Yobhi
4 Ngubani onokuzala umntu ococekileyo akuba yena engacocekanga?+
Akakho!
5 Ukuba iintsuku zakhe zimbalwa,
Inani leenyanga zakhe laziwa nguwe;
Umbekele umda angenakugqitha kuwo.+
7 Kuba nomthi lo unalo ithemba.
Nokuba ungagawulwa, uza kuphinda ukhule,
Namasetyana awo aqhubeke ekhula.
8 Ukuba iingcambu zawo ziyabola,
Nesikhondo sawo sife,
9 Uza kuhluma ngokuva nje ivumba lamanzi,
Uze uvelise amasebe njengesityalo esitsha.
11 Amanzi athi shwaka elwandle,
Nomlambo utshe uze wome.
12 Nomntu uyalala aze angavuki.+
Akazukuphakama de lingabikho izulu,
Engazukuvuswa nakobo buthongo.+
13 Owu akwaba ubungandifihla engcwabeni,*+
Undifihle de uphele umsindo wakho,
Undibekele ixesha uze undikhumbule!+
14 Ukuba umntu uyafa, angaphinda aphile na?+
Ndiza kulinda ke iphele imihla yobukhoboka bam,
De ndikhululeke.+
Uza kukufuna ngamandla ukuphinda uwubone umsebenzi wezandla zakho.
16 Kodwa okwangoku, ugade yonke indawo endinyathela kuyo;
Eyona nto uyigadileyo kum sisono.
17 Isono sam sivalelwe engxoweni,
Usivale ngci ngeglu.
18 Njengokudilika kwentaba,
Nokuwa kweliwa,
19 Njengamanzi ekhuthula amatye
Nemisinga ikhukulisa umhlaba,
Wena uliphelisile ithemba lomntu.
21 Nokuba oonyana bakhe banikwa imbeko, akayazi loo nto;
Nokuba sele bejongelwa phantsi, akayiboni loo nto.+
22 Intlungu uyiva kuphela xa esaphila;
Uzila kuphela xa engekafi.”