Kubalisa uYohane
7 Emva koko uYesu waqhubeka nomsebenzi wakhe eGalili, kuba wayengafuni ukuwenza kwaYuda, ngoba amaYuda ayefuna ukumbulala.+ 2 Kodwa ke lalisondela iTheko LamaYuda Leentente.+ 3 Ngoko abantakwabo+ bathi kuye: “Hamba apha uye kwaYuda, ukuze abafundi bakho bazibone izinto ozenzayo. 4 Kaloku umntu ofuna ukuba into ayenzayo yaziwe, akayenzeli kude nabantu. Ukuba uyazenza ezi zinto, zenze phambi kwabantu.” 5 Abantakwabo babengakholwa ukuba uYesu uthunywe nguThixo.+ 6 UYesu wathi kubo: “Nina ningaya nanini na, kodwa elam ithuba lokuya alikafiki.+ 7 Ihlabathi alinasizathu sakunicaphukela, kodwa mna liyandicaphukela kuba ndithetha phandle ngezinto ezimbi elizenzayo.+ 8 Nyukani nina niye ethekweni; mna andizukuya ngoku kuba elam ixesha alikafiki ncam.”+ 9 Emva kokuba ebaxelele ezi zinto, wahlala eGalili, akahamba.
10 Walinda abantakwabo bahamba baya kwelo theko, waza ke walandela, engafuni kubonwa ngabantu. 11 AmaYuda amkhangela apho esithi: “Iphi na le ndoda?” 12 Abantu babemhleba besithi: “Ilungile ke le ndoda.” Abanye besithi: “Akukho loo nto apha. Ngumlahlekisi lowo.”+ 13 Kodwa ke, akukho mntu wayefuna ukuviwa ethetha ngaye, kuba babesoyika amaYuda.+
14 Kwathi malunga nosuku lwesine lwetheko, uYesu wenyuka waya etempileni, wafika wafundisa abantu. 15 Yawamangalisa amaYuda le nto, aza athi: “Le ndoda izazela phi kangaka iZibhalo,+ ingayanga nje kwizikolo zabefundisi?”+ 16 UYesu wathi kuwo: “Ezi zinto ndizifundisayo ayizozam, zezaLowo undithumileyo.+ 17 Ukuba kukho nabani na ofuna ukwenza ukuthanda kukaThixo,+ uza kukwazi ukwahlula ukuba ndifundisa izinto ezisuka kuye okanye ezisuka kum na. 18 Umntu ofundisa izinto zakhe, ufuna ukuzizukisa; kodwa lowo ufuna ukuzukisa lowo umthumileyo,+ unenyani, akaloxoki. 19 Andithi uMoses waninika uMthetho?+ Kodwa akukho nomnye kuni owuthobelayo. Kutheni nifuna ukundibulala nje?”+ 20 Abantu baphendula bathi: “Unedemon. Ngubani ofuna ukukubulala?” 21 UYesu wathi kubo: “Ndenze nje ummangaliso omnye, nothuka nonke. 22 Khanicinge ngale nto: UMoses wayalela ukuba noluke,+ phofu lungezanga naye ulwaluko, kodwa lusuka kookhokho,+ ibe nina umntu niyamalusa nangesabatha. 23 Ukuba nalusa umntu ngesabatha kuba ningafuni kophula uMthetho kaMoses, kutheni ke nicaphuka kangaka kuba mna ndiphilise umntu ngesabatha?+ 24 Sanukuzikha phezulu izinto xa nigweba, kodwa gwebani ngobulungisa.”+
25 Ngoko abanye abantu baseYerusalem bathi: “Ayinguye na lo mntu bafuna ukumbulala lo?+ 26 Kodwa jongani! nanku ethetha phambi kwabantu, kodwa bamyekile. Ngaba abalawuli baye baqonda ukuba ngokuqinisekileyo lo nguKristu? 27 Siyamazi nje thina ukuba uvela phi lo mntu;+ kodwa xa yena uKristu efika, akukho mntu uza kumazi ukuba uvela phi.” 28 Emva koko uYesu wakhwaza wathi kwabo bantu wayebafundisa etempileni: “Niyandazi, ibe nazi nalapho ndisuka khona. Andizizelanga apha,+ kodwa ndithunywe nguThixo ophilayo, ibe nina animazi.+ 29 Mna ke ndiyamazi,+ kuba ndivela kuye, ndithunywe nguye.” 30 Ngoko abalawuli bamaYuda bakhangela indlela yokumbamba,+ kodwa akukho nomnye owambambayo, kuba lalingekafiki ixesha lokufa kwakhe.+ 31 Sekunjalo, abantu abaninzi bakholwa kuye,+ ibe babesithi: “Kungenzeka na ukuba xa efika uKristu enze imimangaliso eyodlula eyalo mntu?”
