25 Nale yimizekeliso kaSolomon+ eyakhutshelwa ngamadoda kaHezekiya+ ukumkani wakwaYuda:
2 Ukugcina ihlebo kuluzuko kuThixo,+
Nozuko lookumkani kukuwugocagoca umbandela.
3 Njengokuba singasoze sikuqonde ukuphakama kwamazulu nobunzulu bomhlaba,
Soze siziqonde neentliziyo zookumkani.
4 Khupha intlenge kwisilivere,
Ibe iza kuphuma isulungeke ngokupheleleyo.+
5 Susa abenzi-bubi phambi kokumkani,
Ibe itrone yakhe iza kutsho ingagungqi ebulungiseni.+
6 Sukuzenza umntu omkhulu phambi kokumkani,+
Uze ungahlali naphakathi kwezikhulu,+
7 Kuba kungcono ibe nguye othi kuwe, “Nyuka, yiza apha,”
Kunokuba akuhlaze phambi kwezikhulu.+
8 Sukungxama ngokuya kumangala,
Kuba uza kuthini xa ummelwane wakho ekuhlaza?+
9 Thethathethana nommelwane wakho,+
Kodwa ungazidizi izinto obuzihletyelwe,+
10 Ukuze angakuhlazi lowo umameleyo
Ungazukukwazi nokuphinda uwaginye naloo mazwi.
11 Linjengama-apile egolide kwisitya sesilivere
Ilizwi elithethwe ngexesha elifanelekileyo.+
12 Unjengecici legolide nento yokuhomba yegolide yodidi
Umohlwayi osisilumko kwindlebe evayo.+
13 Ufana nqwa nokubanda kwekhephu ngomhla wokuvuna
Umthunywa othembekileyo kwabo bamthumileyo,
Kuba uyayihlaziya inkosi yakhe.+
14 Ufana namafu nomoya ongazisi mvula
Umntu oqhayisa ngesipho angazange aphise ngaso.+
15 Ngomonde inkumanda iyacengeka,
Nolwimi oluthetha kamnandi lunokwaphula ithambo.+
16 Ukuba ufumene ubusi, yitya nje obukulingeneyo,
Kuba ukuba ubutya kakhulu, ungabugabha.+
17 Malungaxhaphaki unyawo lwakho kwammelwane,
Ukuze angadikwa nguwe aze akucaphukele.
18 Unjengegqudu lokulwa nekrele notolo olubukhali
Umntu ongqina ubuxoki ngommelwane wakhe.+
19 Kunjengezinyo elaphukileyo nonyawo oluqhwalelayo
Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usengxakini.
20 Unjengomntu okhulula impahla kubanda
Nesoda exutywe neviniga
Umntu oculela intliziyo eyaphukileyo.+
21 Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe isonka;
Ukuba lunxaniwe, luphe amanzi,+
22 Uya kuba ufumba amalahle phezu kwentloko yalo,+
Ibe uYehova uza kukuvuza.
23 Umoya ovela emntla uzisa izantyalantyala zemvula,
Nolwimi oluhlebayo luzisa ubuso obunomsindo.+
24 Kungcono ukuhlala ekoneni yophahla
Kunokuhlala endlini enye nomfazi onochuku.+
25 Injengamanzi abandayo emphefumlweni odiniweyo
Ingxelo entle evela kwilizwe elikude.+
26 Unjengomthombo ongcolileyo nequla elonakeleyo
Umntu olungileyo onikezela kumntu ongalunganga.
27 Akulunganga ukutya ubusi obuninzi,+
Kungalunganga nokuzifunela uzuko.+
28 Unjengesixeko esityhoboziweyo, esingenaludonga,
Umntu ongakwaziyo ukuwubamba umsindo.+