Duteronomi
2 “Ngoko saphindela entlango, sahamba ngendlela eya kuLwandle Olubomvu, kanye njengokuba uYehova wayetshilo kum,+ yaye sahamba iintsuku ezininzi ngakwiNtaba ISehire. 2 Ekugqibeleni wathi uYehova kum, 3 ‘Kudala nihamba ngakule ntaba. Ngoku jikani niye ngasemntla. 4 Uze ubayalele abantu uthi: “Niza kugqitha ngakumda wabantakwenu, inzala kaEsawu,+ abahlala eSehire,+ yaye baza kunoyika,+ ibe nani nimele nilumke. 5 Nize ningalwi nabo* kuba andizukuninika ilizwe labo, andizukuninika nendawo le elingene unyawo, kuba iNtaba ISehire ndiyinike uEsawu ukuba ahlale kuyo.+ 6 Nimele nikubhatalele ngemali ukutya eniza kukutya, namanzi eniza kuwasela.+ 7 Kuba uYehova uThixo wenu uye wayisikelela yonke into eniyenzileyo. Ulwazi kakuhle uhambo lwenu kule ntlango inkulu. UYehova uThixo wenu ebekunye nani kule minyaka iyi-40, yaye akukho nto beniyidinga.”’+ 8 Ngoko sadlula ngakubantakwethu abayinzala kaEsawu,+ abahlala eSehire, asahamba ngendlela eya eArabha, e-Elati nase-Etsiyon-gebhere.+
“Emva koko sajika sahamba ngendlela eya kwintlango yakwaMowabhi.+ 9 Emva koko uYehova wathi kum, ‘Uze ungalwi namaMowabhi, kuba andizukuninika ilizwe lawo ukuba nihlale kulo, kuba iAri ndiyinike inzala kaLote ukuba ihlale kuyo.+ 10 (Apho kwakukade kuhlala amaEma,+ abantu abanamandla, abaninzi kakhulu nabade njengama-Anaki. 11 NamaRefa+ ayefana nama-Anaki,+ yaye amaMowabhi ayewabiza ngokuba ngamaEma. 12 ESehire kwakuhlala amaHori,+ kodwa inzala kaEsawu yalithimba ilizwe lawo, yawatshabalalisa, yaza yahlala kulo.+ NamaSirayeli aza kwenza loo nto kubantu belizwe elililifa lawo, uYehova aza kuwanika lona nakanjani na.) 13 Ngoku ke hambani nize niwele iNtlambo YeZerede.’ Sayiwela ke iNtlambo YeZerede.+ 14 Sahamba iminyaka eyi-38 ukusuka eKadeshe-bharneya sada sawela iNtlambo YeZerede, lade lafa lonke ibandla lamadoda emfazwe, kanye njengokuba uYehova wayelifungele.+ 15 Isandla sikaYehova sasisilwa nawo ukuze siwatshabalalise,+ ade aphela.
16 “Ngokukhawuleza emva kokuba efe onke amadoda emfazwe,+ 17 uYehova waphinda wathetha nam wathi, 18 ‘Namhlanje uza kudlula ngakumhlaba wakwaMowabhi, oko kukuthi, iAri. 19 Xa usondela kuma-Amoni, uze ungawakhathazi okanye uwaqale, kuba andizukukunika ilizwe lawo ukuba uhlale kulo, kuba ndilinike inzala kaLote ukuba ihlale kulo.+ 20 Neli ilizwe kwakusithiwa lelamaRefa.+ (Kwakukade kuhlala amaRefa apho, yaye ama-Amoni ayewabiza ngokuba ngamaZamzumim. 21 Ayengabantu abanamandla, abaninzi kakhulu nabade njengama-Anaki;+ kodwa uYehova wawatshabalalisa phambi kwama-Amoni, yaye ama-Amoni awagxotha aza ahlala endaweni yawo; 22 Wayenzela loo nto inzala kaEsawu, ngoku ehlala eSehire,+ xa wawatshabalalisayo amaHori+ phambi kwayo, ukuze alithimbe ilizwe aze ahlale endaweni yawo de kube namhlanje. 23 Wona ama-Avi ayeneendawo zokuhlala ezifikelela eGaza,+ de amaKafetori awayephuma eKafetori*+ awatshabalalisa aza ahlala endaweni yawo.)
24 “‘Sukani nize niwele iNtlambo YeArnon.+ Jongani, ndimnikela esandleni senu uSihon+ umAmori, ukumkani waseHeshbhon. Loxutheni ilizwe lakhe, nimhlasele. 25 Ukususela namhlanje, ndiza kwenza zonke izizwana ezisemhlabeni zinoyike xa zisiva ngani. Ziza kuphazamiseka zize zingcangcazele* ngenxa yenu.’+
26 “Xa sasisentlango yeKedemoti+ ndathumela abathunywa kuKumkani uSihon waseHeshbhon benamazwi oxolo,+ athi, 27 ‘Ndicela ukunqumla elizweni lakho. Ndiza kuhamba endleleni kuphela, ndingaphumi kuyo.+ 28 Ndiza kukuthenga kuwe ukutya namanzi. Ndicela nje undivumele ndinqumle ngeenyawo, 29 ndide ndiyiwele iYordan, ndingene kwilizwe uYehova uThixo wethu asinika lona. Nenzala kaEsawu ehlala eSehire namaMowabhi ahlala eAri andivumela ndanqumla.’ 30 Kodwa uKumkani uSihon waseHeshbhon akazange asivumele sinqumle, kuba uYehova uThixo wakho wamyeka wanenkani+ nentliziyo yakhe yalukhuni, ukuze amnikele esandleni sakho, njengokuba kunjalo ngoku.+
31 “Emva koko uYehova wathi kum, ‘Jonga, sendimnikele kuwe uSihon nelizwe lakhe,+ lithimbe.’ 32 Wathi akuphuma uSihon nabo bonke abantu bakhe, eze kulwa nathi eYahatsa,+ 33 uYehova uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa yena noonyana bakhe nabo bonke abantu bakhe. 34 Sazithimba zonke izixeko zakhe saza sazitshabalalisa, kunye namadoda, abafazi nabantwana ababekuzo. Akukho mntu samshiya ephila.+ 35 Sathatha imfuyo kuphela, kunye nezinye izinto esazithatha kwizixeko esazithimbayo. 36 Akukho dolophu singazange sifikelele kuyo, ukusuka eArohere+ esecaleni kweNtlambo YeArnon (kunye nesixeko esisentlanjeni), ukuya kutsho eGiliyadi. UYehova uThixo wethu wazinikela kuthi zonke.+ 37 Kodwa ke anizange nisondele kwilizwe lama-Amoni,+ kuwo wonke ummandla ongakwiNtlambo YeYabhoki,+ nakwizixeko ezikummandla weentaba, okanye kuyo nayiphi na indawo uYehova uThixo wethu athe makungayiwa kuyo.