Khangela UMenzi Wezinto Ezimangalisayo!
“Yima ngxi uzibonise unikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.”—YOBHI 37:14.
1, 2. Ngowe-1922, yiyiphi into emangalisayo eyafunyanwayo, yaye basabela njani abo bayifumanayo?
KANGANGEMINYAKA emininzi, umembi wezinto zakudala nesidwangube esiliNgesi babesebenza kunye befuna ubutyebi. Ekugqibeleni, ngoNovemba 26, 1922, kwindawo yokungcwaba oofaro baseYiputa kwiNtlambo Yookumkani edumileyo, umembi wezinto zakudala uHoward Carter noLord Carnarvon bawufumana umvuzo—ingcwaba likaFaro Tutankhamen. Bafumana umnyango otywiniweyo, baza bagqobhoza umngxuma. Lo kaCarter wafaka ikhandlela waza wakroba ngaphakathi.
2 Kamva lo kaCarter wabalisa: “Ephelelwe ngumonde wokulinda, uLord Carnarvon wabuza ngolangazelelo, ‘Ngaba kukho nto uyibonayo?’ ekuphela kwento endakwaziyo ukuyithetha, ngamazwi athi, ‘Ewe, ndibona izinto ezimangalisayo.’” Phakathi kobuncwane obuninzi obabukwelo ngcwaba kwakukho ibhokisi yokungcwaba yegolide. Kusenokwenzeka ukuba wakha wazibona “izinto ezimangalisayo” kwiifoto okanye kwimifanekiso yasemyuziyam. Ukanti, nakuba zintle kangako izinto zasemyuziyam, azinanto yakwenza nobomi bakho. Ngoko masithethe ngezinto ezimangalisayo ezinento yokwenza nawe nezixabisekileyo kuwe.
3. Siyifumana phi inkcazelo yezinto ezimangalisayo nezixabisekileyo kuthi?
3 Ngokomzekelo, khawucinge ngendoda eyayiphila kwiinkulungwane ezininzi ezadlulayo, indoda ebaluleke ngakumbi kunaye nabani na obalaseleyo kwimiboniso eshukumayo, iqhawe lezemidlalo okanye ilungu lendlu yasebukhosini. Loo mntu wabizwa njengoyena mntu mkhulu kunabo bonke abantu baseMpuma. Uyalikhumbula igama lakhe—nguYobhi. Kwabhalwa incwadi epheleleyo yeBhayibhile ethetha ngaye. Ukanti, omnye wabantu ababephila ngexesha lakhe, umfana ogama linguElihu, waziva enyanzelekile ukuba amlungise. Enyanisweni, uElihu wathi uYobhi wayenikela ingqalelo egqithiseleyo kwisiqu sakhe nakubantu ababemngqongile. KuYobhi isahluko 37, sifumana elinye icebiso lobulumko elingqalileyo nelixabiseke kakhulu kuye ngamnye wethu.—Yobhi 1:1-3; 32:1–33:12.
4. Yintoni eyabangela uElihu ukuba anikele isibongozo esibhalwe kuYobhi 37:14?
4 Abo kwakucingwa ukuba ngabahlobo bakaYobhi bathetha into eninzi ngeenkalo ababekholelwa ukuba uYobhi wone kuzo ngokucinga nangezenzo. (Yobhi 15:1-6, 16; 22:5-10) UElihu walinda ngomonde de yaphela loo ngxoxo. Wandula ke wathetha ngendlela ebonisa ukuqonda nobulumko. Wathetha izinto ezininzi ezibalulekileyo, kodwa khawuphawule le ngongoma iphambili: “Kubekele indlebe oku, Yobhi; yima ngxi uzibonise unikela ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaThixo.”—Yobhi 37:14.
