Kubalisa UMateyu
2 Emva kokuba uYesu ezelwe eBhetelehem+ kwaYuda ngemihla kaKumkani uHerode,*+ kwafika eYerusalem abavumisi ngeenkwenkwezi bevela eMpuma, 2 besithi: “Uphi lo kumkani wamaYuda uzelweyo?+ Kuba sibone inkwenkwezi yakhe xa besiseMpuma, ngoku sizokumnika imbeko.”* 3 UKumkani uHerode nabo bonke abantu baseYerusalem bacaphuka bakuva loo nto. 4 Wabiza bonke ababingeleli abaziintloko nababhali, wababuza ukuba wayeza kuzalelwa phi uKristu.* 5 Bathi: “EBhetelehem+ kwaYuda, kuba umprofeti wabhala wathi: 6 ‘Nawe, Bhetelehem yelizwe lakwaYuda, mabangakujongeli phantsi abalawuli bakwaYuda, kuba kuwe kuza kuphuma umlawuli oza kwalusa abantu bam amaSirayeli.’”+
7 Emva koko uHerode wababizela kuye abavumisi ngeenkwenkwezi bengabonwa ngabantu, wababuza ukuba bayibone nini kanye kanye le nkwenkwezi. 8 Wabathuma eBhetelehem, esithi: “Hambani niyokumkhangelisisa lo mntwana, nizokundixelela xa nimfumene ukuze nam ndiyokumnika imbeko.” 9 Emva kokuba bemvile ukumkani, bahamba. Inkwenkwezi ababeyibonile xa babeseMpuma+ yahamba phambi kwabo, de yaya kuma phezu kwendawo awayekuyo lo mntwana. 10 Bathe bakuyibona le nkwenkwezi, bavuya kakhulu. 11 Bathi bakungena endlini, bambona lo mntwana ephethwe ngumama wakhe uMariya, baguqa bembonisa imbeko.* Bamnika izipho ababemphathele zona, igolide, intlaka yokuqhumisa nemore. 12 Kodwa ngenxa yokuba uThixo wayebayalele ephupheni+ ukuba bangabuyeli kuHerode, bahamba ngenye indlela xa bebuyela kwilizwe labo.
13 Emva kokuba behambile, ingelosi kaYehova* yabonakala kuYosefu ephupheni,+ yathi: “Vuka, thatha umntwana nomama wakhe, nibalekele eYiputa, nihlale apho de ndithi buyani, kuba ngoku uHerode uza kumkhangela lo mntwana ukuze ambulale.” 14 Ngoko uYosefu wavuka, waza ngobusuku njalo wathatha umntwana nomama wakhe, waya eYiputa. 15 Wahlala apho de wasweleka uHerode. Yatsho yenzeka into eyayithethwe nguYehova* ngomprofeti wakhe, esithi: “Ndathi unyana wam makabuye eYiputa.”+
16 Uthe uHerode akubona ukuba uqhathiwe ngabavumisi ngeenkwenkwezi, wanomsindo, waza wathi makubulawe onke amakhwenkwe aseBhetelehem nakuzo zonke iingingqi zayo, aneminyaka emibini nangaphantsi, kuba leyo yiminyaka awayeyive ngabavumisi ngeenkwenkwezi.+ 17 Kwabe ke kwenzeka into eyayithethwe ngumprofeti uYeremiya, esithi: 18 “Kwavakala ilizwi eRama, kulilwa kakhulu. YayinguRakeli+ ekhalela abantwana bakhe, engathuthuzeleki, kuba bengasekho.”+
19 Emva kokuba efile uHerode, ingelosi kaYehova* yabonakala kuYosefu ephupheni+ eseYiputa, 20 yathi: “Vuka, uthathe umntwana nomama wakhe uye kwaSirayeli, kuba bafile abo bebefuna ukumbulala.” 21 Ngoko wavuka wathatha umntwana nomama wakhe, waya nabo kwaSirayeli. 22 Kodwa wathi akuva ukuba ngoku nguArkelawo unyana kaHerode olawula kwaYuda, woyika ukuya apho. UThixo wathi kuye ephupheni+ makaye kummandla waseGalili.+ 23 Waya kuhlala kwisixeko saseNazarete,+ ukuze kwenzeke into eyayithethwe ngabaprofeti, besithi: “Kuza kuthiwa ngowaseNazarete.”*+