Eyokuqala YooKumkani
6 Ngonyaka we-480 emva kokuba amaSirayeli ephumile* kwilizwe laseYiputa,+ kunyaka wesine uSolomon engukumkani kwaSirayeli, ngenyanga kaZivi*+ (oko kukuthi, inyanga yesibini), waqalisa ukwakha indlu kaYehova.*+ 2 Indlu uKumkani uSolomon awayakhela uYehova yayiziikubhite eziyi-60 ubude, iikubhite* eziyi-20 ububanzi neekubhite eziyi-30 ukuphakama.+ 3 Iveranda+ eyayingaphambi kwetempile* yayiziikubhite eziyi-20 ubude,* ilingana nobubanzi bendlu.* Yayiziikubhite ezilishumi ukusuka phambi kwendlu.
4 Le ndlu wayenzela iifestile ezazinkulu+ ngaphakathi zize zibe ncinci ngaphandle. 5 Wakha nesakhiwo esayame eludongeni lwendlu; sasilujikeleze lonke udonga lwendlu, olwetempile* kunye nolwelona gumbi lingaphakathi,+ ibe kwakukho amagumbi asecaleni macala onke.+ 6 Amagumbi asecaleni asezantsi ayeziikubhite ezintlanu ububanzi, aphakathi eziikubhite ezintandathu ububanzi, aze aphezulu abe ziikubhite ezisixhenxe ububanzi, kuba wayenze ungqameko macala onke ngaphandle endlini, ukuze kungabikho nto idibene nodonga lwendlu.+
7 Le ndlu yayakhiwe ngamatye ekwari awayesele exonxiwe,+ ukuze kungavakali zandi zahamile namazembe okanye naziphi na izixhobo zentsimbi kuyo xa isakhiwa. 8 Umnyango wegumbi elisecaleni elilelona lisezantsi wawukwicala elisemzantsi lendlu,+ yaye babeye benyuke ngezitepsi ezimajikojiko baye kweliphakathi, baze ukusuka kweliphakathi benyuke baye kwelesithathu. 9 Wayakha wayigqiba+ indlu, waza ngaphezulu wenza uphahla ngeepali zomsedare nangamaplanga omsedare.+ 10 Wakha amagumbi asecaleni ajikeleze indlu yonke,+ gumbi ngalinye liziikubhite ezintlanu ukuphakama, lidityaniswe nendlu ngamaplanga omthi womsedare.
11 Ngelo xesha, kwafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi: 12 “Ndiza kuzenza zonke izinto endazithembisa utata wakho uDavide ngale ndlu uyakhayo ukuba uyayithobela imithetho yam+ nemigwebo yam uze uyigcine yonke imiyalelo yam, uhambe ngayo,+ 13 ndize ndihlale phakathi kwamaSirayeli,+ ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.”+
14 USolomon wayakha le ndlu, esebenzela ukuyigqiba. 15 Wakha iindonga zangaphakathi ngamaplanga omsedare. Wazaleka ngamaplanga, ukusuka phantsi ukuya kutsho kumaplanga esilingi, waza phantsi wafaka amaplanga ejunipha.+ 16 Wakha indawo eziikubhite eziyi-20 ngasemva endlini ngamaplanga omsedare, ukususela phantsi ukuya kutsho kumaplanga esilingi, waza ngaphakathi kuyo* wakha elona gumbi lingaphakathi,+ eYona Ngcwele.+ 17 Kwaye itempile,*+ inxalenye yendlu eyayiphambi kwale ndawo, yayiziikubhite eziyi-40. 18 Umsedare owawungaphakathi endlini wawunemifanekiso ezotyiweyo yamathanga amancinci+ neentyatyambo ezidubuleyo.+ Yonke into yayingumsedare, kungekho litye libonakalayo.
19 Walungisa elona gumbi+ lingaphakathi lale ndlu ukuze ayibeke apho ityeya yesivumelwano kaYehova.+ 20 Elona gumbi lingaphakathi laliziikubhite eziyi-20 ubude, iikubhite eziyi-20 ububanzi neekubhite eziyi-20 ukuphakama;+ walaleka ngegolide esulungekileyo, waza waleka isibingelelo+ ngomsedare. 21 USolomon wayaleka ngegolide esulungekileyo indlu ngaphakathi,+ waxhoma amatsheyini egolide phambi kwelona gumbi+ lingaphakathi elalekwe ngegolide. 22 Wayaleka ngegolide indlu yonke, de yagqitywa yonke indlu; wasaleka ngegolide naso sonke isibingelelo+ esasingakwelona gumbi lingaphakathi.
23 Kwelona gumbi lingaphakathi wenza iikherubhi ezimbini+ ngompayina,* nganye iziikubhite ezilishumi ukuphakama.+ 24 Elinye iphiko lekherubhi laliziikubhite ezintlanu, nelinye liziikubhite ezintlanu. Ukususela kwincam yephiko ukusa kwenye incam yayiziikubhite ezilishumi. 25 Nekherubhi yesibini yayiziikubhite ezilishumi. Zombini ezi kherubhi zazilingana yaye zifana. 26 Ukuphakama kwenye ikherubhi kwakuziikubhite ezilishumi, yaye kwakunjalo nangenye ikherubhi. 27 Ezi kherubhi+ wazibeka kwindlu engaphakathi.* Amaphiko azo ayolulekile, iphiko lenye ikherubhi lifikelela eludongeni lize iphiko lenye lifikelele kolunye udonga, ibe namanye amaphiko azo ayolulekile, edibana embindini wendlu. 28 Wazaleka ngegolide iikherubhi.
29 Ezindongeni zonke zendlu macala onke, kumagumbi angaphakathi nangaphandle,* wazoba imifanekiso yeekherubhi,+ eyemithi yesundu+ neyeentyatyambo ezidubuleyo.+ 30 Wawaleka ngegolide umgangatho wendlu, kwigumbi elingaphakathi nelingaphandle. 31 Umnyango welona gumbi lingaphakathi wawenzela iingcango zompayina, iintsika ezisecaleni nemigubasi yenxalenye yesihlanu.* 32 Ezi ngcango zimbini yayizezompayina, yaye kuzo wazoba imifanekiso yeekherubhi, eyemithi yesundu neyeentyatyambo ezidubuleyo, waza wazaleka ngegolide; yaye iikherubhi nemithi yesundu wazityabeka ngegolide. 33 Wayenza ngaloo ndlela ke imigubasi yompayina yenxalenye yesine,* eyenzela umnyango wetempile.* 34 Wenza iingcango ezimbini ngamaplanga ejunipha. Olunye ucango lwalunamacala amabini awayejika ngeehenjisi, nolunye ucango lunamacala amabini awayejika ngeehenjisi.+ 35 Wazoba imifanekiso yeekherubhi, eyemithi yesundu neyeentyatyambo ezidubuleyo, waza wayaleka ngegolide.
36 Wakha iyadi engaphakathi+ enemiqolo emithathu yamatye aqingqiweyo nomqolo wamaplanga omsedare.+
37 Ngonyaka we-4, ngenyanga kaZivi,* kwabekwa isiseko sendlu kaYehova;+ 38 ngonyaka we-11, ngenyanga kaBhuli* (oko kukuthi, inyanga yesibhozo), yagqitywa indlu ngokweenkcukacha zayo zonke nangokweplani yayo.+ Wayakha ngeminyaka esixhenxe.