Eyokuqala YooKumkani
19 UAhabhi+ waxelela uIzebhele+ yonke into eyenziwe nguEliya nendlela ababulele ngayo bonke abaprofeti ngekrele.+ 2 Ngoko uIzebhele wathumela umthunywa kuEliya, esithi: “Kwanga oothixo bangandohlwaya, baze bongeze, ukuba ngeli xesha ngomso andenzanga kuwe le nto oyenze kwabanye abaprofeti!” 3 Yamoyikisa ke loo nto, waza wabaleka esindisa ubomi bakhe.+ Wafika eBher-shebha,+ indawo yakwaYuda,+ waza washiya isicaka sakhe apho. 4 Wahamba uhambo oluthatha usuku waya entlango, wafika wahlala phantsi komthi wonwele, waza wacela ukufa.* Wathi: “Kwanele! Owu Yehova, buthathe ubomi bam,+ kuba andilunganga ngaphezu kookhokho bam.”
5 Emva koko walala phantsi kwaloo mthi wonwele. Kuthe kusenjalo, wachukunyiswa yingelosi,+ yathi kuye: “Vuka utye.”+ 6 Wathi akujonga, wabona entla kwakhe isonka esirawundi siphezu kwamatye ashushu nejagi yamanzi. Watya, wasela waphinda walala. 7 Ethubeni ingelosi kaYehova yabuya okwesibini yamchukumisa yathi: “Vuka utye, kuba uza kuba nohambo olunzima.” 8 Ngoko wavuka waza watya wasela, ibe oko kutya kwamnceda wanamandla okuhamba iintsuku eziyi-40, ubusuku nemini, de waya kufika eHorebhe, entabeni yoThixo wokwenene.+
9 Wangena emqolombeni+ wachitha ubusuku apho, waza weva ilizwi likaYehova lisithi: “Ubekwa yintoni apha Eliya?” 10 Yena ke wathi: “Bendizimisele nyhani ukukhonza uYehova uThixo wemikhosi;+ kuba oonyana bakaSirayeli baye basaphula isivumelwano sakho,+ bazichitha izibingelelo zakho, nabaprofeti bakho bababulala ngekrele,+ ibe ndim kuphela oshiyekileyo. Ngoku bafuna ukundibulala.”+ 11 UThixo wathi: “Phuma uyokuma entabeni phambi koYehova.” UYehova wadlula apho,+ kwaza kwabakho umoya omkhulu oqhekeza iintaba, uvula namawa phambi koYehova, kodwa uYehova+ wayengekho kuloo moya. Emva komoya kwabakho inyikima,+ kodwa uYehova wayengekho kuloo nyikima. 12 Emva kwenyikima kwabakho umlilo,+ kodwa uYehova wayengekho kuloo mlilo. Emva komlilo kwavakala ilizwi elizolileyo neliphantsi.+ 13 Wathi nje akuliva uEliya, wogquma ubuso ngesambatho sakhe sabaprofeti,+ waza waphuma wema emnyangweni womqolomba. Emva koko kwavakala ilizwi lisithi: “Ubekwa yintoni apha Eliya?” 14 Yena ke wathi: “Bendizimisele nyhani ukukhonza uYehova uThixo wemikhosi; kuba oonyana bakaSirayeli baye basaphula isivumelwano sakho,+ bazichitha izibingelelo zakho, nabaprofeti bakho bababulala ngekrele, ibe ndim kuphela oshiyekileyo. Ngoku bafuna ukundibulala.”+
15 UYehova wathi kuye: “Jika uye kwintlango yaseDamasko. Ukufika kwakho, uze uthambise uHazayeli+ abe ngukumkani waseSiriya. 16 UYehu umzukulwana kaNimshi uze umthambise+ abe ngukumkani wakwaSirayeli, uthambise uElisha* unyana kaShafati waseAbheli-mehola abe ngumprofeti endaweni yakho.+ 17 Nabani na osindayo kwikrele likaHazayeli,+ uYehu uza kumbulala;+ nabani na osindayo kwikrele likaYehu, uElisha uza kumbulala.+ 18 Ndisenabantu abayi-7 000 kwaSirayeli,+ abangaguqanga ngamadolo abo kuBhahali,+ nabangamphuzanga ngemilomo yabo.”+
19 Ngoko wemka apho waza wafumana uElisha unyana kaShafati elima ngeenkunzi zeenkomo eziyi-24, yena ekwezimbini zokugqibela. UEliya waya kuye waza waphosa isambatho sakhe sabaprofeti+ phezu kwakhe. 20 Yena ke wazishiya iinkunzi zeenkomo waleqa uEliya, wathi kuye: “Ndicela undivumele ndiyokuphuza utata nomama. Emva koko ndiza kukulandela.” Wathi yena kuye: “Hamba, khange ndikunqande, andithi!” 21 Ngoko wajika wayokuthatha iinkunzi zeenkomo ezimbini wabingelela ngazo, inyama yazo wayipheka ngezixhobo zokulima waza wayinika abantu bayitya. Emva koko waphakama walandela uEliya, waqalisa ukumsebenzela.+