Genesis
25 Ngoku uAbraham waphinda wazithathela umfazi, yaye igama lakhe yayinguKetura. 2 Ekuhambeni kwexesha wamzalela uZimran, uYokeshan, uMedan, uMidiyan,+ uIshibhaki noShuwaha.+
3 UYokeshan wazala uShebha noDedan.
Oonyana bakaDedan yayinguAshure, uLetushi noLewumi.*
4 Oonyana bakaMidiyan yayinguEfa, uEfere, uHanoki, uAbhida noEldaha.
Bonke aba yayingoonyana bakaKetura.
5 Ekuhambeni kwexesha uAbraham wanika uIsake yonke into awayenayo,+ 6 kodwa abanye oonyana bakhe ababezelwe ngabanye abafazi bakhe,* wabanika izipho. Waza ke wabakhulula bemka kuIsake unyana wakhe,+ ngoxa wayesaphila, baya ngasempuma, kwilizwe laseMpuma. 7 Iminyaka awayiphilayo uAbraham yaba yiminyaka eyi-175. 8 Emva koko uAbraham waphefumla okokugqibela, waza wafa aluphele yaye anelisekile, wahlanganiselwa kubantu bakowabo.* 9 Oonyana bakhe, uIsake noIshmayeli, bamngcwabela kumqolomba waseMakaphela, owawungaphambi kweMamre, entsimini kaEfron unyana kaTsohare umHiti,+ 10 ntsimi leyo yayithengwe nguAbraham koonyana bakaHeti. Wangcwatyelwa khona uAbraham, noSara umfazi wakhe.+ 11 Emva kokuba uAbraham efile, uThixo waqhubeka emsikelela uIsake+ unyana wakhe, yaye wayehlala kufuphi naseBhere-lahayi-royi.+
12 Le yimbali kaIshmayeli+ unyana ka-Abraham, lo uHagare+ umYiputa, isicakakazi sikaSara, wamzalela uAbraham.
13 Nanga amagama oonyana bakaIshmayeli, amagama abo ngokwemvelaphi yeentsapho zabo: izibulo likaIshmayeli nguNebhayoti,+ ibe nguKedare,+ uAdebhele, uMibhesam,+ 14 uMishma, uDuma, uMasa, 15 uHadadi, uTema, uYeture, uNafishi noKedema. 16 Abo ngoonyana bakaIshmayeli, yaye ngamagama abo lawo ngokweendawo zabo zokuhlala nangokweenkampu zabo,* iinkosi eziyi-12 ngokwezizwana zazo.+ 17 UIshmayeli waphila iminyaka eyi-137. Emva koko waphefumla okokugqibela waza wafa, yaye wahlanganiselwa kubantu bakowabo.* 18 Bahlala eHavila+ kufuphi neShure,+ ekufuphi neYiputa, bada bayokufika naseAsiriya. Wahlala kufuphi nabo bonke abantakwabo.*+
19 Le yimbali kaIsake unyana ka-Abraham.+
UAbraham wazala uIsake. 20 UIsake wayeneminyaka eyi-40 xa watshata noRebheka, intombi kaBhetuweli+ umAram wasePadan-aram, udadeboLabhan umAram. 21 UIsake wayesoloko emcenga uYehova ngomfazi wakhe, kuba wayengafumani bantwana; ngoko uYehova wasiphendula isicelo sakhe, waza uRebheka umfazi wakhe wamitha. 22 Oonyana ababengaphakathi kuye baqalisa ukulwa,+ wade wathi: “Ukuba iza kuba nje le nto, ndisaphilela ntoni ke?” Ngoko wabuza kuYehova. 23 Wathi uYehova kuye: “Kukho iintlanga ezimbini esibelekweni sakho,+ yaye kuza kwahlukana izizwana ezibini ngaphakathi kwakho.+ Olunye uhlanga luza komelela kakhulu kunolunye,+ yaye omkhulu uza kuba sisicaka somncinci.”+
24 Xa kwafika ixesha lokuba abeleke, tyhini! wayenamawele esibelekweni sakhe. 25 Laphuma elokuqala libomvu lonke njengesambatho soboya,+ ngoko bathi igama lalo nguEsawu.*+ 26 Emva koko kwaphuma umntakwabo ebambelele esithendeni sikaEsawu,+ bathi yena nguYakobi.*+ UIsake wayeneminyaka eyi-60 xa babezalwa.
27 Ekukhuleni kwawo la makhwenkwe, uEsawu waba ngumzingeli oyincutshe,+ indoda yasendle, yena uYakobi wayeyindoda engenakusoleka, ehlala ezintenteni.+ 28 Yaye uIsake wayemthanda uEsawu, kuba wayesoloko emphathela inyamakazi, ngoxa yena uRebheka wayethanda uYakobi.+ 29 Ngenye imini uYakobi wayepheka isityu, wafika uEsawu esuka endle, ediniwe. 30 Ngoko uEsawu wathi kuYakobi: “Khawulezisa ndiyakucela, ndiphe intwana* yeso sityu sakho sibomvu,* kuba ndidiniwe!”* Yiloo nto igama lakhe kwathiwa nguEdom.*+ 31 Wathi uYakobi: “Qala undithengisele ilungelo lakho lokuba lizibulo!”+ 32 UEsawu wathi: “Naku ndisifa ngoku! Buza kundenzela ntoni ubuzibulo?” 33 UYakobi wathi: “Ndifungele kuqala!” Wamfungela waza wamthengisela uYakobi ilungelo lakhe lokuba lizibulo.+ 34 Emva koko uYakobi wanika uEsawu isonka nesityu seelentile, watya wasela, waza wemka. Ngoko uEsawu wabudela ubuzibulo.