ILizwi LikaYehova Liphilile
Iimbalasane Zencwadi KaIsaya—I
“NDOTHUMA bani na, ngubani na owosiyela?” Kwesi sicelo sikaYehova uThixo, uIsaya unyana ka-Amotsi uphendula athi: “Ndikho! Thuma mna.” (Isaya 1:1; 6:8) Emva koko, wenziwa umprofeti. Imisebenzi yokuba ngumprofeti kukaIsaya ibhalwe kwincwadi yeBhayibhile ethiywe ngegama lakhe.
Ibhalwe ngulo mprofeti ngokwakhe, le ncwadi kaIsaya igubungela iminyaka engama-46, ukususela malunga nowama-778 B.C.E. ukusa kwixa elithile emva kowama-732 B.C.E. Nakuba le ncwadi ivakalisa imigwebo nxamnye noYuda, uSirayeli nezinye iintlanga ezibangqongileyo, eyona nto ithetha ngayo asikokugweba. Kunoko, ithetha ‘ngosindiso lukaYehova uThixo.’ (Isaya 25:9) Eneneni, kwaigama elithi Isaya lithetha ukuthi “Usindiso lukaYehova.” Eli nqaku liza kuxubusha iimbalasane zayo ukususela kuIsaya 1:1–35:10.
“INTSALELA IYA KUBUYA”
IBhayibhile ayisichazeli enoba isiprofeto esikwizahluko ezihlanu zokuqala zale ncwadi sidluliselwe ngaphambi kokuba uIsaya enziwe umprofeti okanye emva koko kusini na. (Isaya 6:6-9) Kodwa, kuyabonakala ukuba uYuda neYerusalem bayagula ngokomoya “ukususela entendeni yonyawo kude kuse entloko.” (Isaya 1:6) Into egqugqisileyo lunqulo-zithixo. Iinkokeli zabo zonakele. Abafazi bazaliswe likratshi. Abantu abamkhonzi ngendlela efanelekileyo uThixo oyinyaniso. Kuthunyelwa uIsaya ukuba aquqe ukuya kuthetha nabo bangaqondiyo nabangafuni lwazi.
UYuda usongelwa yimikhosi emanyeneyo kaSirayeli neSiriya. Esebenzisa uIsaya nabantwana bakhe “njengemiqondiso nemimangaliso,” uYehova uqinisekisa uYuda ukuba olo manyano lweSiriya noSirayeli aluyi kuphumelela. (Isaya 8:18) Kodwa lona uxolo olungapheliyo luya kubakho kuphela xa kulawula “iNkosana yoXolo.” (Isaya 9:6, 7) UYehova uza kuyiphendulisa neAsiriya, isizwe asisebenzisa ‘njengentonga yomsindo’ wakhe. Ekugqibeleni uYuda uza kuya ekuthinjweni, nakuba kukho “intsalela nje eya kubuya” apho. (Isaya 10:5, 21, 22) Kuya kubakho okusesikweni kokwenene xa sekulawula “isetyana” lokomfuziselo “esiphunzini sikaYese.”—Isaya 11:1.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
1:8, 9—Kwenzeka njani ukuba intombi yaseZiyon “ishiywe njengomnquba esidiliyeni, njengephempe entsimini yeekomkomere”? Oku kuthetha ukuba xa kuhlasela ama-Asiriya, iYerusalem iya kubonakala isisisulu sokwenene, njengomnquba nje osesidiliyeni okanye inokuwa lula njengephempe entsimini yeekomkomere. Kodwa uYehova uyayinceda engavumi ukuba ifane neSodom neGomora.
1:18—Atheth’ ukuthini amazwi athi: “Yizani, ke, silungelelanise imicimbi phakathi kwethu”? Esi ayisosicelo sokuthethathethana ukuze kwenziwe isivumelwano. Le ndinyana ibhekisela kwimeko apho kumiselwa okusesikweni ngokuthi uMgwebi onobulungisa, uYehova anike uSirayeli ithuba lokuguquka ukuze azihlambulule.
6:8a—Kutheni kusithiwa “ndothuma” kuphinde kuthiwe “owosiyela” kule ndinyana? Igama elithi “ndothuma” libhekisela kuYehova uThixo. Eli likwisininzi, “owosiyela” libonisa ukuba kukho nomnye umntu okunye noYehova. Kakade, lowo ‘ngunyana wakhe okuphela kwamzeleyo.’—Yohane 1:14; 3:16.
