Eyesibini YeziKronike
20 Emva koko amaMowabhi,+ ama-Amoni+ kunye namanye ama-Amonim,* eza kulwa noYehoshafati. 2 Kwathiwa kuYehoshafati: “Kukho igquba labantu abaze kukuhlasela, basuka kummandla wolwandle,* kwaEdom,+ ngoku baseHatsatson-tamare, oko kukuthi, e-En-gedi.”+ 3 UYehoshafati woyika waza wazimisela ukufuna* uYehova.+ Ngoko wathi makuzilwe ukutya ngumntu wonke kwaYuda. 4 Abantu bakwaYuda baqokelelana ukuze babuze kuYehova.+ Beza besuka kuzo zonke izixeko zakwaYuda bezokubuza kuYehova.
5 Emva koko uYehoshafati wema phakathi kwebandla lakwaYuda nelaseYerusalem endlini kaYehova phambi kweyadi entsha, 6 wathi:
“Owu Yehova Thixo wookhokho bethu, awungoThixo na emazulwini,+ yaye ayinguwe na olawula zonke izizwe* zeentlanga?+ Esandleni sakho kukho amandla nokomelela, yaye akakho umntu onokumelana nawe.+ 7 Thixo wethu, zange ubagxothe na abantu beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika inzala* yomhlobo wakho uAbraham, ukuze ibe lilifa layo?+ 8 Yaye yahlala kulo, yaza yalakhela indawo engcwele igama lakho,+ isithi, 9 ‘Ukuba singehlelwa yintlekele, nokuba kungekrele, umgwebo oqatha, isifo esingubhubhani, okanye indlala, masime phambi kwale ndlu naphambi kwakho (kuba igama lakho likule ndlu),+ size ngenxa yentlungu yethu sikhalele uncedo kuwe, yaye kwanga ungasiva, usisindise.’+ 10 Ngoku ke nanga amadoda akwa-Amoni, akwaMowabhi nawommandla weentaba waseSehire,+ la ungazange uwavumele amaSirayeli awahlasele xa ayephuma kwilizwe laseYiputa. Emka kuwo aza akawatshabalalisa.+ 11 Ngoku asibuyekeza ngokusigxotha kwilifa esilinikwe nguwe.+ 12 Owu Thixo wethu, awuzukubagweba na?+ Kuba asinawo amandla okumelana naba bantu baninzi kangaka bazokusihlasela, futhi asazi ukuba sithini,+ kodwa amehlo ethu ajonge kuwe.”+
13 Ngelo xesha, bonke abantu bakwaYuda babemi phambi kukaYehova, bemi neentsana zabo, abafazi babo nabantwana* babo.
14 Kwathi kusadityenwe njalo, umoya kaYehova wafika kuYahaziyeli unyana kaZekariya unyana kaBhenaya unyana kaYeyeli unyana kaMataniya umLevi woonyana baka-Asafu. 15 Wathi: “Mamelani nonke maYuda nani bantu baseYerusalem nawe Kumkani Yehoshafati! Uthi uYehova kuni, ‘Sanukoyika okanye nothuke ngenxa yaba bantu baninzi, kuba idabi ayilolenu, kodwa lelikaThixo.+ 16 Nize nehle ngomso nibahlangabeze. Baza konyuka ngakwingxingwa yaseTsitsi, yaye niza kubafumana ekupheleni kwentlambo ngaphambi kwentlango yaseYeruweli. 17 Akuzukufuneka nililwe eli dabi. Yimani ngeendawo zenu, nime ngxi,+ nize niyibone indlela uYehova aza kunisindisa ngayo.+ Owu Yuda nawe Yerusalem, sanukoyika okanye nothuke.+ Nize niphume ngomso nibahlangabeze, yaye uYehova uza kuba nani.’”+
18 Ngoko nangoko, uYehoshafati waqubuda, yaye wonke uYuda nabantu baseYerusalem baqubuda phambi koYehova bekhonza uYehova. 19 Emva koko, abaLevi ababeyinzala yamaKohati+ namaKora baphakama badumisa uYehova uThixo kaSirayeli ngelizwi elikhulu kakhulu.+
20 Bavuka kusasa baya kwintlango yaseTekowa.+ Xa babephuma, uYehoshafati waphakama wathi: “Ndimameleni maYuda, nani bantu baseYerusalem! Kholwani kuYehova uThixo wenu ukuze nikwazi ukuma niqinile. Kholwani kubaprofeti bakhe,+ niza kuphumelela.”
