kunye nezintso.+ 10 Kuza kwenziwa kanye ngendlela ekwenziwa ngayo kwinkunzi yenkomo eba ngumbingelelo wobuhlobo.+ Umbingeleli uza kuqhumisa ngala manqatha esibingelelweni somnikelo otshiswayo.
11 “‘Lona ufele lwenkomo nayo yonke inyama yayo, intloko, amanqina, amathumbu nomswane wayo,+ 12 yonke into eseleyo kwinkunzi yenkomo, umele ayikhuphele ngaphandle kwenkampu kwindawo ecocekileyo apho kugalelwa khona uthuthu,* aze ayitshise phezu kweenkuni ngomlilo.+ Mayitshiselwe apho kulahlwa khona uthuthu.
13 “‘Ukuba ke lonke ibandla lakwaSirayeli liye laba netyala ngenxa yokwenza impazamo,+ laza alabona ukuba lenze into uYehova athe mayingenziwa,+ 14 saziwa isono elisenzileyo, limele lizise ithole lenkomo eliyinkunzi libe ngumnikelo wesono, lilizise phambi kwentente yokuhlangana. 15 Amadoda amakhulu ebandla aza kubeka izandla zawo phezu kwentloko yenkunzi yenkomo phambi koYehova, kwaye loo nkunzi yenkomo iza kuxhelwa phambi koYehova.
16 “‘Emva koko umbingeleli othanjisiweyo* uza kuzisa inxalenye yegazi lenkunzi yenkomo ententeni yokuhlangana. 17 Umbingeleli umele awuthi nkxu umnwe wakhe egazini aze afefe ngalo kasixhenxe phambi koYehova phambi kwekhethini.+ 18 Emva koko uza kuqaba inxalenye yegazi ezimpondweni zesibingelelo+ esiphambi koYehova, esisententeni yokuhlangana, aze lonke igazi eliseleyo aligalele esisekweni sesibingelelo somnikelo otshiswayo, esikumnyango wentente yokuhlangana.+ 19 Uza kususa onke amanqatha awo, aze aqhumise ngawo esibingelelweni.+ 20 Makenze kule nkunzi yenkomo kanye njengokuba enzile kwinkunzi yenkomo yomnikelo wesono. Uza kwenza loo nto nakule, umbingeleli amhlawulele,+ aze ke axolelwe. 21 Uza kuyikhuphela inkunzi yenkomo ngaphandle kwenkampu aze ayitshise, kanye ngendlela ayitshise ngayo inkunzi yenkomo yokuqala.+ Lowo ke ngumnikelo wesono webandla.+
22 “‘Xa kone inkokheli,+ yathi ingaqondanga yenza enye yazo zonke izinto uYehova uThixo wayo ayalele ukuba zingenziwa, yaza ke yanetyala, 23 okanye iye yabona ukuba kukho isono esenzileyo, imele izise itakane lebhokhwe eliyinkunzi ephilileyo, libe ngumnikelo wayo. 24 Iza kubeka isandla sayo phezu kwentloko yelo takane lebhokhwe, ize ilixhelele apho uxhelelwa khona umnikelo otshiswayo phambi koYehova.+ Lowo ke ngumnikelo wesono. 25 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe egazini lomnikelo wesono, aliqabe ezimpondweni+ zesibingelelo somnikelo otshiswayo, aze igazi elishiyekileyo aligalele esisekweni sesibingelelo somnikelo otshiswayo.+ 26 Uza kuqhumisa ngamanqatha awo onke esibingelelweni njengamanqatha ombingelelo wobuhlobo,+ aze ayihlawulele ngenxa yesono sayo, ize ke ixolelwe.
27 “‘Ukuba nabani na ebantwini belizwe uye wona engaqondanga ngokwenza enye yezinto uYehova ayalele ukuba zingenziwa waza wanetyala,+ 28 okanye uye wabona ukuba kukho isono asenzileyo, umele azise itakane lebhokhwe elilithokazi eliphilileyo, libe ngumnikelo ngenxa yesono asenzileyo. 29 Uza kubeka isandla sakhe phezu kwentloko yomnikelo wesono, aze umnikelo wesono awuxhelele kwindawo enye neyomnikelo otshiswayo.+ 30 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe egazini lomnikelo wesono, aliqabe ezimpondweni zesibingelelo somnikelo otshiswayo, aze igazi elishiyekileyo aligalele esisekweni sesibingelelo.+ 31 Uza kususa onke amanqatha awo,+ kanye ngendlela asuswa ngayo amanqatha ombingelelo wobuhlobo,+ aqhumise ngawo esibingelelweni abe livumba elimnandi kuYehova, yaye umbingeleli uza kumhlawulela, aze ke axolelwe.
32 “‘Kodwa ukuba umnikelo wakhe wesono litakane legusha, ufanele azise ithokazi lalo eliphilileyo. 33 Uza kubeka isandla sakhe phezu kwentloko yomnikelo wesono, aze alixhele libe ngumnikelo wesono, kwindawo oxhelelwa kuyo umnikelo otshiswayo.+ 34 Umbingeleli uza kuthi nkxu umnwe wakhe egazini lomnikelo wesono, aliqabe ezimpondweni zesibingelelo somnikelo otshiswayo,+ aze igazi elishiyekileyo aligalele esisekweni sesibingelelo. 35 Uza kuwasusa onke amanqatha awo ngendlela asuswa ngayo amanqatha enkunzi yetakane legusha yombingelelo wobuhlobo, aqhumise ngawo esibingelelweni phezu kweminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo,+ yaye umbingeleli uza kumhlawulela ngesono asenzileyo, aze ke axolelwe.+