6:11—Yintoni eyayibuzwa nguIsaya xa esithi: “Kude kube nini na, Yehova?” Wayengabuzi ubungakanani bexesha aza kusa ngalo isigidimi sikaYehova kwabo bantu bandlebe zibuthuntu. Wayefuna ukwazi ukuba kwakuya kude kube nini na oko kugula kwabantu ngokomoya kuhlazisa igama likaThixo.
7:3, 4—Kwakutheni ukuze uYehova asindise uKumkani uAhazi ongendawo? Ookumkani baseSiriya nabakwaSirayeli baceba ukukhiqa uKumkani uAhazi wakwaYuda esihlalweni ukuze bamisele owayeza kuba ngunodoli wabo, unyana kaTabheheli—owayengaphumi kumnombo kaDavide. Eli qhinga likaSathana laliya konakalisa umnqophiso woBukumkani owenziwa noDavide. UYehova wasindisa uAhazi ngenjongo yokulondoloza umnombo awayethembise ukuba yayiza kuzalwa kuwo “iNkosana yoXolo.”—Isaya 9:6.
7:8—Kwenzeka njani ukuba uEfrayim ‘aphulwe’ kwithutyana nje leminyaka engama-65? Ukuqweqwediswa kwabantu bobo bukumkani bezizwe elishumi nokuphinda elo lizwe limiwe ngabemi basemzini kwaqalisa “ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli,” kungekudala nje uIsaya eprofete oko. (2 Kumkani 15:29) Kwaba njalo de kwaphatha uKumkani uEsar-hadon waseAsiriya, owangena ezihlangwini zikayise uSenaribhe. (2 Kumkani 17:6; Ezra 4:1, 2; Isaya 37:37, 38) Oku kuhliswa kwabantu benyuswa ngama-Asiriya eSamariya kuqhubeka de kuzaliseke iminyaka engama-65 ekhankanywe kuIsaya 7:8.
11:1, 10—UYesu Kristu uba ‘lisetyana esiphunzini sikaYese’ aphinde abe ‘yingcambu kaYese’ njani? (Roma 15:12) UYesu wayephuma “esiphunzini sikaYese” kuba wavela kumnombo wakhe wokuzalwa. Wayeyinzala kaYese ngonyana kaYese uDavide. (Mateyu 1:1-6; Luka 3:23-32) Noko ke, ukunikwa kwakhe amandla obukumkani kuyayichaphazela indlela azalana ngayo nookhokho bakhe. Ngokunikwa amandla negunya lokupha abantu abathobelayo ubomi obungunaphakade emhlabeni, uba ‘nguBawo wabo ongunaPhakade.’ (Isaya 9:6) Ngoko uphinda abe ‘yingcambu’ yookhokho bakhe, kuquka uYese.
Oko Sikufundayo:
1:3. Ukwala ukuphila ngendlela yoMdali wethu kuthetha ukodlulwa yinkunzi yenkomo okanye liesile ngolwazi. Kwelinye icala, ukuba nombulelo ngako konke uYehova asenzele kona kuya kusinceda siphephe ukuziphatha ngokungaqondi nokumshiya.
1:11-13. Imibhiyozo yohanahaniso nezicengcelezo zemithandazo yeecawa iyamkruqula uYehova. Izenzo nemithandazo yethu zimele zisuke entliziyweni kwintsusa entle.
1:25-27; 2:2; 4:2, 3. Ubukhoboka nokuphanziswa kukaYuda kwakuza kuphela ngokubuyiselwa kwentsalela eguqukileyo eYerusalem nokuvuselelwa konqulo lokwenyaniso. UYehova unenceba kubenzi bobubi abaguqukayo.
2:2-4. Inzondelelo yethu ekushumayeleni ngoBukumkani nasekwenzeni abafundi inceda abantu beentlanga bafunde ukuba noxolo nokwakha uxolo nabanye.
4:4. UYehova uya kukushenxisa, okanye akugutyule ukungcola kokuziphatha netyala legazi.
