Isaya
8 UYehova wathi kum: “Thatha icwecwe elikhulu,+ ubhale le nto ngosiba,* ‘Mahere-shalali-hashe-bhazi.’* 2 Ubungqina mabubhalwe phantsi ngala mangqina* athembekileyo, u-Uriya+ umbingeleli noZekariya unyana kaYerebhekiya.”
3 Ndalala nomprofetikazi,* wakhulelwa, waza wazala umntwana oyinkwenkwe.+ Emva koko uYehova wathi kum: “Mthiye igama elinguMahere-shalali-hashe-bhazi, 4 kuba ngaphambi kokuba loo nkwenkwe ikwazi ukuthi, ‘Tata!’ nokuthi ‘Mama!’ ubutyebi baseDamasko namaxhoba aseSamariya aza kusiwa kukumkani waseAsiriya.”+
5 UYehova waphinda wathi kum:
6 “Ngenxa yokuba esi sizwana singawafuni amanzi aqukuqelayo aseShilowa,*+
Yaye siyayivuyela into eyenziwa nguRetsin unyana kaRemaliya,+
7 Ngoko ke jonga! UYehova uza kuthumela kuso
Amanzi oMlambo* anamandla namaninzi,
Ukumkani waseAsiriya+ nalo lonke uzuko lwakhe.
Abangele ziphuphume iindonga
8 Uza kukhukula noYuda.
Uza kumkhukula, ade afikelele entanyeni.+
Amaphiko akhe athe naa, aza kugcwalisa ububanzi belizwe lakho,
9 Yenzakalisani nina zizwana, kodwa niza kwaphulwa nibe ziingceba.
Mamelani nonke nina nisuka kwiindawo ezikude zomhlaba!
Lungelani idabi,* kodwa niza kwaphulwa nibe ziingceba!+
Lungelani idabi, kodwa niza kwaphulwa nibe ziingceba!
10 Cingani iqhinga, kodwa alizukuphumelela!
11 Endibambe ngesandla sakhe esomeleleyo, endilumkisa ukuba ndicezele kude kwindlela esenza ngayo esi sizwana, uYehova uye wathi kum:
12 “Uze ungathi liyelenqe into esithi esi sizwana liyelenqe!
Sukuyoyika into esiyoyikayo;
Mayingakungcangcazelisi.
13 NguYehova wemikhosi ofanele abe ngcwele kuni,+
Nguye enifanele nimoyike,
Yaye nguye ofanele anenze ningcangcazele.”+
14 Uza kuba yindawo engcwele,
Kodwa abe lilo nelitye lokubetheka
Nembokodo yokukhubeka+
Kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli,
Abe sisirhintyelo nomgibe
Kubemi baseYerusalem.
15 Abaninzi kubo baza kukhubeka bawe baze baphuke;
Baza kurhintyelwa baze babanjiswe.
17 Ndiza kuhlala ndilindele kuYehova,+ obufihlayo ubuso bakhe endlini kaYakobi,+ ibe ndiza kuthembela kuye.
18 Jongani! Mna nabantwana endibanikwe nguYehova+ sibubungqina+ nemimangaliso kwaSirayeli evela kuYehova wemikhosi, ohlala eNtabeni YeZiyon.
19 Ukuba kunokwenzeka bathi kuni: “Celani emagqirheni okanye kubavumisi abatswitswizayo nabahumzelayo,” abafanelanga abantu babuze kuThixo na? Ngaba kufanele kubuzelwe abaphilayo kwabafileyo?+ 20 Endaweni yaloo nto, bafanele babuze ngomthetho nangobungqina obubhaliweyo!
Xa bengathethi ngokweli lizwi, akukho ukukhanya kubo.*+ 21 Ngamnye uza kudlula elizweni esentlungwini yaye elambile.+ Ngenxa yokulamba nokucaphuka, uza kuqalekisa ukumkani wakhe, ejonge phezulu athuke noThixo wakhe. 22 Emva koko uza kujonga emhlabeni aze abone intlungu yodwa nobumnyama, ukusithakala, amaxesha obunzima nesithokothoko, kungekho kukhanya.