Kubalisa UMateyu
16 Kweza kuye abaFarisi nabaSadusi baza, bemlinga, bamcela ukuba abenzele ummangaliso ovela ezulwini.+ 2 Wabaphendula wathi: “Xa kusihlwa nithi, ‘Imozulu iza kuba ntle, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo,’ 3 yaye kusasa nithi, ‘Namhlanje kuza kubakho ingqele ekhatshwa yimvula, kuba isibhakabhaka sibomvu okomlilo, kodwa lisibekele.’ Niyakwazi ukuchaza imo yezulu ngokujonga nje isibhakabhaka, kodwa nixakwa kukuchaza ukuba zithetha ukuthini ezi zinto zenzeka ngoku. 4 Esi sizukulwana singalunganga nesikrexezayo* sihlala sifuna ummangaliso, kodwa akukho mmangaliso siza kuwenzelwa+ ngaphandle kokaYona.”+ Emva koko wemka, wabashiya apho.
5 Abafundi bawelela ngaphesheya, kodwa balibala ukuphatha izonka.+ 6 UYesu wathi kubo: “Hlalani nithe qwa, nilumkele igwele labaFarisi nelabaSadusi.”+ 7 Ngoko bathetha bodwa besithi: “Le nto uyithethiswa kukuba singaphethanga zonka.” 8 Esazi ukuba bathini, uYesu wathi: “Kutheni nithetha ngokungabi nazonka, nina ninokholo oluncinane? 9 Anikacacelwa nangoku? Senizilibele na izonka ezihlanu ezanikwa abantu abayi-5 000, neebhaskithi ezaqokelelwayo?+ 10 Okanye izonka ezisixhenxe ezanikwa abantu abayi-4 000, neebhaskithi ezinkulu ezaqokelelwayo?+ 11 Kutheni ningaboni nje ukuba bendingathethi ngazonka? Ndithi lumkelani igwele labaFarisi nelabaSadusi.”+ 12 Batsho baqonda ukuba wayengathi mabalumkele igwele lesonka, kodwa wayesithi mabalumkele iimfundiso zabaFarisi nabaSadusi.
13 Emva kokuba uYesu efike kummandla waseKesareya Filipi, wathi kubafundi bakhe: “Abantu bathi ngubani uNyana womntu?”+ 14 Bathi: “Abanye bathi nguYohane umBhaptizi,+ abanye bathi nguEliya,+ kanti abanye bathi nguYeremiya okanye omnye wabaprofeti.” 15 Wathi kubo: “Nina, nithi ndingubani?” 16 USimon Petros wathi: “UnguKristu,+ uNyana woThixo ophilayo.”+ 17 UYesu wathi kuye: “Wonwabile wena Simon nyana kaYona, kuba awuncedwanga yinyama negazi* ukuze uyazi loo nto, kodwa uncedwe nguTata osemazulwini.+ 18 Kwaye ndithi kuwe: Wena unguPetros,+ ndiza kulakhela phezu kolu lwalwa+ ibandla lam, ibe alizukoyiswa lingcwaba.* 19 Ndiza kukunika izitshixo zoBukumkani bamazulu, yaye nantoni na oyibophayo emhlabeni iza kube sele ibotshiwe nasemazulwini, futhi nantoni na oyikhululayo emhlabeni iza kube sele ikhululwe nasemazulwini.” 20 Emva koko, wabayala kabukhali abafundi bakhe ukuba bangaxeleli mntu ukuba unguKristu.+
21 Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, uYesu wacacisela abafundi bakhe ukuba umele aye eYerusalem, aphathwe kakubi ngabadala, nangababingeleli abaziintloko nababhali, abulawe, aze avuswe ngosuku lwesithathu.+ 22 Wathi akutsho, uPetros wambizela ecaleni, wamnqanda esithi: “Zicingele Nkosi; soze zenzeke kuwe ezi zinto.”+ 23 Kodwa uYesu wamfulathela uPetros, wathi kuye: “Yiya emva kwam, Sathana! Uyandiphazamisa, kuba awucingi njengoThixo, kodwa ucinga njengabantu.”+
24 Emva koko, uYesu wathi kubafundi bakhe: “Nabani na ofuna ukundilandela, makazincame, athwale isibonda sakhe sokungcungcutheka* aze aqhubeke endilandela.+ 25 Kuba nabani na ofuna ukusindisa ubomi bakhe uza kulahlekelwa bubo, kodwa nabani na olahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam uza kuphinda abufumane.+ 26 Nyhani ke, kunceda ngantoni ukuba umntu afumane ihlabathi lonke, kodwa alahlekelwe bubomi bakhe?+ Okanye umntu angabuthenga ngantoni ubomi bakhe?+ 27 Kaloku uNyana womntu uza kuza ekuzuko lukaTata wakhe, ekunye neengelosi zakhe, avuze mntu ngamnye ngokwezenzo zakhe.+ 28 Ndiyaniqinisekisa ukuba, kubantu abemi apha, kukho abangazukufa de baqale bambone uNyana womntu esiza eseBukumkanini bakhe.”+