Kubalisa uLuka
24 Ngosuku lokuqala lweveki, baya engcwabeni* ekuseni kakhulu, bephethe izinto zokuqhola umzimba ababezilungiselele.+ 2 Kodwa bafika ilitye liqengqwe lasuka engcwabeni,*+ 3 bangena bafika ungekho umzimba weNkosi uYesu.+ 4 Bathi besaxakiwe, kwathi gqi amadoda amabini awayenxibe iimpahla ezibengezelayo. 5 Bajonga phantsi aba bafazi besoyika, aza la madoda athi kubo: “Kutheni nikhangela umntu ophilayo kwabafileyo?+ 6 Akekho apha, uvusiwe. Khumbulani kaloku ukuba wayethe kuni xa wayeseGalili, 7 uNyana womntu umele anikelwe ezandleni zaboni, abethelelwe esibondeni, aze avuke ngosuku lwesithathu.”+ 8 Abo bafazi batsho bawakhumbula amazwi akhe.+ 9 Babuya engcwabeni,* baza babalisela abapostile bakaYesu abayi-11, nabo bonke abanye abafundi bakhe zonke izinto ezenzekileyo.+ 10 Aba bafazi yayinguMariya Magadala, uYowana, uMariya umama kaYakobi, nabanye abafazi ababehambe nabo. 11 Kodwa kwakungathi aba bafazi bathetha into engekhoyo, ibe babengabakholelwa.
12 Kodwa yena uPetros wabaleka waya engcwabeni, wafika wakroba, wabona kukho amalaphu elinen odwa. Ngoko wahamba, ezibuza ukuba kwenzeke ntoni.
13 Ngaloo mini, kwakukho abafundi ababini ababehamba bevela kwilali yase-Emawusi, ekwiikhilomitha eziyi-11* ukusuka eYerusalem, 14 bencokola ngayo yonke into eyenzekileyo.
15 Besancokola njalo, kwafika uYesu wahamba nabo, 16 kodwa zange baqonde ukuba nguye.+ 17 Wathi kubo: “Yintoni na le nihamba nixoxa ngayo?” Basuka bema, belusizana. 18 Omnye wabo onguKleyopa wathi kuye: “Ulundwendwe oluhlala lodwa na wena eYerusalem, le nto ungazaziyo* izinto ezenzekileyo aph’ ezintsukwini?” 19 Wathi kubo: “Ziintoni ezo?” Bathi: “Izinto ezenzeke kuYesu waseNazarete,+ obengumprofeti onamandla nobethetha izinto ezimangalisayo phambi koThixo nomntu wonke;+ 20 nendlela ababingeleli abaziintloko nabalawuli bethu abamnikele ngayo ukuze agwetyelwe ukufa,+ nokuze abethelelwe esibondeni. 21 Besithembe ukuba yiyo le ndoda eza kukhulula uSirayeli.+ Kodwa sekudlule iintsuku ezintathu ngoku zenzekile ezi zinto. 22 Sothuswe nangabafazi abebeye engcwabeni lakhe* kusasa,+ 23 kodwa bathe bakungawufumani umzimba wakhe, babuya besithi babone iingelosi, ezibaxelele ukuba uyaphila. 24 Emva koko, abanye bethu baye baya engcwabeni,*+ bafika engekho, kanye njengokuba bebetshilo aba bafazi.”
25 Ngoko uYesu wathi kubo: “Kutheni ningayisebenzisi nje ingqondo? Kutheni nicotha kangaka ukukholelwa izinto ezathethwa ngabaprofeti? 26 Ebengamelanga ehlelwe zezi zinto+ na uKristu ukuze azukiswe?”+ 27 Wabacacisela zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, ukususela kuMoses ukuya kutsho kubaProfeti.+
28 Ekugqibeleni basondela kwilali ababesiya kuyo, kodwa yena uYesu wenza ngathi uyagqitha. 29 Kodwa bamcenga besithi: “Hlala nathi, kuba kuyahlwa, nelanga liyatshona.” Wahamba ke wayokuhlala nabo. 30 Njengokuba wayehleli nabo etafileni, wathatha isonka, wathandaza, wasiqhekeza waza wabanika.+ 31 Ngoko batsho baqonda ukuba nguye; wasuka wanyamalala.+ 32 Emva koko bathi: “Yiloo nto besinomdla kangaka ngokuya ebethetha nathi endleleni, esicacisela kakuhle iZibhalo.” 33 Baphakama kanye ngelo xesha babuyela eYerusalem, bafika abapostile abayi-11 nabanye abafundi behleli kunye, 34 besithi: “INkosi ivusiwe nyhani, uSimon uyibonile!”+ 35 Nabo aba babini babalisa into eyenzeke endleleni, nendlela ababone ngayo ukuba yiNkosi emva kokuba ibaqhekezele isonka.+
36 Bathe besathetha ngezi zinto wee gqi phakathi kwabo, wathi kubo: “Yibani noxolo.”+ 37 Kodwa ngenxa yokuba babesoyika, babecinga ukuba babona umbono. 38 Ngoko wathi kubo: “Nikhathazwa yintoni, ibe kutheni nithandabuza nje? 39 Jongani izandla neenyawo zam, ndim nyhani. Ndibambeni nizivele, kuba umoya awunanyama namathambo.” 40 Watsho ebabonisa izandla neenyawo. 41 Bathi besamangalisiwe, bevuya, wathi kubo: “Aninanto yokutya?” 42 Bamnika intlanzi eyojiweyo, 43 wayithatha wayitya phambi kwabo.
44 Emva koko wathi kubo: “Ngokuya ndandikunye nani, ndanixelela+ ukuba zimele zenzeke zonke izinto ezibhaliweyo ngam eMthethweni kaMoses, kwiincwadi zabaProfeti nakwiiNdumiso.”+ 45 Wazivula iingqondo zabo ukuze bacacelwe ziZibhalo,+ 46 wathi: “Kubhalwe kwathiwa, uKristu wayeza kuva iintlungu aze avuke ekufeni ngosuku lwesithathu,+ 47 yaye kwakuza kushunyayelwa ukuba abantu bazo zonke iintlanga+ mabaguquke baze baxolelwe izono+ egameni lakhe, kuqalwe eYerusalem.+ 48 Nimele nizibonele ngokwenu ezi zinto zisenzeka.+ 49 Ndiza kuninika isipho esivela kuTata. Ze nihlale ke eYerusalem nide nifumane amandla avela phezulu.”+
50 Emva koko, uYesu waphuma nabafundi bakhe baya eBhethani, waphakamisa izandla wabasikelela. 51 Esabasikelela njalo, wanyuswa wabashiya waya ezulwini.+ 52 Baqubuda kuye, baza babuyela eYerusalem bevuya kakhulu.+ 53 Babemane besiya etempileni, bedumisa uThixo.+