32 AbaFarisi babeva abo bantu, baza bona nababingeleli abaziintloko bathumela oonogada ukuba bayokumbamba. 33 Emva koko, uYesu wathi ebantwini: “Ndiseza kuba kunye nani ithutyana ngaphambi kokuba ndibuyele kuLowo undithumileyo.+ 34 Niza kundikhangela, kodwa anizukundifumana, ibe aninakukwazi ukuya apho ndiya khona.”+ 35 Ngoko amaYuda athi: “Izimisele ukuya phi le ndoda, le nto isithi asizukuyifumana? Inoba bethu ifuna ukuya kulaa maYuda asasazeke kwiindawo zamaGrike ize ifundise amaGrike! 36 Ithetha ukuthini xa isithi, ‘Niza kundikhangela, kodwa anizukundifumana, ibe aninakukwazi ukuya apho ndiya khona’?”
37 Kwathi ke ngosuku lokugqibela, imini enkulu yetheko,+ uYesu waphakama, wakhwaza esithi: “Ukuba kukho umntu onxaniweyo, makeze kum azokusela.+ 38 Kanye njengokuba izibhalo zisitsho, nabani na okholwayo kum: ‘Kuza kuphuma kuye imithombo empompozayo enamanzi obomi.’”+ 39 UYesu wayethetha ngomoya ababeza kuwufumana abo banokholo kuye; kaloku babengekawufumani umoya,+ kuba uYesu wayengekazukiswa.+ 40 Abanye abantu ababelapho bamva xa esitsho, bathi: “Lo mntu ngumProfeti nyhani.”+ 41 Abanye babesithi: “Lo nguKristu.”+ Kodwa abanye babesithi: “Angathini na uKristu ukuba ngumntu waseGalili?+ 42 Azitsho na izibhalo ukuba uKristu uza kuphuma kwinzala kaDavide,+ eBhetelehem,+ apho wazalelwa khona uDavide?”+ 43 Ngoko abantu bahlukana phakathi ngenxa yakhe. 44 Abanye babo babefuna ukumbamba, kodwa akukho mntu wade wambamba.
45 Oonogada babuyela kubabingeleli abaziintloko nakubaFarisi, baza bona bathi kubo: “Kutheni ningezanga naye?” 46 Oonogada bathi: “Akekho umntu owakha wathetha njengala ndoda.”+ 47 AbaFarisi bathi: “Kungathi kanti nani senilahlekisiwe! 48 Kungathi kanti bakhona nabaFarisi abaye bakholwa kuye!+ 49 Aba bantu bangawaziyo uMthetho baqalekisiwe.” 50 UNikodemo, owayengomnye wabo, kodwa owayekhe wathetha noYesu, wathi kubo: 51 “Andithi uMthetho wethu awuvumi ukuba umntu agwetywe lingakhange lixoxwe ityala lakhe, kwacaca nokuba wenzeni?”+ 52 Bathi kuye: “UngowaseGalili na nawe? Khawujonge ezibhalweni ukuba ukhona na umprofeti owakhe waphuma eGalili.”*