Iingelosi—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
UMPROFETI uDaniyeli wachaza umbono awawubonayo wentsapho kaThixo eziingelosi ngolu hlobo: “Kwakukho amawaka aliwaka [eengelosi] awayelungiselela phambi [kukaThixo], neshumi lamawaka eliphindwe ngeshumi lamawaka elalimi kanye phambi kwakhe.” (Daniyeli 7:10) Le ndinyana ichaza isizathu sokuba uThixo adale iingelosi. Zilungiselela phambi kwakhe yaye zihlala zikulungele ukwenza oko aziyalela kona.
Ngamathub’ athile uThixo usebenzisa iingelosi kwizinto afuna ukuzenzela abantu. Siza kuhlolisisa indlela azisebenzisa ngayo xa esomeleza yaye ekhusela abantu bakhe, xa kukho isigidimi afuna abantu basive naxa egweba abangendawo.
Iingelosi Ziyomeleza Yaye Ziyakhusela
Ezi zidalwa zomoya zazibukele xa kwakudalwa umhlaba nabantu, yaye zinomdla wokwenene ebantwini. Ethetha ngobomi bakhe ngaphambi kokuba abe ngumntu, uYesu Kristu wathi: “Nezinto endazithandayo zazikoonyana babantu.” (IMizekeliso 8:31) IBhayibhile isixelela ukuba ‘iingelosi zinqwenela ukuqondela’ kwizibakala ezatyhilelwa abaprofeti bakaThixo ngoKristu nekamva.—1 Petros 1:11, 12.
Ekuhambeni kwexesha, iingelosi zaphawula ukuba abantu abaninzi abamkhonzi uMdali wabo onothando. Hayi indlela ezimele ukuba zaba buhlungu ngayo ezi zidalwa zithembekileyo! Kwelinye icala, “kubakho uvuyo phakathi kweengelosi” ngomoni ngamnye oguqukayo aze abuyele kuYehova. (Luka 15:10) Iingelosi ziyixhalabele ngokwenene intlalo-ntle yabakhonzi bakaThixo, yaye uYehova usebenzisa zona xa efuna ukomeleza nokukhusela abakhonzi bakhe abathembekileyo abasemhlabeni. (Hebhere 1:14) Khawuqwalasele le mizekelo ilandelayo.
Iingelosi ezimbini zasindisa uLote owayelilungisa kunye neentombi zakhe ngokubakhuphela ngaphandle kwezixeko ezingendawo ezaziza kutshatyalaliswa, iSodom neGomora.a (Genesis 19:1, 15-26) Kwiinkulungwane kamva, umprofeti uDaniyeli waphoswa kumhadi weengonyama kodwa azizange zimqwenge. Kwakutheni? Wathi, “UThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.” (Daniyeli 6:22) Iingelosi zamnceda uYesu xa wayeqalisa ubulungiseleli bakhe basemhlabeni. (Marko 1:13) Xa uYesu wayejongene nomlomo wengcwaba, wabona ingelosi eyathi “yamomeleza.” (Luka 22:43) Hayi indlela emele ukuba yamkhuthaza ngayo uYesu loo ngelosi kuloo maxesha abalulekileyo obomi bakhe! Kwakhona ingelosi yakhulula umpostile uPetros entolongweni.—IZenzo 12:6-11.
Ngaba iingelosi ziyasikhusela namhlanje? Ukuba sinqula uYehova ngendlela esiyixelelwa liLizwi lakhe, siyaqiniseka ukuba iingelosi zakhe ezinamandla nezingabonakaliyo ziyasikhusela. IBhayibhile inesi sithembiso: “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.”—INdumiso 34:7.
Sekunjalo, masingalibali ukuba owona msebenzi ubalulekileyo weengelosi kukukhonza uThixo, kungekhona abantu. (INdumiso 103:20, 21) Aziphulaphuli izicelo zabantu, kunoko zithobela ulwalathiso lukaThixo. Ngenxa yoko, uncedo sifanele silucele kuYehova uThixo, kungekhona kwiingelosi. (Mateyu 26:53) Kakade ke, ekubeni singenakuzibona iingelosi, asinakutsho ukuba uThixo uzisebenzisa ngomlinganiselo ongakanani ekuncedeni abantu kwiinkalo ezahlukeneyo. Esikwaziyo kukuba uYehova ‘ubabonisa amandla akhe abo bantliziyo ziphelele kuye.’ (2 Kronike 16:9; INdumiso 91:11) Yaye siqinisekile ukuba “kungakhathaliseki ukuba yintoni na esiyicelayo ngokuvumelana nokuthanda kwakhe, [uThixo] uyasiva.”—1 Yohane 5:14.
Kwakhona iZibhalo zisixelela ukuba sifanele sinqule uThixo size sithandaze kuye kuphela. (Eksodus 20:3-5; INdumiso 5:1, 2; Mateyu 6:9) Iingelosi ezithembekileyo zisikhuthaza ukuba senjenjalo. Ngokomzekelo, xa umpostile uYohane wayefuna ukunqula ingelosi, yamkhalimela isithi: “Lumka! Ungakwenzi oko! . . . Nqula uThixo.”—ISityhilelo 19:10.
