IiNdumiso
3 Bathi: “Masiwaqhawule amatsheyini abo
Sizilahle kude iintambo zabo!”
4 Lowo usetroneni emazulwini uza kuhleka;
UYehova uza kubenza intlekisa.
5 Ngelo xesha uza kuthetha nabo ecaphukile
Aze aboyikise enomsindo,
6 Esithi: “Mna, ndimbekile owam ukumkani+
EZiyon,+ intaba yam engcwele.”
7 Mandichaze into ethethwe* nguYehova;
Uthe kum: “Ungunyana wam;+
Namhlanje ndiye ndaba ngutata wakho.+
8 Cela kum, ibe ndiza kukunika iintlanga zibe lilifa lakho
Nezona ndawo zikude zomhlaba zibe zezakho.+
9 Uza kuziqhekeza ngentonga yobukhosi yentsimbi,+
Uza kuziqhekeza zibe ziingceba okwesitya sodongwe.”+
11 Mkhonzeni uYehova nisoyika,
Nivuye ningcangcazela.
12 Mhlonipheni* unyana,+ okanye uThixo uza kucaphuka
Nize nitshabalale,+
Kuba umsindo wakhe uyakhawuleza.
Bonwabile bonke ababalekela kuye.