Lowo Wenza Imisebenzi
5. Ibandakanya ntoni ‘imisebenzi emangalisayo kaThixo’ leyo uElihu wayethetha ngayo?
5 Phawula ukuba uElihu akazange athi uYobhi makanikele ingqalelo kwisiqu sakhe, kuElihu ngokwakhe okanye kwabanye abantu. Ngobulumko uElihu wabongoza uYobhi—nathi—ukuba sinikele ingqalelo kwimisebenzi emangalisayo kaYehova uThixo. Ucinga ukuba ibinzana elithi ‘imisebenzi emangalisayo kaThixo’ libandakanya ntoni? Ngapha koko, ekubeni usenokuba unenkxalabo ngempilo yakho, imicimbi yemali, ikamva, intsapho yakho, abantu osebenza nabo nabamelwane, kutheni umele unikele ingqalelo kwimisebenzi kaThixo? Ngokungathandabuzekiyo, imisebenzi emangalisayo kaYehova uThixo ibandakanya ubulumko negunya analo kwindalo esingqongileyo. (Nehemiya 9:6; INdumiso 24:1; 104:24; 136:5, 6) Ukuze kucace ngakumbi oku, phawula ingongoma ekhankanywe kwincwadi kaYoshuwa.
6, 7. (a) Yiyiphi imisebenzi emangalisayo eyenziwa nguYehova ngemihla kaMoses noYoshuwa? (b) Ukuba wawubone omnye waloo misebenzi yexesha likaMoses nelikaYoshuwa, wawuya kusabela njani?
6 UYehova wathumela izibetho kwiYiputa yamandulo waza wawahlukanisa amanzi kuLwandle Olubomvu ukuze uMoses akhokelele amaSirayeli amandulo enkululekweni. (Eksodus 7:1–14:31; INdumiso 106:7, 21, 22) Kukho isiganeko esifana neso kuthethwe ngaso kuYoshuwa isahluko 3. UYoshuwa, owangena ezihlangwini zikaMoses, wayeza kukhokela abantu bakaThixo bawele kumanzi amaninzi baye kungena kwiLizwe Lesithembiso. UYoshuwa wathi: “Zingcwaliseni, kuba ngomso uYehova uza kwenza izinto ezimangalisayo phakathi kwenu.” (Yoshuwa 3:5) Ziziphi ezo zinto zimangalisayo?
7 Kaloku, ingxelo ibonisa ukuba uYehova wavula indlela phakathi kwamanzi oMlambo iYordan, ukuze amawaka amadoda, abafazi nabantwana adlule kumhlaba owomileyo. (Yoshuwa 3:7-17) Ukuba sasilapho sibukele umlambo uvuleka nabo bonke abantu bewela bekhuselekile, sasiya kuchukumiseka nguloo mmangaliso waphunyezwa apho! Sasibonakalisa amandla kaThixo kwindalo. Ukanti, kanye ngoku—kweli xesha siphila kulo—kukho izinto ezimangalisa ngendlela efanayo. Ukuze sibone ezinye zazo nesizathu sokuba sifanele sinikele ingqalelo kuzo, qwalasela uYobhi 37:5-7.
8, 9. Yiyiphi imisebenzi emangalisayo ekuthethwa ngayo kuYobhi 37:5-7, kodwa kutheni sifanele sicinge ngayo?
8 UElihu wathi: “UThixo uduma ngendlela emangalisayo ngelizwi lakhe, esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.” Wayecinga ntoni uElihu xa wathi uThixo wenza izinto “ngendlela emangalisayo”? Kaloku, ukhankanya ikhephu nezantyalantyala zemvula. Ezi zinto zaziya kumthintela umlimi ukuba asebenze kwintsimi yakhe, yaye zaziya kumnika ixesha nesizathu sokuba aqwalasele imisebenzi kaThixo. Kusenokwenzeka ukuba asingobalimi, kodwa imvula nekhephu zisenokusichaphazela. Kuxhomekeka kwindawo esihlala kuyo, ikhephu nemvula zisenokusiphazamisa kwimisebenzi yethu. Ngaba sizinika ithuba lokucingisisa ngalowo ubangela izinto ezimangalisa ngolo hlobo noko zikuthethayo? Ngaba wakha wakwenza oko?
