Eyesibini YeziKronike
36 Emva koko abantu belo lizwe bathatha uYehowahazi+ unyana kaYosiya bamenza ukumkani eYerusalem endaweni katata wakhe.+ 2 UYehowahazi wayeneminyaka eyi-23 xa waba ngukumkani, yaye walawula iinyanga ezintathu eYerusalem. 3 Kodwa ukumkani waseYiputa wambhukuqa eYerusalem waza wabhatalisa ilizwe iitalente* zesilivere eziyi-100 netalente yegolide.+ 4 Ukumkani waseYiputa wenza uEliyakim umntakwaboYehowahazi ukumkani kwaYuda naseYerusalem. Walitshintsha igama lakhe languYehoyakim, kodwa uNeko+ wamthatha uYehowahazi umntakwabo, wamzisa eYiputa.+
5 UYehoyakim+ wayeneminyaka eyi-25 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem. Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ 6 UNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni weza kuye ukuze ambophe ngamakhamandela amabini ekopolo, waza wamsa eBhabhiloni.+ 7 UNebhukadenetsare wazithatha ezinye izinto zendlu kaYehova wazisa eBhabhiloni, wazibeka endlini yakhe.+ 8 Enye imbali kaYehoyakim, izinto ezimbi awazenzayo nezafunyanwayo ngaye, zibhaliwe eNcwadini YooKumkani BakwaSirayeli NabakwaYuda. Unyana wakhe uYehoyakin waba ngukumkani endaweni yakhe.+
9 UYehoyakin+ waba ngukumkani xa wayeneminyaka eyi-18, ibe walawula eYerusalem iinyanga ezintathu neentsuku ezilishumi, kwaye waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova.+ 10 Ekuqaleni konyaka,* uKumkani uNebhukadenetsare wathumela ukuba uYehoyakin aziswe eBhabhiloni+ kunye nezinto ezixabisekileyo zendlu kaYehova.+ Wenza uZedekiya ozalwa notata kaYehoyakin ukumkani wakwaYuda naseYerusalem.+
11 UZedekiya+ wayeneminyaka eyi-21 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-11 eYerusalem.+ 12 Waqhubeka esenza izinto ezimbi emehlweni kaYehova uThixo wakhe. Akazange azithobe kumprofeti uYeremiya,+ owayethetha ethunywa nguYehova. 13 Naye wamjikela uKumkani uNebhukadenetsare,+ owayemfungise ngoThixo, ibe waqhubeka enenkani,* nentliziyo yakhe wayenza lukhuni kangangokuba zange avume ukubuyela kuYehova uThixo kaSirayeli. 14 Zonke iintloko zababingeleli, nkqu nabantu, babeqatsele ekwenzeni izenzo zokungathembeki, besenza zonke izinto ezenyanyekayo zeentlanga. Nendlu kaYehova awayingcwalisa eYerusalem bayingcolisa.+
15 UYehova uThixo wookhokho babo, waqhubeka ebalumkisa ngabathunywa bakhe, ebalumkisa kaninzi-ninzi, kuba waba nosizi ngabantu bakhe nangendawo yakhe yokuhlala. 16 Kodwa baqhubeka bebagculela abathunywa boThixo wokwenene,+ bewacaphukela namazwi akhe.+ Babehlekisa ngabaprofeti bakhe+ de uYehova wanomsindo,+ kwada kwabonakala ukuba abazukuncedakala.
17 Wabazisela ukumkani wamaKhaledi,+ owabulala abafana babo ngekrele+ endlini yabo engcwele.+ Zange abe nalusizi ngomfana okanye ngentombi, omdala okanye ogulayo.+ UThixo wayinikela esandleni sakhe yonke into.+ 18 Zonke izinto zendlu kaThixo wokwenene, ezinkulu nezincinci, ubutyebi bendlu kaYehova, obukakumkani nobeenkosana zakhe, yonke nje into wayizisa eBhabhiloni.+ 19 Wayitshisa indlu yoThixo wokwenene,+ waludiliza udonga lwaseYerusalem,+ yaye zonke iinqaba zayo ezikhuselekileyo wazitshisa ngomlilo. Watshabalalisa kwanto exabisekileyo.+ 20 Abantu abasinda ekreleni wabathimbela eBhabhiloni,+ baba zizicaka zakhe+ nezoonyana bakhe de kwalawula ubukumkani* bamaPersi,+ 21 ukuze kwenzeke into uYehova awayithethayo ngoYeremiya,+ de ilizwe labe lizihlawule iisabatha zalo.+ Yonke imihla elahlala lingenabantu, lagcina isabatha, ukuze liyigqibe iminyaka eyi-70.+
22 Ngonyaka wokuqala kaKumkani uKoreshi+ wasePersi, uYehova wenza ukuba uKumkani uKoreshi wasePersi enze isaziso kubo bonke ubukumkani bakhe, aze asibhale phantsi,+ ukuze kwenzeke ngokwelizwi uYehova awalithetha ngoYeremiya.+ Esi saziso sasisithi: 23 “Uthi uKumkani uKoreshi wasePersi, ‘UYehova uThixo wamazulu uzinike mna zonke izizwe* zomhlaba,+ yaye undithumile ukuba ndimakhele indlu eYerusalem ekwaYuda.+ Nabani na phakathi kwenu ongowakhe, kwanga uYehova uThixo wakhe anganaye, yaye makenyuke.’”+