Iingelosi Zidlulisela Izigidimi ZikaThixo
Igama elithi “ingelosi” lithetha “umthunywa” yaye leyo yenye yeendlela iingelosi ezimkhonza ngayo uThixo—uzithuma ebantwini. Ngokomzekelo, “ingelosi uGabriyeli yathunyelwa nguThixo esixekweni saseGalili esigama liyiNazarete.” Sasiyintoni isizathu? Yayiye kuxelela ibhinqa eliselula elinguMariya ukuba nangona lalingekazani nandoda, laliza kumitha lize lizale unyana owayeza kuthiywa igama elinguYesu. (Luka 1:26-31) Kwakhona, kwathunyelwa ingelosi ukuba iye kuxelela abalusi ababesezindle ukuba ‘uKristu iNkosi’ uzelwe. (Luka 2:8-11) Ngendlela efanayo, iingelosi zadlulisela isigidimi sikaThixo kuAbraham, uMoses, uYesu nakwabanye ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.—Genesis 18:1-5, 10; Eksodus 3:1, 2; Luka 22:39-43.
Namhlanje, uThixo uzithuma ngayiphi indlela iingelosi? Cinga ngomsebenzi awathi uYesu wawuza kwenziwa ngabafundi bakhe ngaphambi kokuba le nkqubo yezinto ifikelele esiphelweni. Wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:3, 14) Nyaka ngamnye amaNgqina kaYehova achitha iiyure ezingaphezu kwewaka lesigidi eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo. Ubusazi ukuba neengelosi zibandakanyekile kulo msebenzi? Exela umbono awawubonayo umpostile uYohane wathi: “Ndabona enye ingelosi . . . , ineendaba ezilungileyo ezingunaphakade ukuba izivakalise njengesigidimi esichulumancisayo kwabo bahleli emhlabeni, nakuzo zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhilelo 14:6, 7) Esi sibhalo sibalaselisa owona msebenzi ubalulekileyo iingelosi eziwenzela abantu namhlanje.
AmaNgqina kaYehova anobungqina bokuba iingelosi ziyawakhokela kumsebenzi wokushumayela kwindlu ngendlu. Ngokufuthi adibana nabantu abasandul’ ukuthandazela ukuba kufike umntu oza kubanceda baqonde iinjongo zikaThixo. Ngenxa yolwalathiso lweengelosi noko kwenziwa ngamaNgqina, nyaka ngamnye abantu abangamakhulu amawaka bafikelela ekumazini uYehova. Ngamana ungafumana iingenelo kulo msebenzi usindis’ ubomi ukhokelwa ziingelosi.
Iingelosi Ziphumeza Umgwebo KaThixo
Nangona iingelosi zinganikwanga igunya lokugweba abantu, kodwa azingobabukeli nje. (Yohane 5:22; Hebhere 12:22, 23) Kumaxesha adluleyo yayizizo eziphumeza imigwebo kaThixo. Ngokomzekelo, uThixo wasebenzisa zona ekulweni namaYiputa amandulo awayethimbe amaSirayeli ebukhobokeni. (INdumiso 78:49) Ngobusuku nje obunye, “ingelosi kaYehova” yaxabela amajoni alikhulu elinamashumi asibhozo anesihlanu lamawaka awayesenkampini yeentshaba zabantu bakaThixo.—2 Kumkani 19:35.
Nakwixa elizayo iingelosi ziya kuphumeza umgwebo kaThixo oqatha. UYesu uya kuza ‘neengelosi zakhe ezinamandla esemlilweni odangazelayo, ebaphindezela abo bangamaziyo uThixo nabo bangazithobeliyo iindaba ezilungileyo.’ (2 Tesalonika 1:7, 8) Noko ke, kuya kutshatyalaliswa kuphela abo bangasikhathalelanga isigidimi esishunyayelwa kumhlaba wonke ngoncedo lweengelosi. Abo bafuna uThixo nabathobela iimfundiso abazifumana kwiZibhalo abayi kuchukunyiswa.—Zefaniya 2:3.
Hayi indlela esinombulelo ngayo ngeengelosi ezisoloko zisenza ngendlela uThixo aziyalela ngayo! UYehova usebenzisa zona ekuncedeni nasekukhuseleni abakhonzi bakhe abanyanisekileyo emhlabeni. Oku kuyasithuthuzela kuba kukho izidalwa zomoya eziyingozi ezibizwa ngokuba ziidemon nezifuna ukusenzakalisa.
Iidemon—Zingoobani?
Kwiinkulungwane ezili-15 emva kokuba uSathana ekhohlise uEva e-Eden, iingelosi zikaThixo zabona ukuba uSathana uMtyholi uye watyekisa bonke abantu kuThixo ngaphandle kweqaqobana labo bathembekileyo, abanjengoAbheli, uEnoki noNowa. (Genesis 3:1-7; Hebhere 11:4, 5, 7) Nezinye iingelosi zalandela uSathana. IBhayibhile ithi ngoomoya abangazange bathobele “ngemihla kaNowa.” (1 Petros 3:19, 20) Zabonakala njani ukuba azithobeli?