5:11-13. Ukwala ukuzeyisa nokulungelelana xa sikhetha iindlela zokuzonwabisa, kukwala ukwenza ngokolwazi.—Roma 13:13.
5:21-23. Abadala abangamaKristu, okanye abaveleli bamele bakuphephe ‘ukuba zizilumko kwawabo amehlo.’ Kufuneka babe ngcathu “ekuseleni iwayini” yaye bakuphephe ukukhetha ubuso.
11:3a. Umzekelo neemfundiso zikaYesu zibonisa ukuba ukoyika uYehova kuzisa uvuyo.
“UYEHOVA UYA KUMENZELA INCEBA UYAKOBI”
Kwisahluko 13-23 kubhengezwa imigwebo nxamnye neentlanga. Noko ke, “uYehova uya kumenzela inceba uYakobi” ngokuvumela ukuba zonke izizwe zakwaSirayeli zibuyele ekhaya. (Isaya 14:1) Isigidimi sokuphanziswa kukaYuda kwisahluko 24-27 siphelekwa sisithembiso sokubuyiselwa kwakhe. UYehova uvakalisa umsindo wakhe ‘kumanxila akwaEfrayim [uSirayeli]’ ngenxa yokuzimanya kwawo neSiriya ‘nakumbingeleli nomprofeti’ wakwaYuda ngokufuna ukumanyana neAsiriya. (Isaya 28:1, 7) Kuvakaliswa uyeha “kwiAriyeli [iYerusalem]” ‘ngokunduluka iye eYiputa’ ifune ikhusi. (Isaya 29:1; 30:1, 2) Sekunjalo, kuchazwa ukuba kuza kusindiswa abathile abanokholo kuYehova.
‘Njengengonyama entsha enesingci ibhavuma phezu kwexhoba layo,’ uya kuba njalo uYehova ukulinda ‘iNtaba yeZiyon.’ (Isaya 31:4) Kwenziwa nesithembiso esithi: “Khangela! Ukumkani uya kulawula ngobulungisa.” (Isaya 32:1) Ngoxa isisongelo seAsiriya kuYuda sisenza ‘nabathunywa boxolo’ batsho esikrakra, uYehova uthembisa ukuba abantu bakhe baya kuphiliswa, ‘baxolelwe iziphoso zabo.’ (Isaya 33:7, 22-24) “UYehova ucaphukile nxamnye nazo zonke iintlanga, yaye umsindo wakhe unxamnye nomkhosi wazo wonke.” (Isaya 34:2) ElakwaYuda aliyi kuhlala liyinkangala. “Iya kuba nemihlali intlango nommandla ongumqwebedu, nethafa eliyinkqantosi liya kuvuya lize lityatyambe njengesafroni.”—Isaya 35:1.
Iimpendulo Kwimibuzo YeZibhalo:
13:17—AmaMedi ayigqala njani isilivere njengento engento aza akayoliswa yigolide? AmaMedi namaPersi ayegqala uzuko lokoyisa kwawo ngaphezu kwawo nawaphi na amaxhoba emfazwe. Kwenzeka kanye oko kuKoreshi, owanika abo babebuya ekuthinjweni izitya zegolide nezesilivere ezaziphangwe nguNebhukadenetsare kwitempile kaYehova.
14:1, 2—Kwenzeka njani ukuba abantu bakaYehova bajike babe ‘ngabathimbi babo babebathimbile baphinde babe nobukhosi kwabo babebaqweqwedisa emsebenzini’? Oku kwenzeka xa abathile njengoDaniyeli, baba kwizikhundla eziphezulu eBhabhiloni xa kwakulawula amaMedi namaPersi; uEstere, engukumkanikazi wamaPersi; noMordekayi wayinkulumbuso kuBukhosi bamaPersi.
20:2-5—Ngaba eneneni uIsaya wabetha ngeyesele iminyaka emithathu? UIsaya usenokuba wakhulula isambatho sakhe sangaphandle kuphela wabetha ngezo zangaphantsi.—1 Samuweli 19:24.
21:1—Nguwuphi ummandla ekuthiwa ‘yintlango yaselwandle’? Nakuba iBhabhiloni yayikude nolwandle, kubhekiselwa kuyo ngale ndlela. Kutshiwo ngenxa yamanzi omEfrati neTigris awayequkuqela kuloo mmandla minyaka le aze ashiye izantyalantyala ‘zolwandle.’
