Yobhi
24 “Kutheni uSomandla engabeki xesha?+
Kutheni abo bamaziyo bengayiboni imini yakhe?*
8 Aba manzi tixi ziimvula zasezintabeni;
Ancathama emaweni kuba engenakhusi.
9 Usana olungenatata luxhwilwa ebeleni;+
Neempahla zamahlwempu ziyathathwa zibe sisibambiso,+
10 Anyanzeleke ukuba ahambe ze,
Athwale izithungu elambile.
12 Abantu bayagcuma besifa esixekweni;
Abenzakeleyo bakhalela uncedo,+
Kodwa uThixo akaboni nto imbi kuloo nto.*
Aze agqume ubuso bakhe.
16 Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,
Aze emini azivalele ezindlini zawo.
Awadibani nokukhanya.+
17 Wona awoyiki ebusuku njengabanye abantu;
Oyika ekuseni.
18 Kodwa akhawuleza emke namanzi.
Umhlaba wawo uza kuqalekiswa.+
Awazukubuyela kumasimi awo eediliya.
20 Baza kulityalwa ngoomama babo, batyiwe ziimpethu.
Abazukuphinda bakhunjulwe.+
Yaye abenzi-bubi baza kugawulwa njengomthi.
21 Baxhaphaza umfazi ongafumani bantwana,
Bamphathe kakubi umhlolokazi.
22 UThixo uza kubatshabalalisa abo bomeleleyo;
Nokuba bangaphakama, abaqinisekanga ngobomi babo.
23 UThixo uyabayeka bazithembe, bacinge ukuba bakhuselekile,+
Kodwa amehlo akhe abona yonke into abayenzayo.+
24 Bazukiswa okwethutyana, baze banyamalale.+
Bayathotywa+ baze bafe njengomntu wonke.
Baza kuqhawulwa njengezikhwebu.
25 Ngubani ke onokundiphikisa
Athi ndiyaxoka?”