Ngexesha likaNowa inani elingachazwanga leengelosi ezaba nemvukelo zashiya intsapho kaThixo esezulwini, zeza emhlabeni, zaza zazambathisa imizimba yenyama. Kwakutheni? Zanqwenela ukuba neentlobano zesini nabafazi. Zaba nabantwana ababa ziiNefili nababeziingxilimbela. Ngaphezu koko, “ububi bomntu babandile emhlabeni yaye zonke iingcamango zentliziyo yakhe zityekele ebubini ngalo lonke ixesha.” Noko ke, uYehova uThixo akazange avumele ukuba oku konakala komntu kuhambele phambili. Wazisa uNogumbe emhlabeni, owabatshayela bonke abantu abangendawo, kuquka iiNefili. Kwasinda abakhonzi bakaThixo abathembekileyo kuphela.—Genesis 6:1-7, 17; 7:23.
Iingelosi ezinemvukelo zasaba kwintshabalalo yexesha likaNogumbe. Zayishiya imizimba yazo yenyama zaza zabuyela kummandla womoya njengezidalwa zomoya. Emva koko, zabizwa ngokuba ziidemon. Zema ngakwicala likaSathana uMtyholi, ‘ongumlawuli weedemon.’ (Mateyu 12:24-27) Zifuna ukunqulwa ngabantu kanye njengomlawuli wazo.
Iidemon ziyingozi, kodwa asifanele sizoyike. Amandla azo alinganiselwe. Xa iingelosi ezingazange zithobele zabuyela ezulwini, azizange zivunyelwe ukuba zibuyele kwintsapho kaThixo yeengelosi ezithembekileyo. Kunoko, ziye zahlukaniswa nokukhanya kokomoya okuvela kuThixo, yaye ngenxa yoko, ikamva lazo limfiliba. Ewe, zipheleliselwe kwimeko yobumnyama bokomoya ebizwa ngokuba yiTartaro. (2 Petros 2:4) UYehova wazigcina ‘kwimixokelelwane kanaphakade,’ ukuze zihlale zisebumnyameni ngokomoya. Ngoku azisakwazi ukuzambathisa imizimba yabantu.—Yuda 6.
Yintoni Ofanele Uyenze?
Ngaba iidemon zisabaphembelela abantu? Ewe, zibaphembelela ‘ngamaqhinga’ afana nawomlawuli wazo uSathana uMtyholi. (Efese 6:11, 12,) Ngokusebenzisa isiluleko esiseLizwini likaThixo, sinokuzixhathisa iidemon. Ngaphezu koko, iingelosi ziyabakhusela abo bathanda uThixo.
Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba ufunde uze wenze okufunwa nguThixo njengoko kuchazwe kwiZibhalo! Unokufunda okungakumbi ngeBhayibhile ngokuthi udibane namaNgqina kaYehova akwindawo ohlala kuyo okanye ubhalele abapapashi beli phephancwadi. AmaNgqina kaYehova aya kukuvuyela ukufunda nawe iBhayibhile simahla ngexesha ofumaneka ngalo.
[Umbhalo osemazantsi]
a IBhayibhile ithetha ngeengelosi njengamadoda. Zazisoloko zibonakala njengamadoda ebantwini.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
IINGELOSI—INDLELA EZILUNGELELANISWE NGAYO
UYehova unenkitha yeengelosi ezilungelelaniswe ngolu hlobo:
Eyona ngelosi inamandla nenikwe igunya nguMikayeli osisiphatha-zingelosi okanye uYesu Kristu. (1 Tesalonika 4:16; Yude 9) Iiserafi, iikerubhi nezinye iingelosi zingaphantsi kwakhe.
Iiserafi zinesikhundla esiphakamileyo kwilungiselelo likaThixo. Zingabalindi kwitrone kaThixo. Omnye wemisebenzi yazo kukuvakalisa ubungcwele bukaThixo nokugcina abantu bakhe becocekile ngokomoya.—Isaya 6:1-3, 6, 7.
Iikerubhi zikhonza etroneni kaThixo yaye ziphakamisa ubungangamsha bukaYehova.—INdumiso 80:1; 99:1; Hezekile 10:1, 2.
Ezinye iingelosi zingabameli bakaYehova, yaye zenza ukuthanda kukaThixo.
[Umfanekiso okwiphepha 4]
Iingelosi zakhuphela uLote neentombi zakhe kwindawo ekhuselekileyo
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Xa umpostile uYohane wayefuna ukunqula ingelosi, yathi: “Ungakwenzi oko!”
[Umfanekiso okwiphepha 6]
Iingelosi ziphumeza umgwebo kaThixo
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Ngaba uyangenelwa kumsebenzi wokushumayela owenziwa phantsi kolwalathiso lweengelosi?