9 Xa sifunda uYobhi isahluko 38, siphawula ukuba uYehova uThixo wayecinga ngendlela efanayo, njengoko wabuza uYobhi imibuzo enentsingiselo. Nangona uMdali wethu wayeyibhekisa kuYobhi le mibuzo, ngokucacileyo iyasichaphazela isimo sethu sengqondo, ubukho bethu nekamva lethu. Ngoko masikhe sibone oko kwabuzwa nguThixo, yaye masicinge ngentsingiselo yako, ewe, masenze oko uYobhi 37:14 asibongoza ukuba sikwenze.
10. Kufanele kusichaphazele njani oko kuthethwa ngako kuYobhi isahluko 38, yaye kuphakamisa yiphi imibuzo?
10 Isahluko 38 siqala ngala mazwi: “UYehova wamphendula uYobhi ekwisaqhwithi somoya wathi: ‘Ngubani na lo usitha icebo ngamazwi angenakwazi? Khawuncede, ubhinqe esinqeni sakho njengendoda eyomeleleyo, mandikubuze, uze wena undazise.’” (Yobhi 38:1-3) Oku kwambangela ukuba azikise ukucinga. Kwamnceda uYobhi walungisa indlela acinga ngayo waqonda nokuba umi phambi koMdali wendalo iphela yaye umele aphendule kuye. Kufanelekile ukuba senze okufanayo nathi kunye nabo baphila kweli xesha lethu. Wandula ke uThixo wakhankanya izinto ezazikhankanywe nguElihu. “Wawuphi na ekusekeni kwam umhlaba? Ndixelele, ukuba uyakwazi ukuqonda. Ngubani owamisa imilinganiselo yawo, ukuba uyazi, okanye ngubani na owawulula ulutya lokulinganisa phezu kwawo? Zitshone entwenini iziseko zawo, okanye ngubani owabeka ilitye lawo lembombo?”—Yobhi 38:4-6.
11. UYobhi 38:4-6 ufanele asenze siqonde ntoni?
11 Wayephi uYobhi—sasiphi thina—ekusekweni kwehlabathi? Ngaba sasingabayili abangamagcisa abayila umhlaba wethu saza, sakugqiba ukuyila salinganisa, ngokungathi kunjalo, ngoluthi lokulinganisa? Akunjalo konke konke! Abantu babengekabikho kwaukubakho. Ngokungathi umhlaba sisakhiwo, uThixo wabuza: “Ngubani owabeka ilitye lawo lembombo?” Siyazi ukuba umhlaba ukude ngendlela efanelekileyo elangeni ukuze siphile. Yaye mkhulu ngokwaneleyo. Ukuba umhlaba ubumkhudlwana kunoku, bekuya kuhlala kukho ihydrogen emoyeni yaye isijikelezi-langa sethu besingayi kuba yindawo efanelekileyo yokuphila. Ngokucacileyo, uthile ‘wabeka ilitye lawo lembombo’ kwindawo efanelekileyo. Ngaba uzuko lwalufanele luye kuYobhi? Ngaba lufanele luze kuthi? Okanye ngaba lufanele luye kuYehova uThixo?—IMizekeliso 3:19; Yeremiya 10:12.
Ngubani Oneempendulo?
12. Umbuzo ofumaneka kuYobhi 38:6 usikhokelela ekubeni sicinge ntoni?
12 UThixo wabuza: “Zitshone entwenini iziseko zawo?” Ngaba lowo asingombuzo oxhokonx’ iingcinga? Mhlawumbi siqhelene negama awayengalazi uYobhi—umxhuzulane. Inkoliso yethu iyaqonda ukuba amandla omxhuzulane avela kumandla amakhulu elanga anceda ekugcineni umhlaba ume endaweni yawo, ngokungathi kunjalo, utshone kwiziseko zawo. Sekunjalo, ngubani owuqonda ngokupheleleyo umxhuzulane?
13, 14. (a) Yintoni emele ivunywe ngomxhuzulane? (b) Sifanele sisabele njani kwimeko ebalaseliswa kuYobhi 38:6?
