Eyesibini KwabaseKorinte
1 UPawulos ongumpostile kaKristu Yesu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti+ umzalwana wethu, babhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakulo lonke elaseAkhaya:+
2 Kwanga uThixo uTata wethu, neNkosi uYesu Kristu banganenzela ububele* baninike noxolo.
3 Makadunyiswe uThixo onguTata weNkosi yethu uYesu Kristu,+ uTata onenceba+ noThixo wayo yonke intuthuzelo,+ 4 osithuthuzelayo* kubo bonke ubunzima esijongene nabo,+ ukuze sikwazi ukuthuthuzela+ abo bakulo naluphi na uhlobo lobunzima, ngendlela nathi esithuthuzelwe ngayo nguThixo.+ 5 Kuba kanye njengokuba sifumana izinto ezibuhlungu+ ezininzi ngenxa yokulandela uKristu, sifumana nentuthuzelo eninzi ngenxa yakhe. 6 Ngoko xa sijongene nobunzima, loo nto ininceda nithuthuzeleke nize nisinde. Naxa sithuthuzelwa, nani niyathuthuzeleka, ukuze nikwazi ukubunyamezela ubunzima esiye sajongana nabo nathi. 7 Asizukuyeka ukuba nethemba ngani, kuba siyazi ukuba njengokuba nani nijongene nobunzima njengathi, niza kuthuthuzelwa njengathi.+
8 Asifuni ningazi bazalwana ngobunzima esajongana nabo kwiphondo laseAsiya.+ Satsala nzima ngendlela engaphaya kwamandla ethu, kangangokuba sasingaqinisekanga nangobomi bethu,+ 9 sade sacinga ukuba sigwetyelwe ukufa. Le nto yenzeka ukuze singathembeli kwiziqu zethu, kodwa sithembele kuThixo+ ovusa abantu ekufeni. 10 Sikuloo mngcipheko wokufa, wasisindisa yaye useza kusisindisa. Sinalo nethemba lokuba uza kuqhubeka esisindisa.+ 11 Nani ninokusinceda ngokusithandazela nisicengela kuThixo,+ ukuze babe baninzi abambulelayo kuba siye senzelwa ububele ngenxa yemithandazo yabaninzi.+
12 Into esiqhayisa ngayo yile yokuba izazela zethu ziyasingqinela ukuba siye saziphatha kakuhle kweli hlabathi, ngakumbi phakathi kwenu. Siye saba ngcwele, sanyaniseka ngendlela uThixo asifundise ngayo, asathembela kubulumko babantu+ kodwa sathembela kububele* bukaThixo. 13 Kuba izinto esinibhalela zona zizinto eninokukwazi ukuzifunda nokuziqonda,* ibe ndiyathemba ukuba niza kuqhubeka niziqonda kakuhle, 14 kanye njengokuba abanye benu beqonda ukuba bamele baqhayise ngathi, njengokuba nathi siza kuqhayisa ngani ngemini yeNkosi yethu uYesu.
15 Ekubeni ndiqinisekile ngaloo nto, bendizimisele ukuba ndize kuni kuqala ukuze nivuye okwesibini;* 16 kuba bendizimisele ukudlula kuni xa ndisiya eMakedoni, ndize ndiphinde ndize kuni xa ndisuka eMakedoni, nize nindikhaphe nijike endleleni xa ndisiya kwelakwaYuda.+ 17 Kaloku xa ndandicinga ukwenza loo nto, andizange ndiyithathe njengento engenamsebenzi andithi? Okanye ngaba ndiceba izinto ukuze ndanelise iminqweno yam, kangangokuba ndithi sendithe “Ewe, ewe” ndijike ndithi “Hayi, hayi”? 18 Kanye njengokuba ninokumthemba uThixo, nathi ninokusithemba ukuba uewe wethu akangohayi. 19 Kuba uNyana kaThixo, uYesu Kristu, esashumayela ngaye kuni, mna, uSilvano* noTimoti,+ akazange athi “ewe” aphinde athi “hayi,” kodwa u-“ewe” uye waba ngu-“ewe” kuye. 20 Kuba nokuba zininzi kangakanani izinto azithembisileyo uThixo, uye wazenza* esebenzisa uYesu.+ Ngoko ke kwangaye sithi “Amen” kuThixo+ ukuze simzukise. 21 Kodwa nguThixo osiqinisekisayo ukuba thina nani singabakaKristu, yaye nguye osikhethileyo.*+ 22 Usibeke nesitampu+ sakhe waza wafaka umoya oyingcwele+ ezintliziyweni zethu, osisiqinisekiso sezinto eziza kuza.
23 UThixo angandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingekezi eKorinte kukuba ndicingela kwanina. 24 Asizonkosi phezu kokholo lwenu,+ kodwa sisebenza kunye nani ukuze nivuye, kuba nimi ngokholo lwenu.