24:13-16—Kwakuza kwenzeka njani ukuba amaYuda ‘phakathi kwezizwana, abe njengokuvuthululwa komnquma, njengobhikico xa kuphelile ukuvunwa kweediliya’? Kanye njengeziqhamo ezisele emthini okanye iidiliya emva kokuvunwa, ligcuntswana kuphela elaliza kusinda xa kutshatyalaliswa iYerusalem noYuda. Naphi na apho basiwa khona abasindileyo, enoba ‘kummandla wokukhanya [kwiMpuma yeBhabhiloni]’ okanye ‘kwiziqithi zolwandle [lweMeditera],’ babeza kudumisa uYehova.
24:21—Ngoobani “umkhosi wendawo ephakamileyo” ‘nookumkani bomhlaba’? ‘Umkhosi wendawo ephakamileyo’ usenokuba yimikhosi yoomoya abangendawo. Ngoko “ookumkani bomhlaba” ziinkokeli zehlabathi eziphenjelelwa ngamandla ziidemon.—1 Yohane 5:19.
25:7—Yintoni ‘isigubungelo esigubungela zonke izizwana, nomsebenzi olukiweyo ogubungela zonke iintlanga’? Le ntelekiso yenza sicinge ngezona ntshaba zimbini zoluntu—isono nokufa.
Oko Sikufundayo:
13:20-22; 14:22, 23; 21:1-9. Ilizwi likaYehova lesiprofeto lihlala lizaliseka, njengokuba kwenzekayo kwiBhabhiloni.
17:7, 8. Nakuba inkoliso yamaSirayeli ingazange imthobele uYehova, akho awamphulaphulayo. Ngokufanayo, bakho abantu abahamba kwiicawa zeNgqobhoko abasabelayo kwisigidimi soBukumkani.
28:1-6. USirayeli uza kuhlaselwa yiAsiriya, kodwa uThixo uya kuqinisekisa ukuba abathembekileyo bayasinda. Imigwebo kaYehova ayiwashiyi engenathemba amalungisa.
28:23-29. UYehova uyabalungisa abanyanisekileyo, oko akwenze ngokweentswelo neemeko zabo.
30:15. Ukuze sisindiswe nguYehova kufuneka sibonise ukholo “ngokuphumla” okanye ukuyeka ukufuna usindiso ebantwini. ‘Ngokuhlala singaphazamiseki,’ okanye singoyiki, sibonisa ukuba sithembe ukukhuselwa nguYehova.
30:20, 21. UYehova ‘simbona’ size ‘sive’ ilizwi lakhe losindiso ngokuthobela akuthetha ngeLizwi lakhe eliphefumlelweyo, iBhayibhile ‘nangekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’—Mateyu 24:45.
Isiprofeto SikaIsaya Someleza Intembelo Esinayo KwiLizwi LikaThixo
Sinombulelo gqitha ngesigidimi sikaThixo esikwincwadi kaIsaya! Iziprofeto esele zizalisekile zomeleza intembelo esinayo yokuba ‘ilizwi eliphuma emlonyeni kaYehova aliyi kubuyela kuye ngaphandle kwemiphumo.’—Isaya 55:11.
Kuthekani ngeziprofeto eziphathelele uMesiya, njengezo zikuIsaya 9:7 nese-11:1-5, 10? Ngaba azilomelezi ukholo lwethu kwilungiselelo likaYehova lokusisindisa? Le ncwadi iqulethe neziprofeto ubukhulu becala ezizaliseka kulo mhla wethu okanye eziseza kuzaliseka. (Isaya 2:2-4; 11:6-9; 25:6-8; 32:1, 2) Enyanisweni, incwadi kaIsaya yongezelela ubungqina bokuba “ilizwi likaThixo liphilile”!—Hebhere 4:12.
[Umfanekiso okwiphepha 8]
UIsaya nabantwana bakhe ‘babenjengemiqondiso nemimangaliso kwaSirayeli’
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
IYerusalem yayiza kuba “njengomnquma esidiliyeni”
[Umfanekiso okwiphepha 10]
Abantu bezizwe ngezizwe bancedwa njani ‘bakhande amakrele abo abe ngamakhuba’?