13 Incwadi esandul’ ukupapashwa ethi The Universe Explained iyavuma ukuba ‘umxhuzulane ngawona mandla endalo aqheleke kakhulu, ukanti kuncinane kakhulu okwaziwayo ngala mandla endalo.’ Yongezelela isithi: “Kubonakala ukuba amandla omxhuzulane anqumla ngephanyazo kwimpengezi, kungekho nto ibonakala iwancedisa. Noko ke, kwiminyaka yakutshanje iingcali zamachiza ziye zaqalisa ukuthelekelela ukuba kusenokwenzeka ukuba umxhuzulane uhamba ngamaza omoya enziwe ngamasuntswana abizwa ngokuba ziigravitons. . . Kodwa akukho bani uqiniseke ncam ngobukho bazo.” Khawucinge ngentsingiselo yoko.
14 Inzululwazi iye yenza inkqubela kangangeminyaka engama-3 000 ukususela oko uYehova wabuza loo mibuzo kuYobhi. Sekunjalo, akakho umntu phakathi kwethu okanye kwiingcali zamachiza onokunikela inkcazelo ezeleyo ngomxhuzulane obangela umhlaba ukuba uhlale kwindawo yawo, indawo ofanele ube kuyo ukuze sikwazi ukunandipha ubomi. (Yobhi 26:7; Isaya 45:18) Oku akuthethi ukuthi sifanele senze uphando olunzulu ngomxhuzulane ontsonkothileyo. Kunoko, ukunikela ingqalelo kwanakule nkalo inye yemisebenzi kaThixo emangalisayo kufanele kuphembelele imbono yethu ngaye. Ngaba ubonakalisa intlonelo ngobulumko nolwazi lwakhe, yaye ngaba uyasiqonda isizathu sokuba kufuneka sifunde okungakumbi ngokuthanda kwakhe?
15-17. (a) UYobhi 38:8-11 unikel’ ingqalelo entwenini, yaye oko kubangela ukuba kuphakame yiphi imibuzo? (b) Yintoni emele ivunywe ngokuphathelele ulwazi ngeelwandlekazi nokuma kwazo phezu komhlaba?
15 UMdali uhlabela mgama nemibuzo yakhe: “Ngubani na owavalela ulwandle ngeengcango, olwaqalisa ukuphuma njengaxa ligqabhuka esibelekweni; xa ndabeka ilifu njengesambatho salo nesithokothoko njengesithandelo sokulubopha, ndaza ndabeka imimiselo yam phezu kwalo ndabeka umvalo neengcango, ndaza ndahlabela mgama ndathi, ‘Ungazokufikelela apha, ungadluli; yaye amaza akho adlokovayo apheleliselwa apha’?”—Yobhi 38:8-11.
16 Ukuvalela ulwandle kubandakanya amazwekazi, iilwandlekazi namaza. Umntu unexesha elingakanani eqwalasele ezi zinto yaye efunda ngazo? Ngamawaka eminyaka—yaye uye wathi chatha ngokukodwa kule nkulungwane edluleyo. Usenokucinga ukuba inkoliso yoko kufanele kwaziwe ngezi zinto sele kusaziwa kungokunje. Ukanti, kulo nyaka wama-2001, ukuba uye waphanda ngalo mbandela kwawona mathala makhulu okanye usebenzisa izixhobo zokuphanda ezinamandla ze-Internet ukuze ufumane inkcazelo yakutshanje, ubuya kufumana ntoni?
17 Kwenye yezona ncwadi zaziwa ngokubanzi, ubuya kufumana la mazwi: “Ukuphakama komhlaba kumazwekazi nendlela yokuma kweelwandlekazi phezu komhlaba ehlabathini lonke nendlela ome ngayo umhlaba kwezinye iindawo ibisoloko iyeyona ngxaki ibangel’ umdla kuphando neengcamango zenzululwazi.” Emva kokuthetha la mazwi, le ntyilalwazi isandul’ ukucatshulwa yanikela iingcaciso ezine ezicingelwayo kodwa yathi ezi “ziphakathi kweengcamango ezininzi.” Njengoko usenokuba uyazi, ingcamango “ibhekisela kwinkcazelo engenabungqina baneleyo enikel’ ingcaciso ekungaqinisekwanga ngayo.”
