Eyesibini KaPetros
2 Kodwa ke, kwabakho abaprofeti bobuxoki phakathi kwabantu, njengoko kuza kubakho abafundisi bobuxoki naphakathi kwenu.+ Bona baza kungenisa amaqela atshabalalisayo bengabonwa mntu, bade bamlahle nalowo wabathengayo,+ bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo. 2 Ngaphezu koko, abaninzi baza kubalandela baze nabo baziphathe ngokungenazintloni,*+ yaye ngenxa yabo kuza kuthethwa kakubi ngendlela yenyaniso.+ 3 Ngenxa yokuba benyolukile, baza kunixokisa ukuze banixhaphaze. Kodwa, umgwebo abawubekelwa kwakudala+ uza ngokukhawuleza, ibe nakanjani na baza kutshabalala.+
4 Ngokuqinisekileyo uThixo wazohlwaya iingelosi ezonayo,+ waziphosa endaweni emnyama thsu, eTartaro,*+ ezibophe ngamatsheyini,* ukuze zilinde umgwebo.+ 5 Walohlwaya nehlabathi lakudala,+ kodwa wamkhusela uNowa, umshumayeli wobulungisa,+ kunye nabanye abasixhenxe+ xa wabatshabalalisa ngomkhukula abantu abangamthobeliyo uThixo.+ 6 Wazitshabalalisa zaluthuthu izixeko iSodom neGomora,+ ukuze abonise into eza kwenzeka kubantu abangamthobeliyo uThixo.+ 7 Kodwa wamsindisa uLote olilungisa,+ owayebuhlungu kakhulu yindlela ababeziphethe ngokungenazintloni* ngayo abantu abadelela umthetho. 8 Le ndoda ililungisa yayihlala ikhathazekile yonke imihla kukubona nokuva izinto ezimbi ezazisenziwa ngabantu eyayihlala phakathi kwabo. 9 Ngoko ke, uYehova* uyakwazi ukubasindisa esilingweni abantu abazinikele kuye,+ kodwa abantu abangengomalungisa ubagcinele imini yomgwebo ukuze batshatyalaliswe,+ 10 ingakumbi abo babelana nabanye ngesondo ukuze babangcolise,+ bedelela nabantu abasemagunyeni.+
Bangabantu abangenazintloni, abenza unothanda, bengoyiki ukuthetha kakubi ngabo banikwe uzuko, 11 kanti zona iingelosi, nangona zinamandla kunabo bantu, azibamangaleli ngokuthetha kakubi ngabo, kuba zihlonipha uYehova.*+ 12 Kodwa bona aba bantu, banjengezilwanyana ezingenangqondo, eziqhutywa lithuku, ezizalelwa ukubanjwa zize zibulawe.+ Bathetha kakubi ngezinto abangazaziyo, ibe izinto ezimbi abazenzayo ziza kubenza batshatyalaliswe, 13 besohlwaywa ngenxa yezinto ezimbi abazenzayo.
Bazonwabisa ngokuzanelisa ngeminqweno yenyama+ nasemini. Bangamabala amdaka angcolisa ibandla ngokuzimisela ukufundisa izinto ezilahlekisayo xa besemathekweni kunye nani.+ 14 Amehlo abo agcwele inkanuko,*+ yaye abakwazi kusiyeka isono, ibe batsala nabo bangazinzanga. Iintliziyo zabo ziqeqeshelwe ukuba zinyoluke. Bangabantwana abaqalekisiweyo. 15 Bayekile ukwenza izinto ezilungileyo kuba balahlekisiwe. Balandele uBhileham,+ unyana kaBhehore, owayethanda ukwenza izinto ezimbi kuba efuna ukubhatalwa,+ 16 kodwa wohlwaywa ngokophula kwakhe umthetho.+ Idonki engakwazi kuthetha yathetha ngathi ngumntu, yamnqanda loo mprofeti kuloo mpambano yakhe.+
17 Bayimithombo engenamanzi, nenkungu ephetshethwa sisaqhwithi esinamandla, yaye bagcinelwe isithokothoko sobumnyama.+ 18 Bathetha izinto ezinkulu kodwa ezingancedi nganto. Baziphatha ngokungenazintloni*+ ukuze batsale abo basanda kwahlukana nabantu abenza izono, bevusa iminqweno yabo yenyama.+ 19 Babathembisa ukuba baza kukhululeka, babe bona bengamakhoboka okwenza izinto ezimbi;+ kuba xa usoyiswa ngumntu, uba likhoboka lakhe.*+ 20 Kaloku xa abantu bephephe ukungcoliswa lihlabathi+ kuba beyazi kakuhle iNkosi noMsindisi uYesu Kristu, baze baphindele kwezi zinto, zize ziboyise, ngokuqinisekileyo imeko yabo iba mbi kunakuqala.+ 21 Ngekungcono ukuba bebengakhange bayazi indlela yobulungisa, kunokuba bathi sebeyazi bawushiye umthetho ongcwele abawunikiweyo.+ 22 Yenzeke kubo into ethethwa sisaci esithi: “Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nemazi yehagu ehlanjiweyo iphinde yaziqika-qika eludakeni.”+