18 Nabani na ozikhethayo ebantwini uzicingela yedwa;
Ufulathela bonke ubulumko.
2 Umntu osisidenge akakuthandi ukuqonda;
Endaweni yoko ukhetha ukukhupha into esentliziyweni yakhe.+
3 Xa kusiza umenzi-bubi, ukhatshwa yindelelo,
Ibe ukungahloniphi kuhamba nehlazo.+
4 Amazwi omlomo womntu ngamanzi anzulu.+
Umthombo wobulumko ngumsinga ompompozayo.
5 Akulunganga ukukhetha icala lomenzi-bubi,+
Okanye ukungalenzeli bulungisa ilungisa.+
6 Amazwi esidenge adala ingxabano,+
Ibe umlomo waso usibizela imivumbo.+
7 Umlomo wesidenge usifaka engxakini,+
Ibe imilebe yaso ingumgibe ebomini baso.
8 Amazwi omntu ongcolisa amagama abanye anjengentwana yokutya okumnandi;+
Abimbilizwa ayokutsho ngqo esiswini.+
9 Olivila emsebenzini wakhe
Ngumntakwabo walowo wonakalisayo.+
10 Igama likaYehova liyinqaba eyomeleleyo.+
Ilungisa libalekela kulo lize likhuseleke.+
11 Ubutyebi besinhanha bunjengesixeko saso esikhuselekileyo;
Bunjengodonga olukhuselayo engqondweni yaso.+
12 Phambi kokuwa intliziyo yomntu iyaziphakamisa,+
Ibe phambi kozuko kukho ukuthobeka.+
13 Ukuba nabani na uphendula into engekayiva kakuhle,
Bubudenge obo nehlazo.+
14 Umoya womntu unokumnceda anyamezele isifo,+
Kodwa ngubani onokunyamezela umoya oxhwalekileyo?+
15 Intliziyo yabantu abaqondayo ifumana ulwazi,+
Nendlebe yezilumko ifuna ulwazi.
16 Isipho somntu simvulela indlela;+
Simnceda akwazi ukufikelela kubantu abakhulu.
17 Omangala kuqala etyaleni uvakala echanile,+
De omnye umntu afike amncine.+
18 Iqashiso liphelisa ingxabano+
Lize lidale uxolo phakathi kwabo bangavaniyo.
19 Umhlobo okhubekileyo ulukhuni ngaphezu kwedolophu ekhuselekileyo,+
Ibe kukho iingxabano ezahlukanisa abantu njengemivalo yenqaba.+
20 Ngesiqhamo samazwi akhe umntu uza kugcwalisa isisu sakhe;+
Uza kwaneliswa yimveliso yemilebe yakhe.
21 Ukufa nobomi kusemandleni olwimi;+
Abo bakuthandayo ukulusebenzisa baza kutya isiqhamo salo.+
22 Umntu ofumene umfazi olungileyo ufumene into entle,+
Ibe uyathandwa nguYehova.+
23 Ihlwempu liyacenga xa lithetha,
Kodwa isityebi siphendula rhabaxa.
24 Kukho abantu abakulungeleyo ukutyumzana,+
Kodwa kukho umhlobo osondela ngaphezu komntakwenu.+