Kwabase-Efese
6 Bantwana, bathobeleni abazali benu+ ngokwendlela eyamkelekileyo eNkosini, kuba nenza ubulungisa xa nisenza loo nto. 2 Umyalelo othi, “Hlonipha utata wakho nomama wakho,”+ ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: 3 “Ukuze zikuhambele kakuhle izinto uze uphile ixesha elide emhlabeni.” 4 Nani botata, sanukubacaphukisa abantwana benu,+ kodwa qhubekani nibakhulisa ngokubaqeqesha+ nangokubafundisa ngendlela kaYehova.*+
5 Nina makhoboka, zithobeleni ngokusuka entliziyweni iinkosi zenu ezingabantu,+ nizihlonipha kakhulu yaye nizoyika, njengokuba nisenza kuKristu, 6 hayi kuphela xa nibonwa, ngokungathi nenzela abantu,+ kodwa njengamakhoboka kaKristu, nisenza ukuthanda kukaThixo ngomphefumlo wonke.*+ 7 Zisebenzeleni ngokuzimisela iinkosi zenu ngokungathi nenzela uYehova,*+ hayi abantu, 8 kuba niyayazi ukuba, nantoni na entle umntu ayenzayo, uza kuyibuyiselwa nguYehova,*+ nokuba ulikhoboka okanye akalilo. 9 Nani zinkosi, qhubekani niwaphatha kakuhle amakhoboka enu, ningawatyityimbiseli umnwe, kuba niyayazi ukuba iNkosi yawo neyenu isezulwini,+ yaye ayikhethi buso.
10 Okokugqibela, qhubekani nifuna amandla+ eNkosini kuba inawo. 11 Zinxibeni zonke iimpahla zokuzikhusela+ ezivela kuThixo ukuze nikwazi ukulwa namaqhinga kaMtyholi. 12 Kuba asilwi nabantu,*+ kodwa silwa noorhulumente, namagunya, nabalawuli beli hlabathi lisebumnyameni, kunye nemikhosi yemimoya emibi+ esezulwini. 13 Ngoko zithatheni zonke iimpahla zokuzikhusela ezivela kuThixo,+ ukuze nikwazi ukuxhathisa ngemini embi, nize emva kokuba nigqibe yonke into, nihlale niqinile.
14 Ngoko ke, yimani niqinile, nibhinqe inyaniso okwebhanti ezinqeni zenu,+ ninxibe ubulungisa okwento yokukhusela isifuba,+ 15 neenyawo zenu nizinxibise ukuze nilungele ukuthetha iindaba ezilungileyo zoxolo.+ 16 Ngaphezu kwezinto zonke, thathani ikhaka elikhulu elilukholo,+ eniza kukwazi ukucima ngalo zonke iintolo ezivuthayo zomenzi-bubi.+ 17 Thathani nomnqwazi wokukhusela intloko olusindiso,+ nekrele lomoya, oko kukuthi, ilizwi likaThixo,+ 18 niqhubeke nisebenzisa zonke iindlela zokuthandaza+ nokucenga uThixo ngawo onke amaxesha nikhokelwa ngumoya wakhe.+ Ukuze nikwazi ukuyenza loo nto, hlalani nithe qwa, nisoloko nibacengela kuThixo abangcwele. 19 Ndithandazeleni nam, ukuze ndiwanikwe amazwi emandiwathethe xa ndivula umlomo, ndikwazi ukuthetha ngesibindi xa ndishumayela ngemfihlelo engcwele yeendaba ezilungileyo+ 20 endingunozakuzaku wayo+ obanjiweyo, nokuze ndithethe ngayo ngesibindi, njengokuba ndimele ndenze njalo.
21 UTikiko+ umzalwana othandekayo noyisebenzela ngokuthembeka iNkosi, uza kunixelela yonke into ukuze nazi ukuba ndihleli njani.+ 22 Ndimthumela kanye ngenxa yaloo nto, ukuze nazi ukuba sinjani aze anithuthuzele.
23 Kwanga abazalwana bangaba noxolo nothando kunye nokholo oluvela kuThixo uTata nakwiNkosi uYesu Kristu. 24 Kwanga uThixo angabenzela ububele* bonke abo bayithanda ngokungazenzisiyo iNkosi yethu uYesu Kristu.