Isaya
2 Nantsi into awayibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngoYuda nangeYerusalem:+
Intaba yendlu kaYehova
Iza kuzinza izivelele iincopho zeentaba,+
Iphakanyiswe ngaphezu kweenduli,
Zize zonke iintlanga zibe ngumsinga ukuya kuyo.+
3 Izizwana ezininzi ziza kuhamba zize zithi:
“Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova,
Nasendlini kaThixo kaYakobi.+
Uza kusifundisa ngeendlela zakhe,
Siza kuhamba ezindleleni zakhe.”+
4 Uza kuzigweba iintlanga,
Alungelelanise imicimbi phakathi kwezizwana ezininzi.
Ziza kuwakhanda amakrele azo abe ngamakhuba
Nemikhonto yazo ibe zizinto zokuthena imithi.+
Uhlanga aluzukuphakamisela uhlanga ikrele,
Zingaphindi zifunde ukulwa imfazwe.+
6 Ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi,+
Kuba baye bathi phithi zizinto zaseMpuma.
Behleli nje benza imilingo+ njengamaFilisti,
Ibe kugcwele inzala yeentlanga phakathi kwabo.
7 Ilizwe labo ligcwele isilivere negolide,
Nobutyebi babo buninzi.
Ilizwe labo ligcwele amahashe,
Neenqwelo zabo zininzi kakhulu.+
8 Ilizwe labo ligcwele oothixo abangenaxabiso.+
Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo,
Kwizinto abazenze ngeminwe yabo.
9 Ngoko ke umntu uthotyiwe, wehlisiwe,
Ibe awunakukwazi ukumxolela.
10 Ngena eliweni uze uzifihle emhlabeni
Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehova,
Nangenxa yobukhulu bakhe.+
11 Amehlo anekratshi aza kwehliswa,
Ukukhukhumala kwabantu kuza kuthotywa.
NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini.
12 Kuba le yimini kaYehova wemikhosi.+
Iza kufikela wonke umntu okhukhumeleyo nozicingela bhetele,
Wonke umntu, nokuba uphakanyisiwe okanye uphantsi,+
13 Kuyo yonke imithi ephakamileyo yemisedare yaseLebhanon
Nakuyo yonke imithi yom-oki yaseBhashan,
14 Kuzo zonke iintaba eziphakamileyo
Nakuzo zonke iinduli eziphezulu,
15 Kuzo zonke iinqaba eziphakamileyo nakuzo zonke iindonga ezomeleleyo,
16 Kuzo zonke iinqanawa zaseTarshishe+
Nakuzo zonke izikhephe ezithandekayo.
17 Ikratshi lomntu liza kwehliswa,
Ukukhukhumala komntu kuza kuthotywa.
NguYehova yedwa oza kuphakanyiswa ngaloo mini.
18 Oothixo abangenaxabiso baza kunyamalala ngokupheleleyo.+
19 Abantu baza kungena emiqolombeni naphakathi kwamawa,
Emingxunyeni esemhlabeni,+
Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehova
Nangenxa yobukhulu bakhe,+
Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika.
20 Ngaloo mini abantu baza kubathatha oothixo babo abangenaxabiso nabenziwe ngesilivere negolide
Abazenzele bona ukuze baqubude kubo.
Baza kubaphosela koocwethe* nakumalulwane,+
21 Ukuze bangene emingxunyeni esemaweni
Nasezimfanteni zawo,
Ngenxa yokoyikeka kobukho bukaYehova
Nangenxa yobukhulu bakhe,
Xa ephakama ukuze enze umhlaba ungcangcazele ngenxa yokoyika.
Yintoni enenza nimthembe?