Sondela KuThixo
‘Umphefumlo Wakho Uya . . . Kuthoba Phezu Kwam.’
UKUTHOBEKA kunomtsalane. Sidla ngokutsaleleka kubantu abathobekileyo. Okubuhlungu kukuba kunzima ukufumana abantu abathobeke ngokwenene kweli hlabathi—ngokukodwa abo banegunya. Kuthekani ngoYehova uThixo, oyena mntu unegunya elingenamlinganiselo kuyo yonke indalo? Ngaba uthobekile? Makhe sihlalutye amazwi omprofeti uYeremiya akwiZililo 3:20, 21.—yiFunde.
UYeremiya wabhala iZililo ngexesha elinzima kwimbali yamaSirayeli. Wayesandula ukubona into eyamshiya enentliziyo ebuhlungu—ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni. Lo mprofeti usentlungwini wayesazi ukuba le ntlekele yayifanelekile kuba yayingumgwebo ovela kuThixo owawujoliswe kumaSirayeli ngenxa yezono zawo. Kodwa ngaba uYeremiya wasala engenathemba? Ngaba wayevakalelwa kukuba uYehova wayekude gqitha ukuba angabona abo baguquke ngokunyanisekileyo aze abahlangule? Khawuve uYeremiya njengoko ethetha ngokungathi umela abantu.
Nangona abantu abaninzi besentlungwini, uYeremiya unethemba. Ukhala kuYehova esithi: “Nakanjani na umphefumloa wakho [uYehova ngokwakhe] uya kukhumbula uze uthobe phezu kwam.” (Vesi 20) UYeremiya akathandabuzi. Uyazi ukuba uYehova akanakuze amlibale—okanye abo baguqukileyo phakathi kwabantu Bakhe. Uza kwenza ntoni uThixo usomandla?—ISityhilelo 15:3.
UYeremiya uqinisekile ukuba uYehova “uthobe phezu” kwabo baguquke ngokunyanisekileyo. Enye inguqulelo ithi: “Khumbula, uze undikhangele.” Loo mazwi avuselela uvelwano. UYehova, “Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke,” ukhangela ezantsi, ngokungathi kunjalo, aze abaphakamise abanquli bakhe kwintlungu abakuyo ukuze abamkele kwakhona. (INdumiso 83:18) Esomelezwa leli themba, uYeremiya uyathuthuzeleka. Lo mprofeti uthembekileyo uzimisele ukulinda ngomonde de ibe lixesha likaYehova elifanelekileyo lokuhlangula abantu Bakhe abaguqukileyo.—Vesi 21.
La mazwi kaYeremiya asifundisa izinto ezimbini ngoYehova. Okokuqala uthobekile. (INdumiso 18:35) Nangona “Ephakamile ngamandla,” uYehova ukulungele ukwehla eze kumgangatho wethu, ngokungathi kunjalo, asincede xa sityhafile. (Yobhi 37:23; INdumiso 113:5-7) Ngaba awathuthuzeli loo mazwi? Okwesibini, uYehova unenceba, “ukulungele ukuxolela” aboni abaguqukayo aze abamkele kwakhona. (INdumiso 86:5) Ezo mpawu zimbini—ukuthobeka nenceba—zihamba kunye.
Sinombulelo kuba uYehova akafani nabalawuli abangabantu kuba ikratshi labo libenza babe nenkani yaye bangabi naluvelwano. Ngaba ukulungele ukufunda okungakumbi ngalo Thixo uthobekileyo ukulungeleyo “ukukhangela” ukuze ancede abanquli bakhe babe nethemba?
Izibhalo onokuzifunda ngoJuni:
◼ Yeremiya 51-52; IZililo 1-5–Hezekile 1-5
[Umbhalo osemazantsi]
a Ababhali bamandulo bayitshintsha le vesi yathi “umphefumlo wam,” ngokungathi ibhekisa kuYeremiya. Kuyacaca ukuba babekholelwa ukuba kwakungafanele kubhekiselwe kuThixo ngokuthi ngumphefumlo, kuba eBhayibhileni eli gama libhekisela kwizidalwa zasemhlabeni. Kodwa ke iBhayibhile idla ngokusebenzisa isigama esaziwa ngabantu xa ithetha ngoThixo ukuze simqonde. Ekubeni igama elithi “umphefumlo” linokuthetha “ubomi esibuphilayo,” ibinzana elithi “ubomi bakho” libhekisa “kuwe.”
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 14]
UYehova ukulungele ukwehla eze kumgangatho wethu, ngokungathi kunjalo, asincede xa sityhafile