Yobhi
38 Emva koko uYehova wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi,+ wathi:
3 Xhoba njengendoda;
Ndiza kukubuza, wena undiphendule.
4 Wawuphi xa ndandiseka umhlaba?+
Ndixelele, ukuba ucinga ukuba uyazi.
5 Ngubani owalinganisa ubungakanani bawo?
Ingubani owawulula intambo yokumeta phezu kwawo? Phendula ukuba uyazi.
6 Zembelwe entwenini iintsika zawo?
Ingubani owabeka ilitye lawo lekona,+
8 Ngubani owavalela ulwandle ngeengcango,+
Xa lwatyhoboza luphuma esibelekweni,
9 Xa ndalwambathisa ngamafu,
Ndalusongela ngesithokothoko sobumnyama,
10 Xa ndalubekela umda,
Ndaluvalela ngeengcango,+
11 Ndisithi kulo, ‘Ungagqithi apha;
Mawaphelele apha amaza akho adlokovayo’?+
12 Ngaba wakha wayibonisa indawo yayo intsasa,+
Okanye wayiyalela
13 Ukuba iye kwezona ndawo zikude emhlabeni,
Ize igxothe abenzi-bubi?+
14 Umhlaba utsho ube mhle oku kodongwe olubunjwayo,
Oku kwempahla ehonjisiweyo.
15 Abenzi-bubi bayoyiswa kukukhanya,
Batsho bangakwazi ukwenzakalisa abanye.
18 Uwazi kakuhle na umhlaba ukuba ungakanani?+
Ndixelele ukuba uzazi zonke ezi zinto.
22 Wakha waya na apho ligcinwa khona ikhephu?+
Wakha wayibona na yona indawo esigcinwa kuyo isichotho,+
23 Endisigcinele ixesha lobunzima,
Ndisigcinele imini yemfazwe?+
25 Ngubani ovulele isikhukula umjelo
Waza wawavulela indlela amafu akhatshwa ziindudumo,+
26 Ukuze kunethe apho kungekho bantu,
Entlango apho kungahlali mntu,+
27 Ukuze kunkcenkceshelwe iindawo ezomileyo,
Kuze kukhule ingca?+
29 Waphuma esibelekweni sikabani umkhenkce?
Ngubani owazala iqabaka?+
30 Ngubani ogqume amanzi ngathi ogqunywe ngelitye,
Ogqume ulwandle olunzulu ngomkhenkce?+
32 Ungalikhokela na iqela leenkwenkwezi* ngexesha lalo,
Okanye ukhokele iqela leenkwenkwezi iAsh* kunye noonyana balo?
33 Uyayazi na imithetho elawula iinkwenkwezi?*+
Ungawunyanzela na umhlaba ukuba uthobele loo mithetho?*
35 Ungakwazi na ukuthuma imibane?
Ingeza na kuwe ithi, ‘Sithi aba!’?
36 Ngubani owanika amafu* ubulumko?+
Ingubani ozinike ubulumko izinto ezimangalisayo ezisesibhakabhakeni?*+
37 Ngubani onobulumko bokubala amafu,
Okanye onokuchitha amanzi akwiingqayi zasezulwini,+
38 Luze uthuli lomhlaba lujike lube ludaka,
Namagada ancamathelane?