21 Emva kokuba ethethe nabantu, wakhetha amadoda ukuba aculele+ uYehova aze amdumise ehombe ngeempahla ezingcwele njengoko ayehamba phambi kwamadoda axhobileyo, esithi: “Bulelani kuYehova, kuba uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.”+
22 Bathi xa beqalisa ukucula bedumisa bevuya, uYehova wabeka abantu abaza kulalela baze baqubule amadoda akwa-Amoni, akwaMowabhi nawommandla weentaba waseSehire awayehlasela uYuda, yaye axabelana odwa.+ 23 Ama-Amoni namaMowabhi abajikela abantu bommandla weentaba waseSehire,+ abatshabalalisa, abatshayela tu, yaye ukugqiba kwawo ukuhlasela abemi baseSehire, ahlaselana odwa.+
24 Kodwa athi amaYuda akufika kwinqaba yasentlango+ aza ajonga kwigquba labantu, abona izidumbu zabo ziqungquluze emhlabeni.+ Akukho mntu wayesindile. 25 Ngoko uYehoshafati nabantu bakhe bayokuzithaphulela izinto kwezo zidumbu, yaye bazifumana zaninzi, iimpahla nezinto ezixabisekileyo. Bazithatha de ababi nandlela yakuziphatha ezinye.+ Kwaqengqeleka iintsuku ezintathu bezithutha ezo zinto, kuba zazininzi kakhulu. 26 Ngosuku lwesine badibana eNtlanjeni YaseBheraka,* kuba babemdumisa* apho uYehova. Yiloo nto bathi igama laloo ndawo yiNtlambo YaseBheraka,*+ de kube namhla.
27 Onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, ekhokelwa nguYehoshafati, abuyela eYerusalem evuya, kuba uYehova wawenza anemihlali ngenxa yeentshaba zawo.+ 28 Angena eYerusalem ekhalisa imirhubhe, iihadi+ namaxilongo,+ aza aya endlini kaYehova.+ 29 Zonke izizwe zaqalisa ukumoyika uThixo, xa zevayo ukuba uYehova ulwe neentshaba zikaSirayeli.+ 30 Ngoko ubukumkani bukaYehoshafati abuzange buphazanyiswe, yaye uThixo wakhe wamphumza macala onke.+
31 UYehoshafati waqhubeka elawula kwaYuda. Wayeneminyaka eyi-35 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-25 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguAzubha intombi kaShilehi.+ 32 Waqhubeka esenza zonke izinto ezazisenziwa ngutata wakhe uAsa.+ Akazange aziyeke, ibe wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova.+ 33 Kodwa ke, iindawo eziphakamileyo azizange zichithwe,+ yaye abantu babengekayilungiseleli uThixo wookhokho babo intliziyo yabo.+
34 Enye imbali kaYehoshafati, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni, ibhalwe emazwini kaYehu+ unyana kaHanani,+ awafakwa eNcwadini YooKumkani BakwaSirayeli. 35 Emva koku, uKumkani uYehoshafati wakwaYuda wazidibanisa noKumkani uAhaziya wakwaSirayeli, owayesenza izinto ezimbi.+ 36 Ngoko bakha kunye iinqanawa ezaziza kuya eTarshishe,+ yaye bazakha e-Etsiyon-gebhere.+ 37 Kodwa ke, uEliyezere unyana kaDodavahu waseMaresha waprofeta ngoYehoshafati, esithi: “Ngenxa yokuba uzimanyanise noAhaziya, uYehova uza kuyitshabalalisa imisebenzi yakho.”+ Ngoko zaphuka iinqanawa,+ azakwazi ukuya eTarshishe.