IiNdumiso
71 Ndibalekela kuwe Yehova.
Mandingaze ndidaniswe.+
2 Ndisindise ngobulungisa bakho, undihlangule.
Ndithobele indlebe yakho,* undisindise.+
3 Yiba yinqaba yam eseliweni
Endinokuzimela kuyo.
Khupha umyalelo wokuba ndisindiswe,
Kuba uliliwa lam nendawo yam ekhuselekileyo.+
6 Bendixhomekeke kuwe kwasekuzalweni;
Ndakhutshwa nguwe esibelekweni sikamama.
Ndiza kuhlala ndikudumisa.+
7 Kubantu abaninzi ndiye ndaba njengommangaliso,
Kodwa wena uyindawo yam yokubalekela eyomeleleyo.
Mleqeni nimbambe, kuba akanamsindisi.”+
12 Owu Thixo, sukumela kude kum.
Owu Thixo wam, khawuleza uzokundinceda.+
Kwanga bangahlazeka+
Abo bafuna ukuba ndehlelwe yintlekele.
14 Kodwa ke mna, ndiza kuhlala ndilindile;
Ndiza kukudumisa ngakumbi.
16 Ndiza kuza ndibalise ngamandla akho,
Owu Nkosi enguMongami Yehova;
Ndiza kuthetha ngobulungisa bakho, obakho wedwa.
17 Owu Thixo, undifundise ukususela ebutsheni bam,+
Ibe nangoku ndisaqhubeka ndithetha ngemisebenzi yakho emangalisayo.+
18 Owu Thixo, uze ungandilahli naxa sele ndiyingwevu enezimvi.+
19 Ubulungisa bakho Thixo, bufikelela kwindawo ephakamileyo;+
Ziyamangalisa izinto ozenzileyo;
Owu Thixo, ngubani onjengawe?+
21 Kwanga ungandenza ndibe nesidima ngakumbi,
Undingqonge uze undithuthuzele.
Ndiza kukudumisa ngengoma,* ndikudlalele uhadi,
Owu Wena Ungcwele kaSirayeli.
23 Imilebe yam iza kukhwaza ngovuyo njengoko ndikudumisa ngengoma,+
Kuba ubusindisile ubomi bam.+