Isaya
24 Jongani! uYehova ukhupha wonke umntu kweli lizwe,* ulenza lingabi nabantu.+
Uliqubudile+ waza wabachitha-chitha abantu balo.+
2 Kuza kufana kumntu wonke:
Abantu baza kufana nombingeleli,
Isicaka sifane nenkosi yaso,
Isicakakazi sifane nenkosikazi esiphetheyo,
Umthengi afane nomthengisi,
Umbolekisi afane nobolekayo,
Othatha inzala afane nobhatala inzala.+
Ilizwe elinemveliso liyabuna, liyaphela,
Izikhulu zelizwe ziphelelwa ngamandla.*
Yiloo nto abemi belizwe bephela,
Yaye kushiyeke nje abantu abambalwa.+
7 Iwayini entsha izilile,* umthi weediliya uyabuna,+
Nabo bonke abonwabileyo ezintliziyweni bayagcuma.+
8 Umculo omnandi wamagubu uphelile,
Ingxolo yabantu abaselonwabeni iphelile,
Umculo omyoli wohadi uphelile.+
9 Basela iwayini kungekho ngoma,
Utywala bukrakra nakubantu ababuselayo.
11 Ezitratweni bakhalela iwayini.
Kuphele nolo lonwabo;
Kuphele nolo vuyo belukho elizweni.+
13 Kuba kuza kuba nje kweli lizwe nakwizizwana:
Njengaxa kuvuthululwa umthi womnquma,+
Njengaxa kuchola-cholwa ekupheleni kwexesha lokuvuna iidiliya.+
14 Baza kungxola,
Bakhwaze bevuya.
Ukususela elwandle,* baza kuthetha ngobukhulu bukaYehova.+
15 Yiloo nto beza kuzukisa uYehova kummandla wokukhanya;*+
Kwiziqithi beza kuzukisa igama likaYehova, uThixo kaSirayeli.+
16 Siva ezi ngoma zivela kwezona ndawo zikude emhlabeni:
Kodwa mna ndithi: “Ndiyaphela, ndiyaphela!
Ndisengxakini! Abantu abanamaqhinga benza amaqhinga.
Benza amaqhinga abantu abanamaqhinga.”+
17 Ulindelwe kukoyika, yimingxuma nezabatha wena mmi welizwe.+
18 Nabani na obalekayo xa esiva isandi esoyikekayo uza kuwela emngxunyeni,
Nabani na ophumayo emngxunyeni uza kubanjiswa ngumgibe.+
Kuba iigeyithi zezikhukula zasezulwini ziza kuvulwa,
Neziseko zomhlaba ziza kunyikima.
20 Ilizwe ligxadazela okomntu onxilileyo,
Lihexa-hexa okwekhusi livuthelwa ngumoya.
Lisindwa zizono zalo,+
Liza kuwa, lingaze liphinde lime.
21 Ngaloo mini uYehova uza kuwugweba umkhosi waphezulu,
Agwebe nookumkani bomhlaba.
22 Baza kudityaniswa
Njengamabanjwa edityaniswe emngxunyeni.
Baza kuvalelwa ejele,
Baze emva kwemihla emininzi baphenduliswe.