Eyokuqala YooKumkani
12 URehobhoham waya kwaShekem, kuba uSirayeli wonke wayeze kwaShekem+ ezokumenza ukumkani.+ 2 Ngoko nangoko akuba eyivile loo nto uYerobhoham unyana kaNebhati (ngelo xesha wayehlala eYiputa, kuba wayebaleke uKumkani uSolomon),+ 3 kwathiwa makabizwe. Emva koko uYerobhoham nalo lonke ibandla lakwaSirayeli beza kuthetha noRehobhoham, bathi: 4 “Utata wakho wayenza nzima idyokhwe yethu.+ Kodwa ukuba wena uwenza lula umsebenzi onzima esawunikwa ngutata wakho uze uyenze khaphukhaphu idyokhwe enzima* awayibeka phezu kwethu, siza kukusebenzela.”
5 Wathi kubo: “Hambani iintsuku zibe ntathu, emva koko nibuyele kum.” Ngoko abantu bemka.+ 6 UKumkani uRehobhoham wafuna icebiso kumadoda amakhulu awayesebenzela* uSolomon utata wakhe ngoxa wayesaphila, wathi: “Nicebisa ukuba ndisiphendule njani esi sizwana?” 7 Wona athi: “Ukuba namhlanje uba njengesicaka kwesi sizwana, usivume isicelo saso uze usiphendule kakuhle, naso siza kuhlala sizizicaka zakho.”
8 Kodwa akazange alihoye icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu,* waza wafuna icebiso kubafana awayekhule nabo, abo ngoku babemsebenzela.+ 9 Wathi kubo: “Nicebisa ukuba sisiphendule sithini esi sizwana sithe kum, ‘Yenze khaphukhaphu idyokhwe eyabekwa ngutata wakho phezu kwethu’?” 10 Aba bafana babekhule naye bathi: “Kwesi sizwana sithe kuwe, ‘Utata wakho wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena khawuyenze ibe khaphukhaphu,’ yithi kuso, ‘Ucikicane wam uza kuba mkhulu kunesinqe sikatata. 11 Utata wayenithwalisa idyokhwe enzima, kodwa mna ndiza kuyongeza idyokhwe yenu. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.’”
12 UYerobhoham nabo bonke abantu beza kuRehobhoham ngosuku lwesithathu, kanye njengokuba ukumkani wayethe: “Buyelani kum ngosuku lwesithathu.”+ 13 Kodwa ukumkani wabaphendula ngqwabalala abantu, walilahla icebiso awayelinikwe ngamadoda amakhulu.* 14 Wathetha nabo ngendlela eyayicetyiswe ngabafana, wathi: “Utata wayenithwalisa idyokhwe enzima, kodwa mna ndiza kuyongeza idyokhwe yenu. Utata wayenohlwaya ngezabhokhwe, kodwa mna ndiza kunikatsa.” 15 Ngoko ukumkani akazange abamamele abantu, kuba nguYehova+ owayebangele ukuba izinto zihambe ngolu hlobo, ukuze yenzeke into eyathethwa nguYehova ngoAhiya+ umShilo kuYerobhoham unyana kaNebhati.
16 Xa onke amaSirayeli abona ukuba ukumkani wayengawamamelanga, athi kuye: “Yintoni kanene esidibanisa noDavide? Asinalifa kunyana kaYese. Yiya koothixo bakho, Sirayeli. Zihoyele indlu yakho, Davide!” AmaSirayeli abuyela ezindlini* zawo.+ 17 Kodwa uRehobhoham waqhubeka elawula amaSirayeli awayehlala kwizixeko zakwaYuda.+
18 Emva koko uKumkani uRehobhoham wathumela uAdoram,+ owayephethe abo babebhaliselwe ukusetyenziswa ngenkani, kodwa onke amaSirayeli ambetha ngamatye wafa. UKumkani uRehobhoham wakhwela enqwelweni yakhe wabaleka waya eYerusalem.+ 19 AmaSirayeli aqhubeka esilwa+ nendlu kaDavide de kwanamhlanje.
20 AmaSirayeli athi akuva ukuba uYerobhoham ubuyile, akhawuleza ambizela ebandleni aza amenza ukumkani kaSirayeli wonke.+ Akukho namnye owalandela indlu kaDavide ngaphandle kwesizwe sikaYuda.+
21 Ukufika kukaRehobhoham eYerusalem, ngoko nangoko waqokelela yonke indlu kaYuda nesizwe sikaBhenjamin, amagorha aqeqeshiweyo* ayi-180 000, ukuze alwe nendlu kaSirayeli, kuze kubuyiselwe ubukumkani kuRehobhoham unyana kaSolomon.+ 22 Emva koko, kwafika ilizwi loThixo wokwenene kuShemaya+ umntu kaThixo wokwenene, lisithi: 23 “Yithi kuRehobhoham unyana kaSolomon ukumkani wakwaYuda nakuyo yonke indlu kaYuda nekaBhenjamin nakwabanye abantu, 24 ‘Uthi uYehova: “Ningenyuki niye kulwa nabantakwenu amaSirayeli. Wonke umntu makabuyele endlini yakhe, kuba ndim obangele ukuba le nto yenzeke.”’”+ Balithobela ke ilizwi likaYehova, baza bagoduka njengokuba uYehova wayetshilo.
25 UYerobhoham wakha* iShekem+ kummandla weentaba wakwaEfrayim, wahlala kuyo. Waphuma apho waya kwakha* iPenuweli.+ 26 UYerobhoham wathi entliziyweni yakhe: “Ngoku ubukumkani buza kubuyela kwindlu kaDavide.+ 27 Ukuba esi sizwana siyaqhubeka sinyuka sisiya kwenza imibingelelo endlini kaYehova eYerusalem,+ nentliziyo yaso iza kubuyela enkosini yaso, uKumkani uRehobhoham wakwaYuda. Siza kundibulala size sibuyele kuKumkani uRehobhoham wakwaYuda.” 28 Emva kokucela amacebiso, ukumkani wenza amathole amabini enkomo ngegolide+ waza wathi ebantwini: “Kuyanisokolisa ukuya eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhupha elizweni laseYiputa.”+ 29 Emva koko wabeka elinye eBheteli,+ elinye walibeka kwaDan.+ 30 Le nto yabenza bona abantu,+ bade baya kwaDan beyokukhonza ithole elalilapho.
31 Wenza izindlu ekwakuza kukhonzelwa kuzo kwiindawo eziphakamileyo waza wenza abantu abaqhelekileyo baba ngababingeleli, ababengengabo abaLevi.+ 32 UYerobhoham wenza netheko ngenyanga yesibhozo, ngosuku lwe-15 lwaloo nyanga, njengetheko elalisenziwa kwaYuda.+ Kwisibingelelo awayesenze eBheteli,+ wabingelela kumathole enkomo awayewenzile, ibe wabeka ababingeleli beendawo eziphakamileyo awayezenzile eBheteli. 33 Wenza iminikelo esibingelelweni awayesenzile eBheteli ngosuku lwe-15 ngenyanga yesibhozo, inyanga awayeyicinge ngokwakhe; yaye wenzela amaSirayeli itheko, waza wanyuka waya esibingelelweni ukuze enze umnikelo kuze kuqhunyiswe umbingelelo.