18. UYobhi 38:8-11 ukukhokelela ukuba ufikelele kweziphi izigqibo?
18 Ngaba oko akubalaselisi ukuba sexesheni kwemibuzo esiyifunda kuYobhi 38:8-11? Ngokuqinisekileyo, asifanele kuzukiswa ngokulungelelanisa zonke ezi zinto zesijikelezi-langa sethu. Asisithi ababeka inyanga ukuze ubuhle bayo busincede ekuveliseni inkqubo yokunyuka nokurhoxa kwamaza ngokuqhelekileyo angazigubungeliyo iindawo ezilunxweme okanye asirhaxe. Uyazi ukuba ngubani owenza oko, nguMenzi wezinto ezimangalisayo.—INdumiso 33:7; 89:9; IMizekeliso 8:29; IZenzo 4:24; ISityhilelo 14:7.
Nika UYehova Uzuko Olumfaneleyo
19. Amabinzana abumbongo abhalwe kuYobhi 38:12-14 alathisela ingqalelo yethu kweziphi izibakala zobume bomhlaba?
19 Abantu abafanele kuzukiswa ngokujikeleza komhlaba, ekuthethwe ngako kuYobhi 38:12-14. Oku kujikeleza komhlaba kubangela ukuphuma kwesifingo, ngokufuthi nto leyo entle ngokumangalisayo. Njengoko ilanga liphuma, ubume belizwe lethu buya bubonakala, njengodongwe oluphantsi kwetywina eliye lishiye umfanekiso ochukumisayo. Xa sinikela ingqalelo nokuba incinane kwindlela ohamba ngayo umhlaba, siya kumangaliswa kukuba umhlaba ungajikelezi ngokukhawuleza, nto leyo ibiya kubangela intlekele, njengoko sinokukuqonda ngokulula oko. Yaye awucothi kakhulu xa ujikeleza kangangokuba imini nobusuku zibe nde kakhulu, zize zibangele ubushushu nengqele egqithiseleyo nto leyo ebiya kwenza abantu bangakwazi ukuphila. Ngeliphandle, sifanele sivuye kuba inguThixo, kungekhona iqela labantu, oye wamisela isantya sokujikeleza kwawo.—INdumiso 148:1-5.
20. Ubuya kuyiphendula njani imibuzo ekuYobhi 38:16, 18?
20 Ngoku, khawube nomfanekiso kaThixo ekubuza le mibuzo ingakumbi: “Ngaba ufikile emithonjeni yolwandle, okanye ngaba uye wahambahamba ufuna amanzi anzongonzongo?” Kwanakwabo banikela iinkcukacha ngeelwandlekazi akakho onokunikela impendulo epheleleyo! “Ngaba uziqwalasele ngengqiqo iindawo ezibanzi zomhlaba? Ndixelele, ukuba uzazile zonke.” (Yobhi 38:16, 18) Ngaba sikhe satyelela okanye sayihlola yonke imimandla yomhlaba, okanye kwanenxalenye enkulu yayo? Ukuze sinikel’ ingqalelo kwiindawo ezintle nezimangalisayo zomhlaba wethu kunokufuneka siphile ixesha elingakanani? Hayi indlela ebelinokubangel’ imincili ngayo elo xesha!
21. (a) Ziziphi iimbono zenzululwazi ezinokuvela ngenxa yemibuzo ekuYobhi 38:19? (b) Izibakala eziphathelele ukukhanya zifanele zisishukumisele ekwenzeni ntoni?
