Ileta KaYuda
1 UYuda, ikhoboka likaYesu Kristu, kodwa ongumntakwaboYakobi,+ ubhalela abo babiziweyo,+ abathandwayo nguThixo uTata nabagcinelwe uYesu Kristu:+
2 Kwanga uThixo anganinika inceba, uxolo, nothando olungakumbi.
3 Bazalwana endibathandayo, bendizama kangangoko ukunibhalela ngendlela esiye sasindiswa ngayo sonke.+ Kodwa ndibone ukuba kufuneka ndinibhalele ndinicenga ukuba nilulwele ngamandla ukholo+ olwanikwa abo bangcwele kwaba kanye, ukuze luhlale ngonaphakade. 4 Isizathu sam kukuba amadoda athile, awayemiselwe lo mgwebo ziZibhalo kwakudala, achwechwele ngaphakathi kwenu. La madoda awamhloniphi uThixo, ajika ububele* bukaThixo wethu bube yinto akuthethelela ngayo ukuziphatha kwawo ngokungenazintloni,*+ yaye ayamphika okuphela komnini wethu neNkosi yethu, uYesu Kristu.+
5 Nangona sele niyazi yonke le nto, ndifuna ukunikhumbuza ukuba, emva kokuba uYehova* ebasindisile abantu bakhe ngokubakhupha kwilizwe laseYiputa,+ wabatshabalalisa abo bangenalukholo.+ 6 Neengelosi ezingazange ziyigcine eyona ndawo yazo, zalishiya ikhaya lazo,+ uzigcine zibotshwe ngamatsheyini ngonaphakade endaweni emnyama thsu ukuze zifumane umgwebo wemini enkulu.+ 7 Ngokufanayo, iSodom neGomora nezixeko ezazikufuphi, nazo zaziphatha ngokungcola ngesondo* zaza zanelisa iminqweno engadalwanga yenyama;+ zohlwaywa ngesigwebo somlilo ongunaphakade, ngoko ke zingumzekelo wokusilumkisa.+
8 Nakuba kunjalo, nawo la madoda athe phithi ngamaphupha, angcolisa inyama, adelela igunya yaye athetha kakubi ngabazukileyo.+ 9 Kodwa yena uMikayeli+ umphathi weengelosi,+ xa wayexambulisana noMtyholi, bephikisana ngesidumbu sikaMoses,+ wathobeka, akamgweba ngamazwi arhabaxa,+ kodwa wathi: “Kwanga uYehova angakukhalimela.”+ 10 Kodwa wona la madoda agxeka zonke izinto, abe engaziqondi nakakuhle.+ Kanti aqhubeka ezonakalisa ngazo zonke izinto aziqonda ngethuku lemvelo njengezilwanyana ezingacingiyo.+
11 Imbi into eza kuwehlela! Kaloku ahambe ngendlela kaKayin,+ angxamela iindlela eziphosakeleyo zikaBhileham+ ejonge umvuzo, ibe aye atshabalala ngenxa yokulinganisa uKora,+ aphikisana namadoda anegunya.+ 12 Angamatye afihlakele phantsi kwamanzi kwizidlo enizenzela abazalwana,+ abalusi abacingela iziqu zabo;+ angamafu angenamanzi aphetshethwa ngumoya;+ ayimithi engathwali siqhamo ngexesha laso, efe ngokupheleleyo* yaza yancothulwa; 13 angamaza olwandle alwayo alephuza amagwebu ehlazo lawo;+ aziinkwenkwezi ezibhadulayo, ezigcinelwe isithokothoko sobumnyama esingunaphakade.+
14 KwanoEnoki,+ ongowesixhenxe ukususela kuAdam, wayeprofeta ngabo xa wathi: “Jonga! UYehova* weza namashumi amawaka eengelosi zakhe ezingcwele,+ 15 ezokubagweba bonke,+ aze abafumanise benetyala bonke abangamoyikiyo uThixo ngenxa yazo zonke izenzo zabo zokungathobeli uThixo abazenza ngendelelo, nangenxa yazo zonke izinto ezothusayo aboni abazithetha ngaye.”+
16 La madoda ayakhalaza,+ enganeliseki zizinto anazo ebomini, erhorhozela emva kweenkanuko zawo,+ yaye ehamba eqhayisa, encoma abantu ukuze kulungelwe wona.+
17 Ke nina bazalwana endibathandayo, khumbulani amazwi awathethwa* ngabapostile beNkosi yethu uYesu Kristu, 18 ababedla ngokuthi kuni: “Kwixesha lokugqibela kuza kubakho abantu abathetha ukusa, belandela iminqweno yabo yezinto ezingafunwayo nguThixo.”+ 19 Aba ngabo baqhekeza ibandla,+ amadoda abulwanyanarha,* angenawo umoya kaThixo. 20 Kodwa nina bazalwana endibathandayo, zakheleni kolona kholo lwenu lungcwele, nize nithandaze ninomoya oyingcwele,+ 21 ukuze nizigcine nithandwa nguThixo,+ ngoxa nilindele inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu nijonge kubomi obungunaphakade.+ 22 Kwangaxeshanye, qhubekani nibenzela inceba+ abathile abathandabuzayo;+ 23 basindiseni+ ngokubaxhwila emlilweni. Kodwa qhubekani nibenzela inceba nabanye, nisenjenjalo nisoyika, nicaphukela kwanesambatho esingcoliswe yinyama.+
24 Ngoku ke, uThixo uyakwazi ukunikhusela ningakhubeki, nokunimisa ningenachaphaza+ phambi kozuko lwakhe nivuya kakhulu. 25 Lonke uzuko, ubukhulu, amandla negunya maziye kuye, yena okuphela koThixo onguMsindisi wethu ngoYesu Kristu iNkosi yethu, ngoku nangonaphakade kanaphakade. Amen.