Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
10 Ndifuna nazi bazalwana, ukuba ookhokho bethu babehamba phantsi kwelifu,+ yaye bonke banqumla elwandle+ 2 ibe bonke babhaptizelwa kuMoses ngelifu nangolwandle, 3 yaye bonke batya ukutya okufanayo okuvela kuThixo,+ 4 basela amanzi afanayo avela kuThixo.+ Kuba bonke babeqhele ukusela kwilitye elikhulu elalibalandela, yaye elo litye lalithetha uKristu.*+ 5 Noko ke, uThixo akazange akholiswe luninzi lwabo, kuba batshatyalaliswa entlango.+
6 Ezi zinto zabhalelwa ukufundisa thina, ukuze singafuni ukwenza izinto ezonzakalisayo njengabo.+ 7 Masingazikhonzi nezithixo, njengokuba abanye babezikhonza, njengoko kubhaliwe kwathiwa: “Abantu bahlala phantsi, batya, basela. Emva koko baphakama bazonwabisa.”+ 8 Masingaziphathi kakubi ngesondo,* njengokuba abanye babo benzayo, kwaza kwafa abantu abayi-23 000 ngemini enye.+ 9 Masingamlingi uYehova*+ njengokuba abanye bamlingayo, baza batyiwa ziinyoka bafa.+ 10 Masingakhalazi nokukhalaza, njengokuba abanye benzayo,+ baza babulawa ngumtshabalalisi.+ 11 Ezi zinto zenzekayo kubo ziyasifundisa, ibe zabhalelwa ukusilumkisa, thina baphila kwixesha lesiphelo.*+
12 Ngoko ke, umntu ocinga ukuba umile makalumke angawi.+ 13 Zonke izilingo enizifumeneyo ziqhelekile ebantwini.+ Kodwa ke uThixo uthembekile, ibe akazukuniyekela nilingwe ngento eningenakumelana nayo,+ kodwa uza kuninika indlela yokuphuma kweso silingo ukuze nikwazi ukusinyamezela.+
14 Ngoko ke bazalwana bam endibathandayo, ningaze nikhonze izithixo.+ 15 Ndithetha nabantu abakwaziyo ukusebenzisa ingqondo; zigqibeleni ngokwenu ukuba le nto ndiyithethayo iyinyaniso na. 16 Ngaba indebe yewayini esibulela uThixo ngayo, ayimeli igazi likaKristu?+ Ngaba isonka esisiqhekezayo asimeli umzimba kaKristu?+ 17 Ekubeni sisinye isonka, nathi singumzimba omnye nangona sibaninzi,+ kuba sonke sitya kweso sonka sinye.
18 Khanicinge ngamaSirayeli: Xa ayesitya imibingelelo, ngaba kwakungafani nokuba atya kunye noThixo?+ 19 Ndithetha ukuthini ke? Ngaba ndithi ibalulekile into ebingelelwe kwisithixo? Ngaba ndithi isithixo siyaphila? 20 Anditsho; kodwa ndithi izinto iintlanga ezizibingelelayo zizibingelela kwiidemon,+ hayi kuThixo; ibe andifuni kubekho nto enidibanisa needemon.+ 21 Aninakusela kwindebe kaYehova* nakwindebe yeedemon. Aninakutya “etafileni kaYehova”*+ nasetafileni yeedemon. 22 Okanye ‘ngaba sifuna ukwenza uYehova* abe nekhwele’?+ Asinamandla kunaye, andithi?
23 Zonke izinto zisemthethweni,* kodwa ayizizo zonke eziluncedo. Zonke izinto zisemthethweni, kodwa ayizizo zonke ezakhayo.+ 24 Mntu ngamnye makangafuni kulungelwe yena, kodwa makafune kulungelwe abanye.+
25 Yityani nayiphi na inyama ethengiswayo, ningabuzi kuba nikhathazwa zizazela zenu, 26 kuba “ngokaYehova* umhlaba nazo zonke izinto ezikuwo.”+ 27 Ukuba nimenywa ngumntu ongakholwayo, nibe nifuna ukuya, yityani yonke into ebekwa phambi kwenu, ningabuzi kuba nikhathazwa zizazela zenu. 28 Kodwa ukuba kukho umntu othi kuni, “Le yinto ekubingelelwe ngayo,” nize ningayityi ngenxa yaloo mntu unixeleleyo nangenxa yezazela.+ 29 Andithethi ngezazela zenu, kodwa ndithetha ngezazela zabanye. Kuba andifuni kuyisebenzisa le nkululeko, ndize ndigwetywe zizazela zabanye abantu ngenxa yaloo nto.+ 30 Ukuba ndibulele kuThixo ngento endiyityayo, kutheni kuza kuthethwa kakubi ngam xa nditye into endiye ndabulela uThixo ngayo?+
31 Ngoko ke, kungakhathaliseki ukuba niyatya, niyasela okanye nenza nantoni na, yonke into yenzeleni ukuzukisa uThixo.+ 32 Zigadeni ningakhubekisi amaYuda, amaGrike nebandla likaThixo,+ 33 kanye njengokuba nam ndizama ukuba kulungelwe bonke abantu, ndingafuni ukuba kulungelwe mna,+ kodwa kulungelwe abantu abaninzi ukuze basindiswe.+