21 Kwakhona, khawukhangele imibuzo enzulu kuYobhi 38:19: “Iphi na ke ngoku, indlela ukukhanya okuhlala kuyo? Ke bona ubumnyama, iphi na indawo yabo?” Usenokuba uyazi ukuba kangangexesha elide, kuye kwesamela ingcamango yokuba ukukhanya kuhamba njengamaza esinokuwabukela echibini. Kwandula ke ngowe-1905, uAlbert Einstein wacacisa ukuba ukukhanya kuhamba kuziingqimba, okanye amasuntswana amandla. Ngaba loo ngcaciso yeza nesicombululo? Intyilalwazi yakutshanje iyabuza: “Ngaba ukukhanya liliza okanye lisuntswana?” Iphendula isithi: “Kuyabonakala ukuba, [ukukhanya] akunakuba zizo zombini ezi zinto kuba zombini [amaza namasuntswana] zahluke ngokupheleleyo. Eyona mpendulo ichanileyo kukuba ukukhanya akuyiyo nanye kwezo nto zombini.” Sekunjalo, sihlala sifudumele (ngokuthe ngqo okanye ngokungangqalanga) ngenxa yokukhanya kwelanga, nakuba kungekabikho mntu ukwaziyo ukuyichaza ngokuzeleyo imisebenzi kaThixo ngokuphathelele lo mba. Sinandipha ukutya neoksijini eveliswa zizityalo ngenxa yokufumana kwazo ukukhanya. Sinokufunda, sibone ubuso babo sibathandayo, sondele ukutshona kwelanga, njalo njalo. Njengoko sisenjenjalo, ngaba asimele sivume ukuba imisebenzi kaThixo iyamangalisa?—INdumiso 104:1, 2; 145:5; Isaya 45:7; Yeremiya 31:35.
22. UDavide wamandulo wasabela njani ngokubhekisele kwimisebenzi kaThixo emangalisayo?
22 Ngaba injongo yethu ngokucamngca ngemisebenzi kaYehova emangalisayo kukuze nje isichukumise, ize isenze soyike okanye simangaliseke? Akunjalo. Umdumisi wamandulo wavuma ukuba akunakwenzeka ukuba umntu ayiqonde aze athethe ngayo yonke imisebenzi kaThixo. UDavide wabhala: “Zininzi izinto ozenzileyo, Owu Yehova Thixo wam, kwanemisebenzi yakho emangalisayo. . . Ukuba bendityekele ekuxeleni ndize ndithethe ngazo, zininzi kakhulu kunokuba ndinokubalisa.” (INdumiso 40:5) Noko ke, ngokuqinisekileyo wayengathethi ukuba wayengayi kuthetha ngale misebenzi mikhulu. UDavide wakungqina oku ngozimiselo lwakhe oluchazwe kwiNdumiso 9:1: “Ndiya kukubonga, Yehova, ngayo yonke intliziyo yam; ndiya kuyivakalisa yonke imisebenzi yakho emangalisayo.”
23. Uziva njani ngenxa yemisebenzi kaThixo emangalisayo, yaye unokubanceda njani abanye?
23 Ngaba asifanele sichukumiseke ngendlela efanayo? Ngaba ukucinga ngemisebenzi kaThixo emikhulu akufanele kusishukumisele ukuba sithethe ngaye, ngezinto azenzileyo, nangezinto aseza kuzenza? Impendulo izicacele—sifanele ‘sivakalise uzuko lwakhe phakathi kweentlanga, phakathi kwezizwana zonke imisebenzi yakhe emangalisayo.’ (INdumiso 96:3-5) Ewe, sinokubonakalisa uxabiso esinalo ngemisebenzi kaThixo emangalisayo ngokwabelana nabanye ngoko siye sakufunda ngaye. Kwanokuba baye bakhulela phakathi kwebutho labantu elingakholelwayo kuMdali, inkcazelo yethu engqalileyo isenokubenza bathi qwa baze bamqonde uThixo. Ngaphezu koko, isenokubashukumisela ukuba bafune ukumazi nokumkhonza lowo “wadala zonke izinto,” uMenzi wemisebenzi emangalisayo, uYehova.—ISityhilelo 4:11.
Ubuya Kuphendula Uthini?
• Isibongozo esikuYobhi 37:14 sikubangela ukuba ucinge ntoni ngemisebenzi kaThixo?
• Ziziphi ezinye izinto ezibalaseliswe kuYobhi isahluko 37 nesama-38 ezo inzululwazi ingenakuzichaza ngokuzeleyo?
• Uvakalelwa njani ngemisebenzi kaThixo emangalisayo, yaye ikushukumisela ukuba wenze ntoni?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngubani owavalela ulwandle, elugcina lukwindawo yalo?
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngubani osele etyelele zonke iindawo ezintle kumhlaba wethu, ezadalwa nguThixo?