Tito
3 Qhubeka ubakhumbuza ukuba bathobele oorhulumente nabantu abanegunya,+ baze bakulungele ukwenza izinto ezilungileyo, 2 bangathethi kakubi nangabani na, bangathandi ngxabano, babe bhetyebhetye,*+ bahlale bezolile kuye wonke umntu.+ 3 Kuba nathi sasikhe asayisebenzisa kakuhle ingqondo, singathobeli, silahlekiswa, singamakhoboka azo zonke iintlobo zeminqweno, sithanda ukuzanelisa, sisenza izinto ezimbi, sinomona, sisenyanyeka, sicaphukelana.
4 Kodwa ke, xa uMsindisi wethu uThixo wasenzela ububele,+ waza wabonisa ukuba uyasithanda 5 (hayi kuba kukho izinto ezilungileyo esizenzileyo,+ kodwa kuba enenceba),+ wasisindisa ngokusihlamba ukuze sifumane ubomi,+ nangokusenza batsha ngomoya oyingcwele.+ 6 Wawuthulula wamninzi lo moya phezu kwethu esebenzisa uYesu Kristu uMsindisi wethu,+ 7 ukuze emva kokuba kuthiwe singamalungisa ngenxa yokuba esenzele ububele,*+ sibe ziindlalifa+ ezinethemba lobomi obungunaphakade.+
8 Ezi zinto ndizithethayo ziyinyaniso, yaye ndifuna uqhubeke uzibethelela, ukuze abo bakholwayo kuThixo bahlale becinga ngokwenza izinto ezilungileyo. Ezi zizinto ezintle nezibancedayo abantu.
9 Wena ke sukungena iingxoxo zobudenge nezeminombo yokuzalwa, nokuphikisana nokulwa ngoMthetho, kuba ezo zinto azincedi nganto.+ 10 Ke yena umntu oza nemfundiso eyahlukileyo+ mnqande* kube kabini,+ emva koko kungabikho nto ikudibanisa naye,+ 11 usazi ukuba umntu onjalo ulushiyile ukholo, uyona, yaye uzigwebe ngokwakhe.
12 Xa ndithumele uArtemas okanye uTikiko+ kuwe, uze uzame kangangoko ukuza kum eNikopoli, kuba ndiza kubuchitha apho ubusika. 13 Uze umlungiselele uApolo noZenas, lo uwazi kakuhle uMthetho, ukuze bangadingi nto kuhambo lwabo.+ 14 Nceda nabantu bethu ukuba bafunde ukuhlala besenza izinto ezilungileyo,+ bakulungele ukukhawuleza bancede xa kukho ingxaki, ukuze bahlale bevelisa isiqhamo.+
15 Bayabulisa bonke aba bakunye nam. Ndibulisele apho kwamanye amaKristu asithandayo.
Kwanga uThixo anganenzela ububele* nonke.