KumaHebhere
10 Ekubeni uMthetho usisithunzi+ sezinto ezilungileyo eziza kuza,+ kodwa ungezizo ezo zinto, wona* nemibingelelo eyayisenziwa qho ngonyaka ayinakubenza bagqibelele abantu abakhonza uThixo.+ 2 Ukuba ibinokwenzeka loo nto, ibiza kuyekwa ukunikelwa imibingelelo, kuba abantu abenza umsebenzi ongcwele bebengazukuhlala beziva benetyala emva kokuba becociwe. 3 Kodwa ke, ukunikela kwabo imibingelelo unyaka nonyaka kubakhumbuza ukuba banesono,+ 4 kuba akunakwenzeka ukuba igazi leenkunzi zeenkomo neleebhokhwe lisuse izono.
5 Ngoko ke xa uKristu engena ehlabathini uthi: “‘Awufunanga mbingelelo namnikelo, kodwa undilungiselele umzimba. 6 Awuyifunanga iminikelo etshiswayo neminikelo yesono.’+ 7 Ngoko ndathi: ‘Ndizile (emsongweni* kubhaliwe ngam) ukuza kwenza ukuthanda kwakho Thixo wam.’”+ 8 Emva kokuba eqale wathi: “Awufunanga mibingelelo, ungayifunanga neminikelo etshiswayo neminikelo yesono.” Le mibingelelo yenziwa kuba ifunwa nguMthetho. 9 Emva koko uthi: “Ndizile ukuza kwenza ukuthanda kwakho.”+ Ngoko ke, uyayisusa into ebikho ekuqaleni ukuze abeke eyesibini. 10 Ngenxa yoku “kuthanda” kukaThixo,+ siye sangcwaliswa ngokubingelelwa komzimba kaYesu Kristu kwaba kanye.+
11 Kwakhona, umbingeleli ngamnye uma endaweni yakhe yonke imihla ukuze enze umsebenzi ongcwele+ aze enze imibingelelo efanayo qho,+ engakwaziyo ukuzisusa ngokupheleleyo izono.+ 12 Kodwa yena uKristu wanikela umbingelelo omnye wezono kwaba kanye waza wahlala phantsi ngasekunene kukaThixo,+ 13 elindele ukuba iintshaba zakhe zenziwe zibe yindawo yokubeka iinyawo zakhe.+ 14 Kuba ngomnikelo omnye wombingelelo ubenze bagqibelela ngokuqhubekayo abantu abenziwe bangcwele.+ 15 Ngaphezu koko, umoya oyingcwele uyasingqinela, ngokuthi: 16 “UYehova* uthi, ‘Kuba esi sisivumelwano endiza kusenza nabo emva kwaloo mihla. Ndiza kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndize ndiyibhale ezintliziyweni zabo.’”+ 17 Emva koko uthi: “Kuba andizukuzikhumbula izono zabo nokungathobeli kwabo umthetho.”+ 18 Xa zixolelwe izono, akusekho mnikelo wasono wenziwayo.
19 Ngoko ke bazalwana, thina sinesibindi sokungena kwindawo engcwele+ ngegazi likaYesu, 20 eyaba yindlela entsha nephilayo awasivulela yona ngekhethini.+ Loo khethini ke ngumzimba wakhe. 21 Ekubeni sinombingeleli omkhulu kwindlu kaThixo,+ 22 masisondele kuThixo ngeentliziyo ezinyanisekileyo sinokholo ngokupheleleyo, iintliziyo zethu zicociwe ukuze singabi nesazela esingcolileyo+ yaza nemizimba yethu yahlanjwa ngamanzi acocekileyo.+ 23 Masingayeki ukushumayela ngethemba lethu,+ kuba uthembekile lowo wenze isithembiso. 24 Masicingelane* ukuze sikhuthazane ukuba sithandane size senze izinto ezilungileyo,+ 25 singaziphosanisi nokudibana kunye,+ njengokuba abanye benesiko lokwenjenjalo, kodwa masikhuthazane,+ ingakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.+
26 Ukuba siqhubeka sisona ngabom emva kokuba sifumene ulwazi oluchanileyo lwenyaniso,+ akusekho mbingelelo wezono unokuphinda wenziwe,+ 27 kodwa siza koyika kuba silindelwe ngumgwebo nomsindo ovuthayo oza kubaqwenga abo bachasa uThixo.+ 28 Nabani na ongawuthobeliyo umthetho kaMoses ubulawa engasizelwa, xa kukho ubungqina babantu ababini okanye abathathu.+ 29 Nicinga ukuba ufanelwe sisohlwayo esikhulu kangakanani ke umntu oye wanyathela uNyana kaThixo waza walibona lingenamsebenzi igazi lesivumelwano+ awenziwa ngcwele ngalo, noye wawudelela umoya kaThixo osenzele ububele?*+ 30 Kuba siyamazi lowo wathi: “Ndim ophindisayo; ndim obuyekezayo”; waza wathi: “UYehova* uza kubagweba abantu bakhe.”+ 31 Kuyoyikisa ukuwela ezandleni zikaThixo ophilayo.
32 Kodwa ke, hlalani nizikhumbula iintsuku ezadlulayo, enanyamezela ngazo ubunzima, emva kokuba nikhanyiselwe.+ 33 Ngamanye amaxesha nanihlaziswa phambi kwabantu, nithukwa yaye niphathwa kakubi. Ngamanye amaxesha nanixhasa abo benziwa ezo izinto. 34 Navelana nabo basejele naza navuma xa nithathelwa izinto zenu,+ nisazi ukuba ninento ebhetele nengunaphakade.+
35 Ngoko ningasilahli isibindi* senu, kuba niza kuvuzwa ngenxa yaso.+ 36 Kuba kufuneka ninyamezele,+ ukuze, emva kokuba nenze ukuthanda kukaThixo, niyifumane into eniyithenjisiweyo. 37 Kuba sekushiyeke “ixesha elincinci kakhulu,”+ aze “lowo uzayo afike, angalibazisi.”+ 38 “Kodwa owam umntu olilungisa uza kuphila ngenxa yokuba nokholo,”+ yaye, “ukuba uye wabuya umva, ndiza kuyeka ukumthanda.”+ 39 Thina ke, asilulo olu hlobo lubuya umva luye entshabalalweni,+ kodwa siluhlobo olunokholo ukuze sihlale siphila.